YouVersion Logo
Search Icon

UISAYA 40

40
Iindaba zovuyo
1“Thuthuzelani, bathuthuzeleni abantu bam,”
utsho kaloku uThixo wenu.
2“Thethani kakuhle neJerusalem;
dandulukani niyixelele ukuba umzabalazo wayo ufezekile.
Kaloku izono zayo zixolelwe;
*uNdikhoyo uyibonelele ngaphezu kunobugwenxa bayo.”
3Nâlo ilizwi lidanduluka lisithi:
“UNdikhoyo mhlahleleni indlela entlango;
uThixo wethu mgeceleni uhola kwelibharhileyo.
4Zonke izigingqi mazidityelelwe,
iintaba neenduli zidilizwe zibe ngamathafa,
ke zona izixhobo zigqalwe zibe ziintili,
amageduka aletyelwe abe zizithabazi.
5Ke ubungangamsha bukaNdikhoyo buya kutyhileka,
lonke uluntu lububone.
Kaloku lowo ngumlomo kaNdikhoyo.”
6Ndeva ilizwi lisithi:
“Suka udanduluke uthethe.”
Ndibuze ndathi: “Ndithethe ndithini na?”
“Yithi: ‘Bonke abantu banjengengca;
ubomi babo bulingana nobeentyatyambo.
7Kaloku ingca iyabuna, ivuthuluke intyatyambo
yakubethwa ngumoya kaNdikhoyo.
Ngenene uluntu nqwa nengca.
8Ingca iyatshaza, yona ke intyatyambo ibune,
ke lona ilizwi loThixo wethu lohlala lihleli.’ ”
9Phakama unyukele entabeni, wena Ziyon,
sigidimi seendaba ezimnandi.
Danduluka umemeze, wena Jerusalem,
mvakalisi weendaba ezimnandi.
Sukoyika, danduluka umemeze.
Yithi kwiidolophu zelakwaJuda:
“Nanko ke uThixo wenu.”
10Kaloku iNkosi uNdikhoyo iza ngokomelela;
iya kutsho ngolawulo olungqongqo.
Kananjalo iphethe neziqhamo zomsebenzi wayo;
ewe, ihamba nebuyambo lemigudu yayo.
11Yona njengomalusi iyawulondoloza umhlambi;
amatakane iwaqokelela iwafunqule,
ke zona ezanyisayo izithundeze.
12Ngubani okhe alinganise amanzi ngethende lesandla,
okanye olinganisa isibhakabhaka ngesandla?
Mlinganiselo mni ongavalela uthuli lomhlaba,
isisiphi isikali sokulinganisa iinduli neentaba?
13Ngubani ongaze amazi ncam uNdikhoyo,
ingubani khona omcebisayo?
14Kakade uThixo lo ubhenela kubani,
ingubani ongamfundisa okusesikweni?
Ngubani ke omphokozela ulwazi,
aze ambonise indlela yobulumko?
15Ngenene izizwe zifana nethontsi lamanzi ethungeni,
nqwa nothuli azivakali nasesikalini;
neziqithi ngokukwanjalo.
16Amahlathi aseLebhanon akawanele umlilo,
neenyamakazi zakhona azilanele idini elitshiswayo.
17Izizwe zonke azinto kuThixo;
yena akazazele nto konke-konke.
18Angalinganiswa nabani na uThixo?
Khona, angafanekiswa nantoni?
19Akafani nomfanekiso oqingqwa yingcibi,
uze utyatyekwe ngegolide ngumnyibilikisi,
uhonjiswe ngamakhonkco esiliva.
20Ihlwempu elingenasiliva nagolide
lithatha umthi ongàdliwayo yimpehla,
lifune ichule lomchweli,
lona loqingqa umfanekiso ongashukumiyo.
21Ngaba anazi na?
Ngaba zange nive na?
Zange nixelelwe na kwamandulo?
Anikuqaphelanga ukusekwa kwehlabathi?
22Kaloku ladalwa ngulo ungqendeve esihlalweni
emajukujukwini ngaphaya kwesibhakabhaka;
kuye uluntu olu lunjengentothoviyane.
Ngumtwabululi-sibhakabhaka njengomkhusane,
asaneke njengentente yokuhlala.
23Iinkosi uzitsho zigqush' eluthulini,
izithwala-ndwe azivuthulule zingabi nto yanto.
24Zithi zingekatyalwa nokutyalwa,
ewe, zingekamili nokumila oku,
suka azibhudle ngomoya zibune,
isaqhwithi simke nazo njengomququ.
25“Ngubani ke eningandilinganisa naye,
ingubani endingade ndifane naye?”
Uyabuza uThixo onguYedwa.
26Khawujonge phezulu esibhakabhakeni;
zidalwe ngubani ezi zinto?
Lo uzikhokela njengomkhosi iinkwenkwezi
yena uyalazi nenani lazo.
Uzibiza ngamagama zonke ngazinye;
ewe, akanganganto amandla akhe,
ngoko akunakulahleka nob' ibe nye.
27Ngani ke, Yakobi, ukuba ukhalaze,
nditsho wena, Sirayeli, ukuba uthi:
“UNdikhoyo akabuqondi ubume bam;
uThixo wam akandazeleleli nganto”?
28Kanti ngaba awazi na?
Ngaba zange uve na?
UNdikhoyo nguThixo onguSonini-nanini;
yena ngumdali wehlabathi jikelele.
Yena soze adinwe atyhafe,
nengqiqo yakhe ayiphengululeki.
29Yena ngumhlaziyi wâbo batyhafileyo,
umomelezi wâbo bangenamandla.
30Kanti ke nolutsha luyadinwa lutyhafe,
abafana bakhubeke bawe,
31kambe ke bona abakholosa ngoNdikhoyo
bosuka bahlaziyeke bomelele.
Bosuka bantinge baxel' ukhozi;
noba sebebaleka, soze badinwe;
ewe, baya kuhamba bangaze batyhafe.

Currently Selected:

UISAYA 40: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy