YouVersion Logo
Search Icon

UISAYA 56

56
UThixo ngoweentlanga zonke
1*UNdikhoyo uthethe wenjenje:
“Yenzani okusemthethweni noko kulungileyo.
Kaloku usindiso lwam lukufuphi,
nobulungisa bam buza kutyhileka.
2Unoyolo ke umntu owenjenjalo,
nditsho umntu oyibambisisayo,
lowo uwuhlonelayo *uMhla wokuPhumla,
umntu ongawudeliyo awuxabhele,
nditsho ozigcinayo angenzi bubi konke.”
3Intlanga ezibandakanya noNdikhoyo mayingathi:
“Inene uNdikhoyo wondikhetha kubantu bakhe.”
Nendoda elithenwa mayingakhalazi ithi:
“Mna ndinjengomthi ongenahlumela.”
4Kumathenwa uNdikhoyo uthi:
“Ukuba niyawuhlonela *uMhla wokuPhumla,
ukuba nizimisele ukwenza izinto ezindikholisayo,
niwugcine ngokupheleleyo umnqophiso wam,
5ndonenzela isikhumbuzo negama endlwini yam,
elingaphezu kokuba noonyana neentombi,
nditsho igama elingasoze litshitshe.
6Iintlanga ezizibandakanya noNdikhoyo,
ezizinikeleyo kuye zimsebenzela,
ezizimiseleyo ukuba zizicaka zakhe,
lowo uwuhloneleyo uMhla wokuPhumla,
umntu ongawudeliyo awuxabhele,
owuthobelayo pheleleyo umnqophiso wam –
7abanjalo ndobasa kwintaba yam eyodwa,
bonwabe endlwini yam yokuthandaza.
Amadini abo atshiswayo kunye neminikelo
aya kwamkeleka kwiqonga lam lamadini.
Kaloku indlu yam kothiwa yindlu yokuthandaza iintlanga zonke. ”
8Utsho ke uMhlekazi uNdikhoyo,
nditsho umqokeleli weembacu zikaSirayeli:
“Ndisaza kuqokelela nabanye
ngaphandle kwâbo sendibaqokelele.”
Iinkokheli ziyagxekwa
9Yizani nonke, marhamncwa, nibaqwenge,
nina zinyamakazi nezilo zamahlathi.
10Kaloku iinkokheli zabo aziboni,
zizonke nje zititsekile
nqwa nezinja ezimumekileyo,
nditsho izinja ezingakhonkothiyo,
ezibhuqa-bhuqeka zide ziphuphe,
ezilangazelela ubuthongo kuphela.
11Zifana nqwa nezinja ngokunyoluka;
zizingxala ngokutya, kodwa azihluthi.
Zinjalo nezi nkokheli, zivaleke mba;
zonke zenza ngokuzithandela;
ngulowo nalowo usemva kwenzuzo.
12Ungaziva zisithi:
“Yizani sihambe siye etywaleni;
masibutye sibuphathe ngeembambo.
Nangomso yiloo nto – okanye kothi kratya!”

Currently Selected:

UISAYA 56: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy