YouVersion Logo
Search Icon

UISAYA 19

19
Ukohlwaywa kweJiputa
1Nalu udaba olundilisekileyo olumalunga neJiputa:
Nank' *uNdikhoyo esiza eJiputa;
uza etshebeleza ngelifukazi.
*Oothixo abanqulwa apho batsho bankwantya,
namaJiputa ngokwawo atsho anengevane.
2UNdikhoyo ke uthethe wathi:
“Ndiza kuxhokonxa umJiputa avukele umJiputa;
elowo nalowo uza kuvukelana nomntakwabo,
ummelwane avukelane nommelwane.
Ngokunjalo isixeko sovukelana nesixeko;
ewe, uburhulumente bovukelana noburhulumente.
3AmaJiputa aza kudideka atyhafe;
amacebo awo osuka aphunze.
Aya kunkinkq' uncedo koothixo abaqingqiweyo;
osuka abhenele kwabo bafileyo;
obhenela kwabaneshologu nabambululayo.
4AmaJiputa ndowanikela aphathwe gadalala:
oba sezandleni zorhulumente okhohlakeleyo;
aya kulawulwa ngukumkani osisikhohlakali.”
Utsho ke uNdikhoyo uSomandla-onke.
5Umlambo iNayile uya kutsha khonkqo,
amanzi awo aphele kuthi tu!
6Asivumba eliya kubakho kwimijelo yawo!
Iintlambo zeNayile zowutha zitshe;
iingcongolo nemikhanzi ziya kutshaza.
7Ngasemlanjeni apho utyani bosuka buyobe;
namasimi apho kuloo ntilindini osuka atshaze, avuthuluke aphele.
8Sovakala isikhalo nencwina yabalobi.
Baya kukhala abaphosa umnatha emanzini;
amaqhogi abalobi aya kubuya ze.
9Abasebenzisa umqhaphu baya kutyhafa,
nabo basontayo bophelelwa ngamandla.
10Ewe, kuya kuba nzima kubenzi belaphu,
ibe lusizi lodwa kubaqeshwa.
11Amaphakathi aseZowan wona zizityhakala;
loo matshawe alumkileyo ayalahlekisa!
Ngani ukuba ade athi kukumkani:
“Thina siziingcaphephe zeengqondi,
amahlakani ezikumkani zamandulo”?
12Phendula, kumkanindini waseJiputa:
Aphi loo maphakathi akho aziingqondi?
Ngani ke ukuba angakucebisi
akuxelele oko kuza kuhlela iJiputa?
Nditsho isicwangciso sikaNdikhoyo uSomandla-onke.
13Hayi bo! Amaphakathi aseZowan ziziyatha,
iinkokheli zaseMemfisi zididekile;
amathenjwa aseJiputa ngabalahlekisi.
14UNdikhoyo ubayekele ngomoya wolahlekiso.
Kungokunje iJiputa iyaphithizela,
ityibilika emhlanzweni njengenxila.
15Kulo lonke ke elaseJiputa,
kwizityebi ngokunjalo nakumahlwempu,
abo baziwayo nabangazelwe nto,
akukho namnye ungalivezayo icebo.
IJiputa iya kunqula uNdikhoyo
16Ngaloo mihla ke amaJiputa aya kuba ngamatyutyusi amagwala. Aya kuphakuzela oyike akuqonda ukuba isandla *sikaNdikhoyo uSomandla-onke sijinga phezu kwawo. 17AmaJiputa aya kurhwaqeliswa nakukukhankanywa oku kukaJuda; kuwo kosuka kuthi qatha isicwangciso sikaNdikhoyo uSomandla-onke.
18Ngelo xesha ke kwisihlanu sezixeko zaseJiputa kobe kuthethwa ulwimi lwabemi baseKanana. Futhi xa bathethayo baya kufunga uNdikhoyo uSomandla-onke. Esinye sezixeko zakhona kothiwa sisiXeko seNtshabalalo.
19Ngelo thuba ke eJiputa kuya kubakho iqonga likaNdikhoyo, kananjalo kubekho nentsika yelitye enikezelwe kuye phaya emdeni weJiputa.
20Ezo zinto ke ziya kuba yimiqondiso yobukho bukaNdikhoyo uSomandla-onke apho eJiputa. Bothi ke abantu bakhona, xa bephantsi kwengcinezelo baze bakhale kuNdikhoyo, yena abathumele umhlanguli nomkhuseli wokubasindisa. 21UNdikhoyo uya kuzityhila kumaJiputa, atsho amazi. Aya kumnqula ngamadini atshiswayo nangawokutya. Amadinga amenzele wona aya kuwafezekisa. 22UNdikhoyo uya kuwohlwaya ngezibetho amaJiputa, kambe ke wobuya aphozise. Aya kuthi akubhenela kuye amaJiputa, uNdikhoyo asabele awanyange.
23Ke kaloku kuya kubakho uhola wendlela esuka eJiputa iye kungena eAsiriya. Aye ke ama-Asiriya namaJiputa aya kuhambelana, futhi anqule kunye. 24Ke ngelo thuba yena uSirayeli uya kuba kumgangatho omnye neJiputa neAsiriya, zizozithathu ezi zizwe zibe yintsikelelo ehlabathini. 25Kaloku uNdikhoyo uSomandla-onke uya kuzithamsanqela, athi:
“Nithamsanqelekile, bantu bam maJiputa!
Nani msebenzi wezandla zam, ma-Asiriya, ndiyanithamsanqela!
Nditsho nakuni, lifa lam elingamaSirayeli,
ndithi nisikelelekile!”

Currently Selected:

UISAYA 19: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy