YouVersion Logo
Search Icon

UISAYA 38

38
Ukugula kukaHezekiya
(2 Kum 20:1-11; 2 Gan 32:24-26)
1Ngelo thuba ke ukumkani uHezekiya wahlabeka, waza wagulela ukungabikho. *Umshumayeli uIsaya, unyana ka-Amozi, waya kumbona, waza wathi kuye: “*UNdikhoyo uthi: ‘Lungisa imicimbi yomzi wakho ime kakuhle, kuba uza kufa, awuzukuphila.’ ”
2Ke uHezekiya wasuka wafulathela, wajonga eludongeni, wathandaza kuNdikhoyo, wathi: 3“Khumbula kaloku, Ndikhoyo, ukuba oko ndakunqulayo ndikukhonza ngentembeko nokunyaniseka, ndaba soloko ndihamba ngokomyalelo wakho.” Suka ke wangqukruleka kabuhlungu.
4UNdikhoyo wayalela uIsaya ngelithi: 5“Xelela uHezekiya uthi: ‘Nali ilizwi elithethwa nguNdikhoyo uThixo kayihlo uDavide: Ndiwuvile umthandazo wakho, ndazibona neenyembezi zakho. Ndiza kubongeza ngeminyaka elishumi elinesihlanu ubomi bakho. 6Futhi ndiza kukuhlangula wena kunye nesi sixeko kwisandla sokumkani waseAsiriya. Esi sixeko ndiza kusikhusela.’ ”
7UIsaya uqhube wathi: “Nanku umqondiso kaNdikhoyo ocacisa ukuba yena uya kwenza ngokwesithembiso sakhe: 8umthunzi welanga uza kuwuhlehlisa iinyawo ezilishumi, ubuye umva kulaa ndawo ukuyo kwisitupu sika-Ahazi.”
Ngenene ke umthunzi welanga wahlehla iinyawo ezilishumi.
Umbongo kaHezekiya
9Ke kaloku akuphila uHezekiya, ukumkani wakwaJuda, wenza lo mbongo:
10“Phantse ndathi kanye xa ndiyindoda
kwafuneka ndindwendwele kwelabafileyo,
phofu ndingazukuphinda ndibuxhamle ubomi.
11Besendisithi soze ndibe sambona apha *uNdikhoyo;
besendimncamile kweli lizwe labaphilayo.
Bendisithi ndahlukene noluntu mpela,
kwanokuhamba-hamba kweli gada lomhlaba.
12Besendifana nephempe labelusi,
ndisithi ubomi bam bunqanyulwe.
Njengelaphu lomsonti nam phantse ndasongwa;
imini nobusuku bendisithi kum iphelil' intw' ebithethwa.
13Bendizibamba ngeenkophe kude kuse;
suka yena wandigramza njengengonyama.
Imini nobusuku bendisithi kum iphelil' intw' ebithethwa.
14Ilizwi lam belinkwiniza ngokwenkonjane,
ndiphatha kubhonga njengehobe.
Amehlo ade aluzizi ndijonge phezulu.
Khawulamle, Mhlekazi, ndafa!
15“Yaz'ba ndingathetha ndithini na kodwa?
Kuba lo ngumlomo wakho;
ewe, oku kukwenza kwakho.
Maxa onke ndohlala ndidakumbile
ngenxa yokudandatheka komoya wam.
16Ewe, Mhlekazi, kuphilwa ngolu hlobo;
nomoya wam ngoku wanelisekile.
Ndinyange nditsho ndibe ngumqaba-qaba,
ngoko ke ndiphilele wena.
17Ubukrakra bube lusizo kum;
undihlangule kubo bonke ububi,
waza ke wazixolela nezono zam.
18Akukho bani ukudumisayo engcwabeni;
nokufa akumemeleli kukubonge.
Abafileyo abakholosanga nganto;
abakunanzanga nokunyaniseka kwakho.
19Kanti ke abaphilayo ngabo abakudumisayo,
njengokuba nam ndisenjenjalo namhlanje;
ooyise bona bagqithisela kubantwana,
bebaxelela ngokunyaniseka kwakho.
20Ewe, Ndikhoyo, undiphilisile.
Ngoku ke songqungqa simemelele,
sintyiloze sitsho ngezentambula;
siya kukudumisa endlwini yakho
ngayo yonke imihla yobomi bethu.”
21Kaloku uIsaya wayeyalele wathi: “Ithumba elo libekeleni ngentlama yomkhiwane, ukuze liphole, aphile umhlekazi.”
22UHezekiya wabuza kuIsaya wathi: “Woba yintoni na umqondiso wokuba ndophinda ndibe nako ukuya endlwini kaNdikhoyo?”

Currently Selected:

UISAYA 38: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy