YouVersion Logo
Search Icon

EYEZIQALO 26

26
UIsake ufudukela eGerare
1Kwafika indlala kwelo zwe, ngaphandle kwaleya yakhe yabakho ngexesha lika-Abraham. UIsake ke waya kuAbhimeleki, ukumkani wamaFilistiya, owayemi eGerare. 2*UNdikhoyo wavela ephupheni kuIsake esithi: “Uze ungayi eJiputa; yima kumhlaba endithi hlala kuwo. 3Uze uhlale apha; ndoba nawe, ndikuthamsanqelise. Lo wona umhlaba uza kuwuma nenzala yakho. Isifungo endasenza kuyihlo ndiza kusifezekisa. 4Inzala yakho iza kuba ngangeenkwenkwezi ezisesibhaka-bhakeni, ndiyinike wonke lo mhlaba. Zonke iintlanga ziya kuthamsanqeliswa ngenzala yakho. 5Ndiza kukuthamsanqelisa, kuba uyihlo uAbraham wandithobela, wahamba ngokwemithetho nemiyalelo yam.”
6Wema apho eGerare ke uIsake. 7Wayesithi akubuzwa ngomkakhe ngamadoda alapho, athi ngudade wabo. Wayesoyika ukuthi uRabheka ngumkakhe, hleze ambulale athathe uRabheka, kuba wayemhle kakhulu. 8Wayeselenethuba elide elapho uIsake. Ngamhla uthile uAbhimeleki wabona uIsake ngefestile esanga uRabheka. 9UAbhimeleki wambiza uIsake, wathi: “Ingumkakho nje lo, kutheni le nto uhamba usithi ngudade wenu?”
Uthe uIsake: “Ndoyika ukubulawa ngenxa yakhe.”
10Uthe uAbhimeleki: “Imbi le nto uyenzileyo. Enye indoda ibisenokulala nomkakho, loo nto ke isifake etyaleni.” 11Wabayala ke bonke abantu uAbhimeleki ukuba bangabakhathazi ooIsake nomkakhe, esithi owenjenjalo wobulawa.
12UIsake walima amasimi akhe ngaloo nyaka, isivuno sakhe saba sikhulu ngokuphinda-phindeneyo, kuba kaloku uNdikhoyo wayemthamsanqelisa. 13Waya ehluma wada wasisinhanha somfo. 14AmaFilistiya ammonela ngenxa yemihlambi awayenayo yeegusha neenkomo, nezicaka ezininzi. 15Asuka ayidiba yonke imithombo eyembiwa zizicaka zikayise uAbraham.
16UAbhimeleki weza kuIsake, wathi makemke kwilizwe labo, kuba wayebaluleke ngaphezu kwabo. 17Wemka ke uIsake, waya kumisa umzi wakhe kuloo ntlambo yaseGerare. Wakha wathi vu apho okwexeshana.
18Wabuya wayimba imithombo eyayimbiwe nguyise, kwaleya ayidibayo amaFilistiya akuba efile uAbraham. Wayibiza kwangalaa magama yayibizwa ngawo nguyise.
19Izicaka zikaIsake zemba kuloo ntlambo, zafumana iliso lomthombo. 20Abelusi baseGerare baxambulisana nabakaIsake, bebanga loo mthombo, besithi ngowabo. UIsake wawuthiya igama loo mthombo esithi yiMbambano, kuba kwabakho imbambano ngawo.
21Wemba omnye umthombo uIsake, kwaza kwaxanjuliswana nangawo. Wathi igama lalowo buButshaba.
22Wemka apho, wemba omnye umthombo kwenye indawo ephangaleleyo. Akubangakho mbambano ngalowo, uthe ke ukuwubiza nguPhangalele. Wathi: “Ngoku uNdikhoyo usinike indawo ephangaleleyo. Siza kuba nenkqubela apha.”
23Wanduluka nalapho uIsake, wasinga eBheshebha. 24UNdikhoyo wavela kuye emathongweni ngobo busuku, wathi: “Mna ndinguThixo kayihlo uAbraham. Uzungoyiki, kuba ndinawe. Ndiza kukuthamsanqela, ndikuphe inzala eninzi, kuba ndandimthembisile uyihlo, uAbraham isicaka sam.” 25Wenza iqonga lamadini kuloo ndawo uIsake, wanqula uNdikhoyo khona. Wemisa umzi apho, wemba omnye umthombo.
Imvumelwano kaIsake noAbhimeleki
26UAbhimeleki weza evela eGerare, ehamba kunye noAwuzati, iphakathi lakhe, kunye noPikoli, umphathi-mkhosi, behambele uIsake. 27Wabuza ke uIsake wathi: “Ngaba nindihambele ngantoni ngoku, nakuba benindiphethe kakubi ndada ndalishiya ilizwe lenu?”
28Bathe: “Siyaqonda ngoku ukuba *uNdikhoyo unawe. Saye ke sicinga ukuba kufuneka kukho isibhambathiso esisenzayo nawe. Sifuna ufunge 29ukuba akuyi kusenza nto, njengoko nathi singekhe sikwenze nto imbi. Kucacile kuthi ngoku ukuba wena uyathamsanqeliswa nguNdikhoyo.” 30UIsake wabenzela isidlo, kwatyiwa, kwaselwa. 31Ngengomso bavuka kwakusasa, bazenza izifungo zemvumelwano, banduluka, bahlukana bevana.
32Ngaloo mhla izicaka zikaIsake zeza kumxelela ngomthombo ezawufumanayo, zawemba. 33Wathi igama laloo mthombo yiShebha. Lavela apho ke igama lesixeko ekuthiwa yiBheshebha.
UEsawu uthatha iintombi zasemzini
34Akuba mashumi mane ubudala uEsawu, wathatha iintombi zamaHeti zambini. YayinguJuditi intombi kaBheri, noBhasemati intombi kaElon. 35Aba bafazi babahlalisa kabuhlungu ooIsake noRabheka.

Currently Selected:

EYEZIQALO 26: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy