YouVersion Logo
Search Icon

KUMAHEBHERE 9

9
Ukufika komnqophiso omtsha
1Umnqophiso wokuqala wawunemimiselo eyayenzelwe unqulo. Wawunaso nesicamagushelo esasenziwe ngabantu. 2Kaloku kwakukho intente eyenziweyo; igumbi layo lokuqala kwakusithiwa yindawo engcwele. Kulo kwakukho indawo yokubeka isibane, kukho netafile, kunye nesonka esinikelwe kuThixo. 3Emva komkhusane wesibini kwakukho elinye igumbi. Le ndawo yona kwakusithiwa yeyona ndawo ingcwele. 4Apho kwakukho iqonga legolide, elaliyindawo yesiqhumiso. Kwakukho netyesi yomnqophiso eyayiqatywe ngegolide. Ngaphakathi kuyo kwakukho isitya segolide esasiphethe *imana, kukho nenduku ka-Aron eyakha yantshula amagqabi, kukwakho namacwecwe omnqophiso. 5Ngaphezu kwaloo tyesi kwakundanda imifanekiso *yezithunywa ezimaphiko ezibonakalisa isithozela nendili kaThixo, ithe naa amaphiko ngaphezu kwendawo yokucamagushela. Andizi kunika ncukacha ke ngalo mba.
6Ngokwale nkqubo, ababingeleli babesoloko bengena kwelokuqala igumbi, baqhube khona iinkonzo zabo. 7Kodwa kwelesibini igumbi kwakungena umbingeleli omkhulu kuphela, kanye ngonyaka. Naye kwakufuneka ephethe igazi aza kungxengxezela ngalo izono zakhe kwakunye nezo abantu bazenze bengaqondi ukuba bayona. 8UMoya oyiNgcwele ubonisa ngokucacileyo ukuba ngale nkqubo, xa kusekho igumbi lokuqala, ayikatyhilwa indlela eya kweyona ingcwele indawo. 9Yonke le nquleqhu yayingumfuziselo nje wala maxesha sikuwo. Loo minikelo naloo madini amiselweyo akanako ukuyenza ifezeke intliziyo yomnquli. 10Ngamatile-tile nje lawo aphathelele kwizinto ezityiwayo neziselwayo, nentlambuluko yangaphandle – yimimiselo nje ekhoyo kude kufike ixesha lenguqulelo entsha.
11Kodwa selefikile ngoku uKrestu, umbingeleli omkhulu wezinto ezintle ezikhoyo. Intente angena kuyo yena inkulu, iyayigqwesa eyomnqophiso wokuqala. Yona ayenziwanga mntu. Ndithetha ukuthi asiyiyo yeli hlabathi lidaliweyo. 12Igazi ledini asililo leebhokwe namathole, ligazi lakhe buqu. Kungoko ke wangenayo kwaba kanye kuphela kweyona ingcwele indawo, wasizuzela inkululeko yamaxesha onke. 13Ukuba kaloku kwakusenzeka ukuba abantu bahlanjululwe izisihla ngokutshizwa ngegazi leebhokhwe neleenkomo nangothuthu lwethokazi, 14ingakanani ke yona inkululeko esiyifumana ngegazi likaKrestu? Yena wazinikela kuThixo emsulwa, ngoMoya ongunaphakade, wazenza idini. Ligazi lakhe eliya kuzihlambulula ezethu izazela emisebenzini efileyo, lisenze sikulungele ukukhonza uThixo ophilayo.
15Ngoko ke yena uKrestu ungunozakuzaku womnqophiso omtsha, ukuze abantu ababiziweyo nguThixo balizuze ilifa laphakade ababelithenjisiwe. Kaloku ngokufa kwakhe uzicimile izono ababezenzile ngexesha lomnqophiso wokuqala.
16Ke, apho kukho umyolelo kufuneka icace into yokuba umyoleli ufile. 17Kaloku umyolelo awusebenzi xa esaphila umyoleli; kuphela usebenza akuba efile. 18Seso sizathu ke esabangela ukuba nowokuqala umnqophiso usungulwe ngegazi. 19UMosis waqala wabavakalisela abantu yonke imiyalelo njengoko ibhaliwe *emthethweni. Kamva ke walithatha igazi lamankonyana neleebhokhwe kunye namanzi, waza wathatha uboya obubomvu nobulawu, wayifefa ngegazi incwadi yomthetho ndawonye nabo bonke abantu, 20esithi: “Eli ligazi lomnqophiso aniwisele wona uThixo.” 21Kwangokunjalo wayifefa intente ababekhonzela kuyo, nazo zonke izitya ezazisetyenziswa kuyo. 22Ewe, ngokomthetho phantse yonke into ihlanjululwa ngegazi; ngaphandle kokuphalala kwegazi akukho ukuxolelwa kwezono. 23Ngoko ke ezi zinto zahlanjululwa ngolu hlobo. Kaloku zona ziyimifanekiso yezinto zokwenene ezisezulwini. Kodwa ke zona ezo zisezulwini zihlanjululwa ngamadini angcono.
Idini likaYesu liyazisusa izono
24Kaloku uKrestu le ndawo ingcwele angene kuyo ayenziwanga ngumntu, futhi ayingomfanekiso; koko ungene ezulwini phakathi. Ngoku umi khona phambi koThixo; uyasithethelela. 25Yena akaphinda-phindi ukuzinikela njengombingeleli omkhulu ongena endaweni engcwele minyaka le negazi elingelilo nelakhe. 26Kaloku ukuba bekungenjalo ubunzima nge-ebuve kaninzi, kususela ekusekweni kwehlabathi. Kodwa endaweni yaloo nto ungene kwaba kanye qwaba, ekusongweni kwamaxesha, ukuze isono asisuse ngedini elinguye buqu. 27Umntu ngamnye ufa kube kanye, emva koko agwetywe. 28Ngokunjalo ke noKrestu wanikelwa kwaba kanye ukuze athwale izono zabaninzi. Okwesibini uya kufika engenanto yakwenza nesono, koko eze kusindisa abo bamlindeleyo.

Currently Selected:

KUMAHEBHERE 9: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy