YouVersion Logo
Search Icon

UISAYA 3

3
Umbhodamo eJerusalem
1Nanko ke *uNdikhoyo onamandla onke!
EJerusalem nakwaJuda ubhubhisa yonke into
okwakuyinkxaso nesixhaso.
Uza kutshayela kuthi tu
ukutya ngokunjalo namanzi.
2Asisathethi ke ngamagorha namajoni,
abagwebi kwakunye *nabashumayeli,
oosangoma ngokunjalo neenkunkqela,
3iingqwayi-ngqwayi zomkhosi noosomaqhuzu,
amaphakathi nawo onke amachule,
abakhafuli kanti nabemilingo.
4UNdikhoyo uya kubayekela abantu balawulwe ngamakhwenkwe,
amagosa abo abe ngabantu abangenankathalo.
5Kaloku abantu baya kuxhaphazana,
ibe nguwashiywa nowashiywa,
nakubamelwane kube kwanjalo,
nabantwana bangabahloneli abadala,
nabaphantsi bangazikhathaleli izihandiba.
6Ewe, liyeza ixesha apho abendlu enye baya kunyanzelana bathi:
“Ngokuba wena unawo nomnweba
ngoko ke sikhokele kuwo lo mbodamo.”
7Kambe ke lowo uya kuphendula athi:
“Hayi, ndiyekeni, andinako mpela mna.
Ndiyimpula kalujaca; andinakutya nazambatho;
ngoko ke andinako ukunikhokela.”
8Kaloku iJerusalem iyafadalala
nelakwaJuda livuthulukile.
Kaloku ukuthetha nokwenza kwabo kusoloko kuchasene noNdikhoyo.
UThixo bamdelile; abamazele nto mpela.
9Ubutyala babo abufihlakali;
kaloku banjengeSodom, badlisela ngokona.
Futhi ke abanazazela ngaloo nto;
ewe, kunyembelekile kubo!
Isikhuni sibuye nomkhwezeli.
10Kambe ke, hayi inyhweba yâbo balungisayo!
Bona baya kuxhamla iziqhamo zemisebenzi yabo.
11Kodwa ke kunyembelekile ngakwizikhohlakali,
kuba zojikelwa kwazizenzo zazo.
12Abantu bam baxhatshazwa naziimveku,
bade balawulwe nangabafazi.
Ewe, lusapho lwam, iinkokheli zenu ziyanintlokothisa;
senide nadideka, anayazi nemaniyenze.
Intlekele kwelakwaJuda
13Ngoku *uNdikhoyo uzimisele ukuxoxa;
seleza kugweba iintlanga.
14Ewe, uza kuwisa isigwebo kumadod' amakhulu nakumatshawe.
Nasi isityholo asimisayo:
“Nini abanqwamze isidiliya,
nemizi yenu iyaphuphuma zizinto eniziphange kubantu abahlelelekileyo.
15Ngani ukuba nibaxushe abantu bam?
Ngani ukuba niwaxhaphaze amahlwempu?
Lumkani ke, kuba ndithethile mna Ndikhoyo onamandla onke.”
Isilumkiso kumabhinqa aseJerusalem
16*UNdikhoyo uyathetha, uthi:
“Asikratshi kubafazi baseJerusalem!
Bafathula nje, beqhiwul' iintamo.
Ungafika belaqaza, becel' injezu.
Ewe, nâbo bechul' ukunyathela,
bekrocozisa loo miliza yabo.
17Ewe, ndiza kubagugula iinwele,
ndibarhawule ngesikhakh' entloko,
batsho ngaloo mabunzi achengezelayo.”
18Ewe, uyeza umhla apho iNkosi iya kubohlutha konke abazidla ngako abafazi baseJerusalem – nditsho loo miliza bayinxibayo, naloo malaphu bawathwalayo, amaso ngokunjalo, 19neebhengile namacici. Iya kuzisusa izigqubuthelo zabo, 20iminqwazi, izacholo zamaqatha, imitya ehonjisiweyo esinqeni, amaso anesiqholo, kunye namakhubalo. 21Iya kuyohlutha naloo misesane bayifaka eminweni nasezimpumlweni, 22nditsho zonke iingubo, imiwundu-wundu neelokhwe, ngokunjalo nezipaji, 23nezipili. Iya kuthatha nezo lokhwe zabo zicikiziweyo, iitshefu zelinen nezikhafu, naloo malaphu bagquma iintloko ngawo.
24Mh-mh-mh, kuthi khaphu!
Kaloku abasaziqholi!
Ngoku abasenabhanti; babhinqa ngeentsontela.
Neenwele zigugulwe; asiyonkqayi; yehaa!
Abasenalokhwe ngoku, bayadlakazela.
Ubunzwakazi babo sebukukuhlazeka.
25Okwakungamadoda esixekweni apho,
nditsho namagorha la embala,
akayi kubuya emfazweni.
26Ewe, namasango esixeko ngokwawo osuka ahlahlambe agixe,
nesixeko ngokwaso sofana nomfazi othe bhaxa phantsi ngengub' esele.

Currently Selected:

UISAYA 3: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy