YouVersion Logo
Search Icon

EYEZIQALO 4

4
UKayen noAbheli
1UAdam wadibana nomkakhe uEfa, waza wakhulelwa. Wazala umntwana oyinkwenkwe, waza wathi: “Ndifumene inkwenkwe ngoncedo *lukaNdikhoyo.” Wamthiya igama ke, wathi nguKayen. 2Uphinde wazala inkwenkwe: uAbheli. UAbheli wayengumfuyi weempahla, yena uKayen engumlimi.
3Emva kwethuba uKayen wenzela uNdikhoyo umnikelo ngenxalenye yesivuno sakhe. 4Yena ke uAbheli wathatha amanqatha kumazibulo omhlambi weegusha zakhe, wenza idini. UNdikhoyo wakholiswa nguAbheli, waneliseka nangumnikelo wakhe, 5kodwa akanelanga nguKayen nomnikelo wakhe. Waqumba uKayen, waba ntshingi-ntshingi ngumsindo. 6Wathi ke uNdikhoyo kuKayen: “Uqumbeleni? Kutheni wantshingi-ntshingi? 7Ukuba ubulungisile, ngewamkelekile; kodwa ke, kuba wenze ububi, isono sesikungxangele emnyango. Isono sifuna ukukulawula, kodwa uze usilwe usoyise.”
8UKayen wathetha nomninawa wakhe uAbheli. [“Makhe siye endle, mfondini.”] Bathi bakuba besendle, uKayen wajikela umntakwabo, wambulala.
9UNdikhoyo uthe kuKayen: “Uphi uAbheli umntakwenu?”
Wathi uKayen ukuphendula: “Andazi. Ndingumalusi womntakwethu mna kakade?”
10Uthe ke uNdikhoyo: “Uyenzele ntoni into embi kangaka, Kayen? Igazi lomntakwenu oliphalazele emhlabeni liyakhala, likhalela impindezelo. 11Uqalekisiwe! Akusobe uphinde uwulime umhlaba. Kaloku úlifunxile umhlaba igazi lomntakwenu ngokuya ubumbulala. 12Uya kuthi wakulima, usuke umhlaba ungavelisi kutya konke. Uya kuba sisibhadu-bhadu esijikeleza elizweni.”
13Waphendula wathi uKayen: “Esi sohlwayo siqatha; andinako ukusinyamezela. 14Uyandigxotha ngoku emhlabeni, ndibe kude nawe. Ngoku ndiza kuba ngudingezweni, yaye wonke ubani odibana nam uya kundibulala.”
15Uphendule wathi uNdikhoyo: “Hayi, akunjalo; ukuba kubekho mntu ukubulalayo, ndomohlwaya ngokuphindwe kasixhenxe.” Waza ke uNdikhoyo wamphawula uKayen khon' ukuze nabani na odibana naye angambulali. 16Wemka ke uKayen kuNdikhoyo, waya kuhlala eNodi, empuma yeIdeni.
Inzala kaKayen
17UKayen nomkakhe bafumana umntwana oyinkwenkwe, uInoki. Wakha isixeko uKayen, wasithiya ngegama lonyana wakhe. 18UInoki wazala unyana, wathi igama lakhe nguHiradi. Yena uHiradi wazala uMehuyali; uMehuyali wazala uMethusali; uMethusali yena wazala uLameki. 19ULameki wayenabafazi ababini, uAda noZila. 20UAda wazala uYabhali, ongukhokho kwabo babehlala ezintenteni, bengabafuyi. 21Umntakwabo-Yabhali yayinguYubhali, ongukhokho wazo zonke iimvumi ezidlala iihapu neefleyiti. 22UZila wazala uThubhali-kayen, owayengumkhandi wezixhobo zokusebenza ezenziwa ngobhedu nangentsimbi. Wayenodade wabo uNama.
23Wathi uLameki kubafazi bakhe:
“Ada noZila, khanive bethu;
bafazi bakaLameki, bekani iindlebe.
Ndombulala umntu ondibethayo,
umfana ondenzakalisayo.
24Ke ukuba umntu wohlwaywa kasixhenxe ngokubulala uKayen,
ngamashumi asixhenxe anesixhenxe ngokubulala uLameki.”
USeti noEnoshe
25UAdam nomkakhe baba nomnye unyana. Wathi uEfa: “UThixo undiphe omnye unyana endaweni ka-Abheli owabulawa nguKayen.” Wathi ke igama lakhe nguSeti. 26USeti wazala unyana, wathi nguEnoshe. Baqala ngoko ke abantu ukunqula igama *likaNdikhoyo.

Currently Selected:

EYEZIQALO 4: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy