YouVersion Logo
Search Icon

EYEZIQALO 5

5
Inzala ka-Adam
(1 Gan 1:1-4)
1Nanga amagqabantshintshi ngoAdam. (Kaloku uThixo ukudala kwakhe abantu, wabenza bafana naye. 2Wadala indoda nomntu obhinqileyo, wabathamsanqelisa, wathi bangabantu. ) 3Akuba nekhulu elinamashumi mathathu uAdam, wazala unyana owayefuze yena ncakasana, wathi igama lakhe nguSeti. 4UAdam wahlala amakhulu asibhozo eminyaka emva koko. Waba nabanye oonyana neentombi. 5Ubhubhe enamakhulu asithoba namashumi mathathu ubudala.
6Uthe akuba nekhulu elinesihlanu uSeti, wazala unyana uEnoshe. 7Yena uhleli amakhulu asibhozo anesixhenxe, wazala abanye abantwana. 8Wabhubha enamakhulu asithoba aneshumi elinambini leminyaka.
9UEnoshe yena wayenamashumi asithoba eminyaka ukuzala kwakhe unyana, uKenan. 10Uhleli amakhulu asibhozo aneshumi elinesihlanu, wazala nabanye abantwana. 11Ubhubhe enamakhulu asithoba anesihlanu.
12UKenan yena uzele uMahalaleli xa enamashumi asixhenxe ubudala. 13Wahlala amakhulu asibhozo namashumi mane; wazala abanye abantwana. 14Yena ubhubhe enamakhulu asithoba aneshumi leminyaka ubudala.
15UMahalaleli uzele unyana wakhe uJerede xa wayenamashumi amathandathu anesihlanu ubudala. 16Uhleli amakhulu asibhozo anamashumi mathathu emva koko, wazala nabanye abantwana. 17Yena ubhubhe emakhulu asibhozo namashumi asithoba anesihlanu.
18UJerede wayeneminyaka elikhulu elinamashumi amathandathu anambini ukuzala kwakhe unyana wakhe uInoki. 19Emva koko uhleli amakhulu asibhozo eminyaka, wazala abanye abantwana. 20Ubhubhe xa emakhulu asithoba anamashumi amathandathu anesibini ubudala.
21UInoki uzele unyana, uMethusela, xa wayenamashumi mathandathu anantlanu eminyaka. 22Emva koko uInoki wahlala amakhulu amathathu eminyaka edlelana noThixo. Uphinde wanabanye abantwana. 23Ubomi ubudle amakhulu mathathu namashumi mathandathu anesihlanu eminyaka. 24Wayesoloko enobudlelane noThixo ngalo lonke elo xesha. Kamva ke wathi shwaka akaziwa apho akhoyo, kuba wayethathwe nguThixo.
25UMethusela wazala unyana, uLameki, enekhulu linamashumi asibhozo anesixhenxe. 26Wahlala amakhulu asixhenxe anamashumi asibhozo anambini. Wazala nabanye abantwana. 27Wabhubha emakhulu asithoba namashumi mathandathu anesithoba ubudala.
28ULameki wayenekhulu linamashumi asibhozo anambini ukuzala kwakhe unyana. 29Wathi yakuvela loo nkwenkwe: “Lo mntwana uza kusithuthuzela ekubulalekeni kulo mhlaba uqalekisiweyo *nguNdikhoyo.” Wathi ke igama lakhe nguNowa. 30ULameki wahlala amakhulu amahlanu anamashumi asithoba anesihlanu emva koko. Wazala nabanye abantwana. 31Ubhubhe emakhulu asixhenxe mashumi asixhenxe anesixhenxe ubudala.
32Akuba makhulu mahlanu eminyaka uNowa wazala oonyana babathathu; yayinguShem, noHam, noYafete.

Currently Selected:

EYEZIQALO 5: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy