YouVersion Logo
Search Icon

UISAYA 31

31
Thembelani kuNdikhoyo
1Kunyembelekile kwabo babhenela kuncedo lweJiputa;
nditsho abo bathembela kumahashe,
abo bakholosa ngeenqwelo eziyinyambalala,
nabaqamele ngobukroti bamajoni,
nditsho amajoni amahashe,
abantu abangamjongele nto uYedwa kaSirayeli,
nditsho abangasifuniyo isiluleko *sikaNdikhoyo.
2Ukanti yena sisilumko, angasivulela nesithwakumbe;
ewe, elakhe ilizwi alidliwa nja!
Koko wosuka ayivukele indlu yezikhohlakali,
abohlwaye abancedisana nabenzi bobubi.
3La maJiputandin' asiThixo, koko ngabantu,
namahashe awo asimhlola, koko zizilwanyana.
UNdikhoyo wothi angaphakama ibe ziziqwenga,
ke yena umncedisi atsho akhubeke,
aze ke yena umncedwa awe bhaxa,
bonke bavuthuluke batshabalale.
4UNdikhoyo uthethe nam wenjenje:
“Abelusi bangafanelana beqobisa ngemikhwazo,
kodwa ngunotshe ukuba bayothuse ingonyama,
ingakumbi xa seyilibambile ixhoba layo.
Ngokunjalo nam ke akukho bani unokundinqanda
ekuyikhuseleni kwam intaba iZiyon,
mna Ndikhoyo uSomandla.
5Njengentaka ikhusela amathole ayo,
nam, mna Ndikhoyo onguSomandla-onke,
ndiya kwenjenjalo ukuyihlanganisela iJerusalem.
Ewe, ndoyikhusela ndiyikhulule;
ndogqitha kuyo ndiyisindise.”
6UNdikhoyo uthethe wathi: “MaSirayeli, nonile ngokundifulathela. Ngoko ke ngoku buyani! 7Kaloku iyeza imini apho nonke niya kulilahla eli zothe liyile mifanekiso niyiqingqe ngesiliva nangegolide.
8“UAsiriya ke yena wofela emfazweni.
Phofu ke akayi koselwa krele lamntu:
kovela krele limbi, lisuke limngxwelerhe.
Kweso sithuba ke wosuka aswantsule,
abafana bakhe ke bona benziwe amakhoboka.
9Injengele yakhe yosuka ingenwe bubuphaku-phaku,
nezinxiba-mxhaka zosuka zirhwaqele zoyike,
zide zibaleke zilahle kanye nayo nembasa yomkhosi.”
Etshilo nje ke uNdikhoyo utshilo,
Ndikhoyo lowo omlilo uvuthayo eZiyon,
omsi wamadini utsho ngomlembelele eJerusalem!

Currently Selected:

UISAYA 31: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy