YouVersion Logo
Search Icon

EYEZIQALO 9

9
Umnqophiso kaThixo noNowa
1UThixo wamthamsanqelisa uNowa kunye noonyana bakhe, esithi: “Qhamani nande, nizalise ihlabathi ngenzala yenu. 2Izilo zonke, kwaneentaka neentlanzi, mazinoyike. Zonke ziphantsi kwegunya lenu. 3Yonke into ephilayo yoba kukutya kwenu. Njengoko ndaninikayo uhlaza, ndininika into yonke ngoku. 4Into eningayi kuyitya yinyama yento engophanga. Andiyivumeli loo nto, kuba igazi libubomi. 5Umntu obulala omnye umntu unetyala. Nasiphi na isilwanyana esibulala umntu ndiya kusibulala. 6Umntu wenziwa wangumfuziselo kaThixo, nabani na ke obulala omnye umntu naye uya kubulawa kwangomnye umntu.
7“Ze nichume nande, ukuze inzala yenu ilizalise ilizwe.”
8Uqokele wathi uThixo kuNowa nakoonyana bakhe: 9“Ngoku ndiza kwenza umnqophiso nani kwakunye nenzala yenu, 10nazo zonke izinto eziphilayo: izilo zonke, kunye nempahla efuyiweyo, neentaka zonke; nditsho yonke into ebisenqanaweni kunye nani. 11Ndithi andisobe ndizitshabalalise ngemvula kwakhona izinto eziphilayo. Ilizwe alisobe liphinde lipheliswe ngemvula. Ngumnqophiso wam lowo. 12-13Umqondiso walo mnqophiso endikwenzela wona kunye nazo zonke izinto eziphilayo, ngumnyama oya kubakho esibhakabhakeni. Nguwo lowo umqondiso womnqophiso ongasoze ujike endiwenzela abantu nalo lonke elimiweyo. 14-15Nanini na xa lisibekele, amafu eziingqimba, ndowukhumbula lo mnqophiso wam kwakuvela umnyama. Nditsho lo mnqophiso ndiwenzele wena nazo zonke izinto eziphilayo, ndisithi andisobe ndilitshabalalise ilizwe kwakhona ngemvula. 16Wakuvela umnyama emafini, ndiwubone, ndokhumbula umnqophiso ongasoze ujike endiwuthembise zonke izinto eziphilayo elizweni. 17Nguwo ke lowo umqondiso womnqophiso endiwenzela yonke into ephilayo.”
UNowa noonyana bakhe
18UNowa waphuma enqanaweni noShem noHam noYafete oonyana bakhe. (UHam nguyise kaKanana.) 19Oonyana bakaNowa bobathathu ngookhokho babo bonke abantu elizweni.
20UNowa owayengumlimi waqala ngokulima umdiliya. 21Akuba esele iwayini uNowa wanxila, wakhulula, walala ze egumbini lakhe. 22UHam, uyise kaKanana, uthe akumbona eze uyise, waphuma waya kuxelela abantakwabo phandle. 23Ke bona ooShem noYafete bathatha ingubo, baya ngomva kuyise egumbini lakhe, bamambathisa bengamjonganga, ukuze bangamboni ehamba ze. 24Akuqabuka uNowa, wayiva into eyenziwe ngunyana wakhe oligqibelo, 25wathi:
“Uqalekisiwe uKanana!
Uya kuba lixhoba labantakwabo.
26Mdumiseni *uNdikhoyo uThixo kaShem.
UKanana uya kuba likhoboka likaShem.
27Wanga uThixo angawandisa umhlaba kaYafete;
yanga inzala yakhe ingaxhamla amathamsanqa kunye nekaShem;
uKanana yena abe likhoboka likaYafete.”
28UNowa wahlala amakhulu amathathu namashumi amahlanu emva kwemvula kanogumbe, 29wabhubha emakhulu alithoba namashumi mahlanu ubudala.

Currently Selected:

EYEZIQALO 9: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy