YouVersion Logo
Search Icon

KUMAHEBHERE 8

8
UYesu umbingeleli womnqophiso omtsha
1Nguwo lo ke umongo wentetho yam: Sinongako ke ukuba mkhulu umbingeleli, ohleli ewongeni kunye neNgangalala yezulu! 2Ungena kweyona ingcwele indawo, intente eyakhiwe nguThixo, ingengabo abantu. 3Wonke umbingeleli omkhulu umiselwe ukunikela izipho namadini. Nalo wethu umbingeleli umelwe kukuba nento ayinikelayo. 4Ukuba ubelapha emhlabeni, ubengayi kuba ngumbingeleli konke. Kaloku apha bakho ababingeleli abanikela izipho ngokumiselwa ngumthetho kaMosis. 5Phofu bona into abayenzayo ingumfuziselo nesithunzi nje sento yokwenene esezulwini. Wayexela loo nto uThixo ngamazwi awawabhekisa kuMosis, xa wayeza kwenza intente: “Qaphela ukuba yonke into uyenze ngokomzekelo owawuwuboniswe entabeni.” 6Ke yena uYesu unikwe ububingeleli obuphakamileyo kunobabo. Kanti ke nomnqophiso awuzakuzelayo phakathi koThixo nabantu ukwamkhulu, ngenxa yokubaluleka kwezithembiso osekelwe phezu kwazo.
7Ukuba ubungenagxeke umnqophiso wokuqala, bekungayi kubakho mfuneko yokuba ithathwe ngomnye indawo yawo. 8Kodwa ke uThixo uyabagxeka; uthi:
“ ‘Kuza imihla,’ itsho iNkosi,
‘apho ndiya kwenza umnqophiso omtsha namaSirayeli kunye nabantu bakwaJuda.
9Ngumnqophiso ongayi kufana nondawenzela ooyise-mkhulu,
mhla ndabakhokela ndibakhupha eJiputa.
Bayidela imimiselo yomnqophiso,
nam ke ndabafulathela,’ itsho iNkosi.
10‘Nguwo lo ke umnqophiso endiya kuwenza namaSirayeli kwimihla ezayo,’ itsho iNkosi:
‘Ndoyifaka ezingqondweni zabo imiyalelo yam,
ndiyishicilele ezintliziyweni zabo,
ndibe nguThixo wabo,
bona babe ngabantu bam.
11Abayi kuba safundisana ngam
elowo umntakwabo,
elowo ummelwane wakhe,
besithi: “Yazini iNkosi;”
kuba bonke baya kundazi
ukususela koyena mncinane
kuse koyena mkhulu.
12Ndiya kubenzela inceba kwizikreqo zabo,
ndingabi sazikhumbula iziphoso zabo.’ ”
13Xa ke uThixo ethetha ngomnqophiso omtsha, loo nto ithetha ukuba uthi umnqophiso wokuqala ugugile, seluphelelwe, uza kutshitsha kwakamsinya.

Currently Selected:

KUMAHEBHERE 8: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy