YouVersion Logo
Search Icon

UISAYA 2

2
Uxolo olungaphele ndawo
(Mika 4:1-3)
1Olu ludaba olwatyhilelwa uIsaya unyana ka-Amozi ngokuphathelele kuJuda neJerusalem:
2Ke kaloku ngemihla yokugqibela
intaba emi kuyo indlu *kaNdikhoyo
iya kuba yeyona ibalaseleyo,
izikrobele zonke iinduli;
nezizwe zonke ziya kugxalathelana ukuya kuyo.
3Ewe, abantu abaninzi baya kuza, bathi:
“Yizani siye entabeni kaNdikhoyo,
endlwini kaThixo kaYakobi.
Yena wosifundisa iindlela zakhe,
ukuze thina sihambe ngazo.”
Kaloku umthetho wophuma eZiyon,
liphume eJerusalem ilizwi likaNdikhoyo.
4Nguye oya kugweba phakathi kwezizwe,
abe ngumlamli phakathi kweentlanga ngeentlanga,
wona amakrele azo ziwenze amakhuba,
yona imikhonto ibe zizitshetshe zokuthena imithi.
Kaloku izizwe soze ziphinde ziqulelane ngamakrele,
zingasayi kuze ziphinde ziyiqeqeshelwe imfazwe.
5Ngoko ke, nzala kaYakobi,
yizani sihambe ngokukhanya okuvela kuNdikhoyo!
Abaziphakamisayo baya kutshitshiswa
6Kambe ke wena, Thixo wethu,
ubalahlile abantu bakho,
nditsho indlu kaSirayeli!
Kaloku bathene nca nezangoma –
ezasempuma nezo zaseFilistiya –
bayavumisa batsho ngehlombe bekunye neentlanga.
7Nelizwe labo liphuphum' isiliva negolide;
ubutyebi babo abunambaliso.
Nomhlaba wabo uzele ngamahashe;
yinyambalala iinqwelo zabo zemfazwe.
8Awu! Asiyomifanekiso kwilizwe labo!
Kaloku bakhahlela kwaizinto ezenziwe kwangabo;
banqula umsebenzi wezandla zabo.
9Ewe, uluntu luphuthile,
ngenene abantu bahlazekile.
Ngoko ke ungaze ubaxolele!
10Ke bona baya kuzifaka emaweni,
bazimele baziqhusheke nasemhlabeni,
kuba besoyika ingqumbo *kaNdikhoyo,
bebaleka ukukhazimla kobungangamsha bakhe.
11Ikratshi lomntu lihlalele ukuphuthiswa,
nokukhukhumala kwakhe kuthotywe.
Ngaloo mini ke nguNdikhoyo yedwa oya kubalasela.
12Kaloku uNdikhoyo onamandla onke uwumisile umhla wembubho;
baya kuthi shuu abanekratshi nabaziphakamisayo,
nditsho abaqwanyileyo nabaqhoshayo.
13Uya kuyincothula naloo misedare mide yaseLebhanon,
ayitoncule naloo mioki yaseBhashan.
14Uya kuzibhukuqa neenkaba-nkaba zeentaba,
azilebele neencochoyi zeenduli.
15Andisathethi ke ngeemboniselo eziziinkelekethe.
Koba njalo ke nakuzo zonke iinqaba.
16Iinqanawa zokurhweba wozitshonisa,
ade antywilisele nezakhiwe ngobugcisa.
17Ewe, ikratshi lomntu liya kuphuthiswa,
nokukhukhumala kwakhe kuthotywe,
ngaloo mini ibe nguNdikhoyo yedwa obalaseleyo.
18Ngenene ke yona imifanekiso iya kubhujiswa!
19Ke bona abantu baya kungena emiqolombeni,
baziqhusheke nditsho nasemingxunyeni,
bezimela ubuqaqawuli bobungangamsha bakhe
ekufikeni kwakhe eze kuwurhwaqelisa umhlaba.
20Ngaloo mini abantu baya kuyilahla imifanekiso yabo yesiliva neyegolide,
nditsho leyo bayenzele ukuyinqula.
Ewe, yoba lixhoba leempuku namalulwane.
21Ke bona baya kungena emiqolombeni,
bazifake ezimfanteni ezawaneni,
bebaleka ingqumbo kaNdikhoyo,
bezimela ubuqaqawuli bakhe
ekufikeni kwakhe eze kuwurhwaqelisa umhlaba.
22Ngoko ke musa ukukholosa ngomntu;
kuxa engubani ekrobo-krobo nje!

Currently Selected:

UISAYA 2: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy