YouVersion Logo
Search Icon

UISAYA 18

18
Ukohlwaywa kweKushe
1Kunyembelekile ke kwilizwe lesandi samaphiko
emazants' emilambo eKushe.
2Likhuph' izigidimi ngezikhitshana ezakhiwe ngeengcongolo, zidad' emlanjeni.
Tsheluzani, zigidim' ezikhawulezayo;
luthathen' udaba nigoduke nalo,
luye kwilizwe eliphanjwe yimilambo,
kwisizwe esingwanzilili esinamandla,
amafaf' alusu lumpuluswa,
izintw' ezoyikwa lilizwe jikelele.
3Bekan' iindlebe, bemi behlabathi!
Jongani, nikhangel' imbasa
ilenga-lenga phezu kweencopho zeentaba;
phulaphulan' isandi sesigodlo.
4Kalok' *uNdikhoy' undixelele wathi:
“Ndiya kuthi zole cwaka, ndijonge;
ndoqwalasela ndisekhayeni lam ezulwini,
ndizole ngathi kukuwa kombethe ebusuku,
cwaka ngathi lilanga ligqats' ubhobhoyi.”
5Iidiliya ziya kudubula zifeze,
kodwa zithi ke zona zingekavunwa –
ewe, kanye xa ziya ekuvuthweni –
lusuke luthi vumbululu utshaba,
luwahlabanisele luwageqe amaKushe,
lula nje, ngathi kunqunyulw' amaseb' omdiliya.
6Izidumbu ke zosala zithe gangalala,
zibe zizisulu zeentaka namaxhalanga.
Ewe, ziya kuba lixhoba lamarhamncwa,
iintaka zizenzele ehlotyeni –
asisathethi ke ngamarhamncwa ebusika.
7Ixesha liyeza apho uNdikhoyo uSomandla-onke
aya kunikwa aphiwe imirhumo
ngabo balizwe liphanjwe yimilambo,
iingwanyalala zesizwe esimandla,
amafaf' alusu lumpuluswa,
izintw' ezoyikwa lilizwe jikelele.
Ewe, baya kuza kwintaba iZiyon,
apho anqulwa khona uNdikhoyo uSomandla-onke.

Currently Selected:

UISAYA 18: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy