YouVersion Logo
Search Icon

UISAYA 43

43
UThixo uthembisa ukukhulula abantu bakhe
1Ngoku ke *uNdikhoyo, umdali wakho, Yakobi, nombumbi wakho, Sirayeli, uthi:
“Uze ungaxhali wena, ndikuhlawulele;
ndikubize ngegama, ungowam ncakasana.
2Noba sewucand' emanzini,
mna ndiya kuba nawe;
noba sowuwela imilambo,
ayisoze ibe nako ukukukhukulisa;
nditsho sowucand' emlilweni, soze urhawuke;
amadangatye akanakukutshisa wena.
3Kaloku mna Ndikhoyo ndinguThixo wakho,
uYedwa kaSirayeli, uMhlanguli wakho.
Ndinikezela ngeJiputa ukukuhlawulela;
iKushe neSebha zothath' indawo yakho.
4Kum uxabisekile ke kambe;
yeka elo wonga, andikuthandi ngako!
Ndincam' izizwe ngenxa yakho;
ndinikezel' iintlanga, ndizuze wena.
5Uze ungaxhali, ndinawe mna;
inzala yakho ndoyiqokelela empumalanga,
nina ndiniphuthume nasentshonalanga.
6Kwelasentla ndothi: ‘Bakhulule bagoduke,’
kwelasezantsi ndithi: ‘Ungabathinteli.’
Oonyana bam babuyise kwelikude,
neentombi zam eziphelweni zehlabathi,
7nditsho wonke umntu obizwa ngegama lam,
wonke endamdalela udumo lwam,
wonke endambumbayo ndamenza.”
8Yiza nâbo bantu bangaboniyo benamehlo,
uze nâbo bangaphulaphuliyo beneendlebe.
9Zibizeni zonke izizwe;
mazihlanganisane iintlanga.
*Koothixo bazo nguwuphi owayixelayo le nto yenzekayo namhlanje,
wasazisa nangezinto ezenzeke mandulo?
Ewe, mazize nawazo amangqina,
khon' ukuze abevayo bathi: “Axel' inyaniso.”
10“Ke nina ningamangqina am,” utsho uNdikhoyo,
“izicaka zam endazinyulayo,
ukuze nindazi nikholose ngam,
niqonde ukuba ndinguye endinguye.
Ngaphambi kwam akukhange kubekho thixo;
ewe, yaye engasoze abekho.
11Mna ndim uNdikhoyo,
ndim ndedwa ohlangulayo.
12Mna andingothixo wasemzini kuni.
Kaloku ndaxela, ndahlangula, ndavakalisa.
Nina ngokwenu ningamangqina am ukuba ndinguThixo,”
utsho uNdikhoyo.
13“Ewe, bendingokhoyo kwamandulo;
akukho kuphuncuka esandleni sam;
endikwenzayo akujikwa mntu.”
UThixo uvelisa into entsha
14*UNdikhoyo uMkhululi wenu,
yena uYedwa kaSirayeli, uthi:
“Ngenxa yenu ndothumela eBhabheli,
atsho amaKaledi asabe ngezo nqanawa zawo zeqhayiya.
15Mna ndinguNdikhoyo, uYedwa wenu,
uMdali noKumkani wakho, Sirayeli.”
16Utsho uNdikhoyo,
umavul' indlela enqumla elwandle,
nditsho indlela ecanda kumsinga olephuzayo;
17umkhosi wamagorha wawurholela enzonzobileni,
uwonke nje iinqwelo namahashe;
wafadalala, soze uphinde uthini,
wafuthaniselwa mpela njengekhandlela:
18“Kambe ke sanukubambelela kwisiganeko sezolo;
hayi bo, sanukunokoza ezamandulo.
19Khangelani ke, ngoku ndenza entsha;
ewe, seyisenzeka, nani niyayibona.
Ndiza kuvul' indlela enkangala,
kutsho kuqukuqele imilambo entlango.
20Neenyamakazi ngokwazo zondihlonela,
oodyakalashe neenciniba zindincome,
xa sendimpompozis' amanz' entlango,
kubalek' imilambo enkangala,
khon' ukuze lusel' usapho lwam,
nditsho usapho olukhethiweyo,
21bantu abo ke ndazidalelayo,
khon' ukuze bandidumise.”
Isono sikaSirayeli
22*UNdikhoyo uthi:
“Suka ke wena, Yakobi, akwandinqula;
ewe, suka akwaziduba ngam, wena Sirayeli.
23Akuwenzelanga mna amadini atshiswayo;
ewe, akundiwonganga ngeminikelo.
Phofu akuxhanyulwanga ndim ngamadini;
andikukhathazanga nangaziqhumiso.
24Akundenzelanga siqhumiso sivumba limnandi,
ungandanelisanga nangamanqatha ezilwanyana;
suka wandisinda ngezono zakho,
wandikruqula ngemikhuba oyenzayo.
25“Ukanti mna ndim ozisusayo izono zakho.
Ndenjenjalo ngenxa yesidima sam;
ukundivukela kwakho sobe ndibe sakukhumbula.
26Yiza ke undimangalele;
yiza kaloku sixoxe,
ukuze kucace onetyala.
27Kaloku ukhokho wenu wôna,
neenkokheli zenu zandivukela.
28Mna ndozihlazisa izithwala-ndwe zesibingelelo senu,
ngoko ke uYakobi ndomzisela intshabalalo;
ewe, amaSirayeli ndiwayekele abe sisigculelo.”

Currently Selected:

UISAYA 43: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy