YouVersion Logo
Search Icon

UHOSIYA 14

14
Kubongozwa uSirayeli
1Khanibuye kaloku, maSirayeli;
buyelani *kuNdikhoyo, kuThixo wenu.
Kaloku niwile ngenxa yezono zenu.
2Thathani la mazwi nibuyele kuNdikhoyo,
nithethe naye nithi:
“Sixolele bonke ubugwenxa bethu,
uze wamkele okulungileyo;
endaweni yeenkunzi zeenkomo sinikela kuwe ngamazwi emilebe yethu.
3Akanakusisindisa uAsiriya;
asiyi kukhwela mahashe emfazwe.
Asiphindi sithi: ‘Thixo wethu,’ entweni esiyenze ngokwethu,
kuba kukuwe apho inkedama ifumana inceba khona.”
4“Ndiza kukunyanga ukunxaxha kwabo,
ndibavave ngesisa sothando,
kuba kaloku andisabaqumbelanga.
5KuSirayeli ndoba njengombethe,
atsho aqhakaze njengenyibiba,
endele azike emhlabeni,
afane nomsedare waseLebhanon.
6Amasebe akhe aya kunaba,
abe nomkhitha njengomnquma,
aqhole njengomsedare waseLebhanon.
7Abaphila phantsi kwephiko lakhe
baya kuchuma njengengqolowa,
badubule njengediliya,
badume njengewayini yaseLebhanon.
8Efrayim, andinanto yakwenza *nezithixo.
Ndim osabelayo akukhathalele;
ndifana nompayini ohlal' uluhlaza.
Kungenxa yam uneziqhamo nje.”
Umqukumbelo
9Osisilumko uya kuziqonda ezi zinto;
oqaphelayo uya kukwazi oku.
Iindlela *zikaNdikhoyo zithe ngqo.
Ke amalungisa ahamba ngazo;
ke bona abakreqi ziyabakhubekisa.

Currently Selected:

UHOSIYA 14: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy