YouVersion Logo
Search Icon

KUMAHEBHERE 10

10
1Kaloku wona umthetho ngumazi wendlela ungayihambi; uzoba umfanekiso nje wezinto zokwenene ezizayo. Ngamadini awo aphindwa-phindwa minyaka le awukwazi ukubenza bafaneleke abo banqulayo. 2Ukuba ubukwazi, amadini lawo ngekukudala ayekwa. Kaloku abo banqulayo ngebehlanjululwe kwaba kanye qha, baba nyulu, saphela nesazela ngesono. 3Kodwa, ndaweni yaloo nto, la madini abakhumbuza ngezono minyaka le. 4Kaloku igazi leenkunzi zeenkomo, neleebhokwe, alisoze lizisuse izono.
5UKrestu uthethe ngolu hlobo xa eza emhlabeni:
“Wena akuwafuni amadini neminikelo,
yiyo loo nto undilungiselele umzimba.
6Akuwathandanga amadini atshiswayo nawesono;
7ndaza ndathi ke mna, njengoko kubhaliwe encwadini:
‘Ndiyeza ukuze ndenze intando yakho, Thixo wam.’ ”
8Qaphela ke kuba uqala ngokuthi: “Wena akuwafuni amadini neminikelo; namadini atshiswayo nawesono akuwathandi,” nakuba egunyaziswa ngumthetho. 9Kwakhona uthi: “Ndiyeza ukuze ndenze intando yakho.” Ngoko ke uThixo uyayitshitshisa le nkqubo yokuqala, umilisela le yesibini. 10Yile ntando kaThixo ke esenza nyulu; kaloku uYesu Krestu yena uzinikele kwaba kanye qwaba.
11Wonke umbingeleli uma mihla le ephinda-phinda enikela amadini angenako ukuzisusa izono. 12Kodwa uKrestu yena wenze umnikelo wamnye qha ngenxa yezono, waza waya kuhlala kwiwonga alinikwe nguThixo. 13Ngoku ke ulinde khona ukuba ade uThixo amoyisele iintshaba zakhe. 14Kaloku yena ubenze bahlala besulungekile ngomnikelo omnye qha abo banyuliweyo. 15UMoya oyiNgcwele ungqina athi kuqala:
16“ ‘Nangu umnqophiso endiya kuwenza nabo emva kwaloo mihla,’ itsho iNkosi:
‘Ndiya kuyifaka ezintliziyweni zabo imithetho yam,
ndiyishicilele ezingqondweni zabo imiyalelo yam.’ ”
17“Uphinda athi:
“Izono zabo, ngokunjalo nenkohlakalo yabo, ndiya kuyilibala.”
18Zakuba zixolelwe ke izono akusafuneki minikelo ngenxa yazo.
Masisondele kuThixo
19Ngoko ke, mawethu, igazi likaYesu lisikhulule ukuze singene kweyona ndawo ingcwele singenaloyiko. 20Le ndlela asivulele yona intsha, futhi iyaphila, ihamba iphumele ngaphaya kwekhuselo, ndithetha umzimba wakhe. 21Ngaphezu koko ke sinombingeleli omkhulu owongamele indlu kaThixo. 22Ngoko ke masisondele sinyanisekile kuThixo, siqinisekile ngokholo, izazela zethu ezinobutyala zihlanjululwe, ngokunjalo nemizimba yethu ihlanjwe ngamanzi amsulwa. 23Masithi nca kwisivumo seli themba sinalo; kaloku unyanisekile lowo usithembisileyo. 24Ngoko ke masikhathalelane, sivuselelane uthando, ngokunjalo nokwenza imisebenzi emihle. 25Kananjalo masikuxabise ukudibana namanye amakholwa, siphefumlelane, singabi njengâbo bawutyeshelayo lo mkhwa. Ewe, masikhuthazane ngakumbi nangakumbi, kuba nani niyabona ukuba imini leyo iyasondela.
26Kaloku xa singayeki ukona ngabom nangoku sesiyazi inyaniso, akusekho dini lingázisusayo izono zethu. 27Into elindelekileyo ngumgwebo orhwaqelisayo nomlilo olenyayo oza kutshabalalisa abo bamchasayo uThixo. 28Umntu owaphule umthetho kaMosis akenzelwa nceba, koko uyabulawa, akuba egwetywe ngobungqina babantu ababini okanye abathathu. 29Ke, nicinga ukuba wothiwani umntu odela uNyana kaThixo, umntu olenza into engento igazi lomnqophiso ahlanjwe lilo? Ewe, lowo ungcikiva uMoya wesisa! Ngokuqinisekileyo umntu onjalo ufanelwe sisohlwayo esingqongqo. 30Kaloku siyamazi lowo wathi:
“Impindezelo yeyam;
ndim oya kubuyekeza.”
Kwakhona uphinda athi:
“INkosi iya kubagweba abantu bayo.”
31Kambe ke yinto eyoyikekayo ukugwetywa nguThixo ophilayo!
32Ngoko ke yikhumbuleni imihla eyadlulayo. Kaloku nathi nakuvelelwa ngumsobomvu kaThixo nangena ebunzimeni obukhulu, phofu ke nalapho nazabalaza kwâkuko. 33Nanidla ngokuba sesichengeni sengcikivo nokungcungcutheka, kanti nanide nizimisele ukuzibandakanya nâbo babephethwe kakubi. 34Ewe kaloku, navelana nabo abo babesentolongweni; naloo nto yokohluthwa impahla yenu nayamkela ngovuyo, kuba nisazi ukuba nina ninento ebhetele eya kuhlala ihleli. 35Ngoko ke sanukutyhafa, kuba nilindelwe ngumvuzo omkhulu. 36Kaloku kufuneka nibe nomonde, ukuze niphumelele ukwenza ukuthanda kukaThixo, nisizuze nesithembiso sakhe. 37Kaloku zithi *iziBhalo:
“Kusasele umzuzwana nje
aze lowo uzayo afike, angalibazisi.
38Kambe ke yena olungisayo uya kuphila ngokholo;
kodwa ke ukuba uthe warhoxa, andiyi kumkhathalela.”
39Phofu ke thina asingabo abo barhoxayo baze balahleke, koko singabo baya kudla ubomi kuba bethembele kuThixo.

Currently Selected:

KUMAHEBHERE 10: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy