YouVersion Logo
Search Icon

EYEZIQALO 39

39
UJosefu nomka-Potifare
1Ke kaloku amaIshmayeli aya naye eJiputa uJosefu, afika amthengisa kuPotifare, owayengomnye wamaphakathi okumkani waseJiputa, owayenguyena nduna yabalindi basebhotwe. 2*UNdikhoyo waba naye uJosefu, wamphumeza kwinto yonke. Wayehlala endlwini yenkosi yakhe yomJiputa, 3eyaqondayo ukuba uJosefu wayephantsi kogcino lukaNdikhoyo, yaye yayinesandla sikaNdikhoyo yonke into ayenzayo. 4Wakholiseka nguJosefu uPotifare, wamenza intonga yakhe yasekhosi. Ngoko ke wamenza induna yomzi wakhe nomlawuli wempahla yakhe yonke. 5Ukususela ngoko uNdikhoyo wawuthamsanqelisa umzi waloo mJiputa, kunye nemfuyo yakhe, namasimi akhe, nayo yonke into awayenayo, ngenxa kaJosefu. 6Yonke into yakhe ke uPotifare wayinikela elulawulweni lukaJosefu, akwabikho nto yimbi azikhathaza ngayo ngaphandle nje kokuthatha icephe atye.
UJosefu wayemile kakuhle, eyinzwana yomfana. 7Kwakuba mzuzu umka-Potifare wafikelwa ngumnqweno ngoJosefu, wazicelela isondo kuye. 8UJosefu wala, esithi: “Inkosi yam ijonge kum, mna Josefu, ngento yonke yayo; ayisazikhathazi nganto, kuba ithembe mna. 9Yaye indinike lonke igunya emzini wayo; nguwe kuphela endingenagunya kuye. Ke ndingathini mna ukwenza into embi kangako, ndimone uThixo?” 10Naxa wazingayo lo mfazi ukucela isondo kuJosefu mihla le, uJosefu yena wala ukuyenza loo nto.
11Kwathi ngenye imini, uJosefu engene endlwini kaPotifare, eye kusebenza, wafika kungekho nasinye isicaka. 12Umka-Potifare wambamba, emtsala ngengubo, wathi: “Yiza kaloku!” Kodwa waphuncula uJosefu, wabalekela ngaphandle, washiya loo ngubo yakhe eyiphethe ngesandla loo mfazi. 13Uthe loo mfazi akuphawula ukuba uJosefu uyishiyile ingubo yakhe, wabalekela ngaphandle, 14wabiza izicaka zakhe, wazibonisa loo ngubo. Watsho esithi: “Laa mHebhere ungeniswe ngumyeni wam emzini wam uyasihlazisa, kuba ungene egumbini lam efuna ukundidlwengula. Kodwa mna ndizincede ngokutsho esikrakra esi isikhalo. 15Wothuswe seso sikhalo, wabalekela ngaphandle, eshiya loo ngubo yakhe ngakum.”
16Wayigcina ke loo ngubo kaJosefu kwada kwabuya inkosi yakhe. 17Ithe yakufika nayo wayenzela eli bali: “Laa mHebhere umngenise ekhaya apha ungene egumbini lam, efun' ukundihlazisa. 18Ndizincede ngokutsho esikrakra sona isikhalo, ukuze abalekele ngaphandle. Washiya nale ngubo yakhe ngakum.”
19Waqumba kakhulu uPotifare akuyiva loo nto ithethwa ngumkakhe, 20wathi uJosefu makabanjwe, avalelwe entolongweni ekwakuvalelwa kuyo amabanjwa kakumkani.
Wahlala apho. 21Kodwa nalapho uNdikhoyo waba ngakuJosefu, wamthamsanqelisa, watsho wathandwa ngujela. 22Ujela wamnyusela uJosefu, wangumphathi wamanye amabanjwa. Yonke into eyenziwa entolongweni yajonga yena. 23UNdikhoyo wamphumeza uJosefu kangangokude ujela angabi sajongana nemisebenzi eyayijongwe nguJosefu, kuba uNdikhoyo wayemthamsanqelisa.

Currently Selected:

EYEZIQALO 39: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy