YouVersion Logo
Search Icon

UISAYA 39

39
Izigidimi zaseBhabheli
(2 Kum 20:12-19)
1Ke kaloku ngelo xesha ukumkani waseBhabheli, uMerodaki-bhaladan unyana kaBhaladan, weva ukuba ukumkani uHezekiya ubekhe wagula wabuya wachacha. Ngoko wambhalela iileta, wazithumela ngezigidimi kunye nesipho. 2Zifikile ke, uHezekiya wavuya, wazamkela, waza wazibonisa konke okwakukoovimba bakhe: isiliva, igolide, ubulawu, neziqholo, ngokunjalo nazo zonke izikrweqe zomkhosi. Wazingenisa kubo bonke oovimba bakhe, akwabikho nto zingayibonanga apho ebhotwe nakubukumkani bakhe buphela.
3*Umshumayeli uIsaya ke waya kukumkani uHezekiya, wafika wabuza wathi: “La madoda ebevela phi, efuna ntoni khona?”
UHezekiya uphendule wathi: “Aphuma kwelikude, eBhabheli, esiza kum.”
4“Ngaba kukho nto ayibonileyo ke apha komkhulu?” ubuzile umshumayeli.
UHezekile uphendule ngelithi: “Akukho nto angayibonanga. Ndiwangenise kubo bonke oovimba bam.”
5Waza ke uIsaya wathi kuHezekiya: “Nali ke ilizwi *likaNdikhoyo onamandla onke: 6‘Ngenene kuza ithuba apho yonke into elapha komkhulu nalo lonke ilifa elashiywa ngooyihlo ukuza kuthi gaa namhlanje, liya kuthinjwa, lifuduselwe eBhabheli.’ Ewe, uNdikhoyo uthi akukho nto iya kusala. 7Abanye kubazukulwana besinqe sakho kanye baya kuthinjwa, baze benziwe amathenwa, babe zizicaka kwibhotwe lokumkani waseBhabheli.”
8“Eli lizwi likaNdikhoyo ulithethayo lifanelekile,” uphendule watsho uHezekiya. Kaloku wayesithi: “Noko kuya kubakho inzolo nokhuseleko ngemihla yokudla kwam ubomi.”

Currently Selected:

UISAYA 39: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy