YouVersion Logo
Search Icon

UISAYA 5

5
Ingoma engesidiliya
1Makhe ndintyiloze ndivum' ingoma,
ingoma ngogxa wam nesidiliya sakhe.
Ugxa wam wayenesidiliya
kwinduli echuma kunene.
2Wawuphethula umhlaba, wawageqa amatye,
waza watyala idiliya yodidi.
Kwalapho wakha nemboniselo;
ngokunjalo wenza nesixovulelo.
Waza ke wanqumama ekholosile;
suka ke zona iidiliya zavela zingezizo.
3“Athi ke, nina bemi baseJerusalem,
ngokunjalo nani, bantu bakwaJuda!
Ndiyanibongoza, khanahlule phakathi kwam nesidiliya sam.
4Ngaba yintoni endingasenzelanga yona?
Yiyiphi enye into engendisenzele yona?
Ngaba uphi undonakele?
Kaloku mna ndithe ndijonge iidiliya,
suka sona savelisa ezingezizo.
5Phulaphulani ke, mna ndinixelele,
nantsi into endiya kusenza yona:
ndoyisusa loo nto ndisibiyele ngayo,
sitsho sibe sisisulu sokubhuqwa;
ndiya kuzidiliza iindonga ezisibiyeleyo,
imidiliya ibe sisisulu sokunyathelwa.
6Ndosiyeka nje, side sibe lifusi;
isidiliya singàthenwa, singàhlakulwa,
sikhule utshungu nenkunzane.
Namafu ngokwawo ndowagunyazisa
ukuze angasiphatheli namvula.”
7Isidiliya *sikaNdikhoyo onamandla onke yindlu kaSirayeli;
ewe, esi sidiliya ngamaJuda, wona angumyezo oligugu lakhe.
Yena walindela okusemthethweni kuwo,
suka wona ee dyubhu ngobutyadidi begazi!
Wayelindele ubulungisa kuwo,
suka yasisijwili sokuzibika!
Isohlwayo ngenxa yobundlobongela
8Kunyembelekile ke kuni,
kuba nithatha imizi ninemizi.
Nongeza amasimi, ninawo amasimi,
nifunzel' ukugqiba konke tu,
ibe nini nodwa abemi kweli lizwe.
9Ndimvile *uNdikhoyo onamandla onke;
ewe, ufunge wathi:
“Ngenene la mapomakazi ezindlu ndowatsho akhal' ibhungane,
neenzwakazi zemizi zoba ngamanxuwa.
10Kwisidiliya esiziindima ezilishumi
kuya kuphuma umphanda wewayini kuphela,
ize yona imbewu ezele ingobozi
ivelise isitya sengqolowa kuphela.”
11Yeha! Kunyembelekile kuni,
nina bavuka ekuseni,
nisukelana notywala kube njeya;
nina bajikeleza kude kube sebusuku,
nide nibe zizinxada-nxada kukunxila!
12Kwezo ziyunguma sisigingci nehapu,
umrhubhe nefluthi, ndawonye notywala;
uNdikhoyo yena animkhathalele,
nemisebenzi ayenzayo aniyihoyanga.
13Ngenxa yokuba bengaqiqi
abantu bam baza kuthinjwa.
Oomaqhuzu babo bofa yindlala,
ngokunjalo nomndilili ufe lunxano.
14Ngoko ke elabafileyo libalambele;
ewe, ingcwaba likhamise ng'aa,
liza kuziqongqoloza izihandiba zaseJerusalem.
Ngokunjalo nezihlwele ziya kutshona kulo,
ingabi yongxolo ke, ibe yingxuba kaxaka!
15Abantu baya kuthotywa bawe bhaxa;
abakhukhumeleyo baya kuhlazeka.
16Kodwa ke uNdikhoyo onamandla onke
uphakanyiswa bubulungisa bakhe;
ewe, yena uThixo onguYedwa
wozicacisa ngobulungisa bakhe.
17Amatakane aya kutya kuloo mabhodlo,
nawebhokhwe atsho afumane idlelo.
18Lusizi lodwa kwabarhuqa ukona ngomnxeba wokuxoka,
abo balandelwa sisono ngathi basirhuqa ngentsontela,
19abo bathi: “UThixo makakhawulezise;
makangxame enze sibone kaloku.
Masifike isicwangciso sikaYedwa kaSirayeli,
ukuze nathi sibe nokusiqonda.”
20Kulusizi kwabathi ububi kokuhle,
nakwabo bathi okuhle bububi;
nditsho abathi ubumnyama kukukhanya,
bajike bathi ukukhanya bubumnyama.
Bona ekrakrayo bathi imnandi,
ukanti emnandi bathi iyakrakra.
21Kunyembelekile kwabo bazicingela ukuba bazizilumko;
nditsho abo bazicingela ukuba bandwebile.
22Yeha ke nina, makroti asetywaleni,
nina bangamachule okuxuba utywala;
23nditsho nina bamkhululayo onetyala,
ngenxa yokuba nifumene isicengo,
nina babugqwethayo ubulungisa komsulwa!
24Ngoko ke niya kufana nomququ,
wona ulencwayo lidangatye;
nani niya kuba njengengca,
yona ishwatyaniswayo ngumlilo.
Niya kusuka nibole iingcambu;
intyatyambo yenu iya kuvuthuluka.
Kaloku niyimangele ingqeqesho kaNdikhoyo onamandla onke,
nalitshica ilizwi likaYedwa kaSirayeli.
25Ewe, uNdikhoyo uyalwa nabantu bakhe;
wosuka abathi mpaka ngesandla sakhe!
Ke zona iintaba zonyikima,
izidumbu zibe yinkunkuma ezitalatweni.
Naxa kunjalo nje usavutha ngumsindo;
ewe, akajiki, uyalekuza.
26UNdikhoyo uza kuxhokonxa isizwe esikude;
uza kuntyontyela esiseziphelweni zehlabathi.
Nâso ke sisiza sigxalathelana!
27Amajoni aso akakhubeki, engadinwa;
wona akozeli, akalali nokulala.
Ezawo iibhanti azikhululeki,
nemitya yeembadada zawo ayiqhawuki.
28Iintolo zawo azibukhali, ziingcangula;
ewe, ziinto ezihlala zityedile.
Iimpuphu zamahashe – nyengane yakwabani!
Ke wona amavili eenqwelo sisitshu.
29Ziinto ezivungama okwengonyama;
ewe, umgqumo wazo ngathi yingonyama entsha.
Zigragrama zilithi xhwii ixhoba lazo,
zilithi xhakamfu kungabikho unokulamla.
30Ngaloo mini ke zibhavumla phezu kwalo,
zitsho ngomgqumo ngathi lulwandle.
Wothi wakukrwaqula ke kulo mhlaba
ufike uyinkxwaleko nembonde-mbonde,
ukukhanya kuginywe bubumnyama bamafu.

Currently Selected:

UISAYA 5: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy