YouVersion Logo
Search Icon

UISAYA 1

1
UThixo ukhalimela abantu bakhe
1KwelakwaJuda ngemihla yookumkani u-Uziya, uYotam, uAhazi, noHezekiya, uIsaya unyana ka-Amozi wafumana isityhilelo esivela kuThixo, waza wadanduluka wathetha ngokubhekiselele kwisizwe sakwaJuda neJerusalem, wenjenje:
2Hoyi-i-i-na! Hoyina, mazulu!
Bek' iindlebe, nawe hlabathi!
Kaloku *uNdikhoyo uthethe wathi:
“Ndakhulis' abantwana ndabondla,
kodwa ke ngoku bajike bandivukela.
3Kambe ke yona inkomo iyamaz' umniniyo,
ngokunjalo nedonki iyasazi isibaya sayo.
Ukanti ke yena uSirayeli uvalekile;
ewe, abantu bam abazi nto tu!”
4Yeha ke, sizwe samanyundululu,
abantu abasuntsubala bubugwenxa,
nzalandini yamatshijolo,
sizukulwanandini sonakalisayo!
Kaloku nikreqile nina kuNdikhoyo,
nisuke namdelela uYedwa kaSirayeli;
ewe ngenene, nihlehlile namfulathela.
5Anikaneli kwesingaka sona isohlwayo?
Niya kurhoxa nini kolu vukelo?
Mhawoo! Intloko seyide yaboko-boko;
xa uwonke nomzimba uvikivekile.
6Phantsi elunyaweni kuye entloko phezulu,
hayi konke, kulityufu-tyufu nje!
Kuziingongoma, kuziinduma;
azicudiswanga, zingakhanyelwanga nangachiza;
ewe, khange zikhathalelwe zibotshwe!
7Nâlo ilizwe lakowenu liyinkangala;
okwakuzizixeko kutshe kwaluthuthu.
Yonke ke loo nto nikho nibukele.
Iintlanga ziwuphangile umhlaba wooyihlo;
ewe, ziwubhukuqe zawuvuthulula.
8Ke yona iJerusalem isele yodwa jwi!
Seyifana nephempe esidiliyeni;
seyingathi linqugwala emasimini,
nqwa nesixeko esingqingiweyo.
9Kambe ke uNdikhoyo uSomandla-onke,
ukuba ebengasishiyelanga qaqobana,
besiya kusuka sifane neSodom;
ewe, ngesitshabalele njengeGomora.
10Nalu udaba lukaNdikhoyo!
Luveni, ziphathamandla zaseSodom;
yiphulaphuleni imfundiso kaThixo,
nani zima-mhlaba zaseGomora.
11Kaloku uNdikhoyo uyakhala ngawe, Sirayeli; uthi:
“Ngawani ke ngoko la madini angakanana?
Mna ndidikiwe ziinkunzi zeegusha ezitshiswayo.
Ndanele nangamanqatha enyama etyebileyo.
Andisalifuni igazi leenkunzi zeenkomo,
nditsho nelamaxhwane eegusha neebhokhwe.
12Nide nize kum nje, nibizwe ngubani?
Nisafuna ntoni apha kum?
Hayi bo! Phezani ukuyixovula le nkundla!
13Andizifuni izipho namadini aphuthileyo,
kwankqu nesiqhumiso senu siyanditsarha!
Andinamdla kwiimbizo neentlanganiso zenu
zokuthwasa kwenyanga *noMhla wokuPhumla;
amatheko anobugwenxa andikruqule.
14“Ndiyawenyanya onke amatheko enu;
nditsho nala okuthwasa kwenyanga.
Kaloku ngoku asuke aluxanduva,
ndaye ke ndidiniwe kukuluthwala.
15“Nakukhongozela ngezandla nizibika,
mna ndosuka ndiwavale amehlo am.
Noba ningade nibhomboloze,
andiyi kunikhathalela mpela;
kaloku izandla zenu zinkone ligazi.
16Khanizicoce nibe nyulu!
Yahlukanani nale mikhwa ingcolileyo;
yekani ukwenza izinto ezinje;
mandingaze ndiphinde ndizibone.
17Khanifunde ukwenza okusesikweni;
zonke izinto zenzeni ngokomthetho.
Khaninyenyise ngakubantu abacinezelekileyo;
kanti neenkedama zilungiseleleni;
ngokunjalo nimbonelele nomhlolokazi.”
18Ewe, uNdikhoyo uthi:
“Yizani, khe sithetha-thethane.
Noba sewudyobheke wankone sisono,
mna ndokuhlambulula utsho ube msulwa;
kanti nokuba sewuyinyhuku-nyhuku,
mna ndiya kukwenza ube mhlophe qhwa.
19Ukuba niyavuma ukundithobela,
ningabuxhamla ubuncwane beli lizwe.
20Kambe ke xa ningafuni, nindivukela,
niza kusuka nibe lixhoba lekrele.
Nditshilo nje ke mna Ndikhoyo, nditshilo!”
Imeko yeJerusalem
21Ewe, kambe, sixekondini!
Kade uyinzwakazi ngesimo,
kodwa xa kunamhlanje-nje, ungumadod' onke.
Wawufudul' uphuphuma lucwangco;
ngenene wawulikhaya lamalungisa;
ke namhlanje ulikhaya lezikrelemnqa.
22Kaloku wawukade ucwenge njengesiliva,
kodwa ngoku sewuphuthile.
Wawufana newayini eyondeleleneyo,
kambe namhlanje sewungumngxengwa.
23Iziphathamandla zakho zizibhoja,
abafo abalala ngangubo-nye namatutu.
Bathwangekile kukufun' izipho nezicengo;
abaziinkedama abanaxesha labo,
kanti nabahlolokazi abazidubi ngabo.
24Ngoko ke nanku umlomo *kaNdikhoyo –
nditsho uNdikhoyo uSomandla-onke,
iNgangalala kaSirayeli – uthi:
“Ngoku ndiza kukhe ndiphuncule kwiintshaba zam;
ewe kaloku, ndiza kuziphindezela.
25Ngoku ndiza kuthatha amanyathelo aqatha:
ndiza kunikhama ndinicwenge oku kwesinyithi;
ndiza kubukhupha buphele tu ububi kuni.
26Kaloku ndiya kunibuyisela abalawuli njengantlandlolo,
ndinimisele izithwala-ndwe njengamandulo.
Kuya kwandula ke kuthiwe ungunobulungisa,
ngenene ube ngunontembeko.”
27IJerusalem iya kuhlangulwa bubulungisa bukaThixo.
Baya kusinda ke bonke abaguqukayo.
28Kambe ke baya kutshabalala
bonke abavukeli-mbuso nabanxaxhayo;
ewe, uNdikhoyo uya kubabhubhisa bonke abakreqi.
29Ngoko ke nosuka nibe manyonywana
ngenxa yale mithi yemioki niyinqulayo,
ngokunjalo nayiloo miyezo yamanyundululu.
30Kaloku niya kufana nemioki etshazileyo;
niya kuba matwa negadi engankcenkceshelwayo.
31Njengoko nengca itshiswa nayintlantsi le,
nawo ke amagorha aya kutshabalala.
Ewe, aya kubhujiswa yimisebenzi yawo,
ibe ke akukho uya kulamla.

Currently Selected:

UISAYA 1: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy