YouVersion Logo
Search Icon

UISAYA 4

4
1Ke kaloku abafazi abasixhenxe bobambelela ndodeni-nye, bathi: “Sinako ukuzixhasa ngokutya nempahla yokunxiba; kambe ke into esiyicelayo kukuba sibizwe ngegama lakho, ukuze siphume ehlazweni.”
Ikamva leJerusalem
2Ngelo xesha ke ihlumelo eliveliswe *nguNdikhoyo liya kukhula ligabadele libe lihle gqitha. Ke imveliso yomhlaba iya kuba ligugu nebhongo kuloo maSirayeli asindileyo. 3Elo qaqobana labantu abachongwe nguThixo basala eJerusalem bokwaziwa ngokuba ngabantu bakaThixo ncakasana.
4Kaloku iNkosi iya kukuhlambulula ukungcola kwabafazi baseZiyon, iligutyule negazi eliphalele eJerusalem, nto leyo iya kuyenza ngoMoya wayo ogwebayo, uMoya wayo ovuthayo. 5Intaba iZiyon nabo bonke abakuyo uNdikhoyo uya kubagubungela ngelifu alidalileyo elirhuqayo emini, aze ngokuhlwa abakhanyisele ngedangatye eliqaqambileyo. Ewe, uThixo isixeko eso uya kusisitha asikhusele ngobungangamsha bakhe. 6Ngenene isixeko esi siya kuba semthunzini ngexa lasemini, sibe yinqaba sikhuseleke ezimvuleni nakwiinkqwithela.

Currently Selected:

UISAYA 4: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy