YouVersion Logo
Search Icon

EYEZIQALO 25

25
Inzala ka-Abraham noKetura
(1 Gan 1:32-33)
1UAbraham wathatha omnye umfazi ogama linguKetura. 2UKetura wazala uZimran noYokeshan, uMedan noMidiyan, uIshbhaki noShuwa. 3UYokeshan wazala uShebha noDedan. Ama-Ashuri la yinzala kaDedan, kunye namaLetushi namaLewumi. 4Oonyana bakaMidiyan nguHefa noEfere, noHanoki, uAbhida noElda. Ngabazukulwana bakaKetura bebonke ke abo.
5UAbraham walishiya kuIsake lonke ilifa lakhe. 6Kodwa ke ngaphambi kokuba abhubhe wabaphawulela noonyana bezindlu ezincinci. Emva koko wabandulula baya kuma kwimihlaba engasempumalanga.
Ukubhubha kuka-Abraham
7-8Ubhubhe seleyinkothovu yexhego elinekhulu linamashumi asixhenxe anesihlanu uAbraham. 9Wangcwatyelwa kulaa mqolomba useMakapela ngoonyana bakhe uIsake noIshmayeli. Wawungasempumalanga yeMamre entsimini awayeyifumene kuEfron unyana kaZoware umHeti. 10Yilaa ntsimi uAbraham wayeyithenge kumaHeti. Wangcwatyelwa apho ke kuloo ndawo wayengcwatywe kuyo uSara umkakhe. 11Akubhubha uAbraham, uThixo wamthamsanqelisa uIsake unyana wakhe owayemi ngasemthonjeni kaPhila-endibonile.
Inzala kaIshmayeli
(1 Gan 1:28-31)
12-13Naba oonyana bakaIshmayeli unyana ka-Abraham owazalwa nguHagare umJiputakazi owayesisicakakazi sikaSara. Badweliswe ngokuvela kwabo. NguNebhayoti, noKedare, noAdebhele; uMibhesam, 14uMishma, noDuma, noMasa; 15uHadadi, noTema; uJeture, noNafishe, noKedama. 16Ngoonyana bakaIshmayeli ke abo, izizwana ezilishumi linambini. Iilali zabo nezikhululo zabo zathiywa ngamagama abo. 17UIshmayeli wabhubha enekhulu linamashumi mathathu anesixhenxe ubudala. 18Isizukulwana sakhe saya kuma kulaa mhlaba uphakathi kweHavila neShure, ngasempumalanga yeJiputa xa ujonge eAsiriya. Babemi bethe geqe kwabanye abazukulwana baka-Abraham.
Ukuzalwa kukaEsawu noYakobi
19Nanga amagqabantshintshi ngoIsake unyana ka-Abraham. 20UIsake wayeselemashumi mane eminyaka ubudala ukuthatha kwakhe uRabheka, intombi kaBhetuweli, umAram wasePadan-aram, ekwangudade boLabhan. 21URabheka wayengazali; uIsake wamthandazela *kuNdikhoyo. Weviwa umthandazo wakhe nguNdikhoyo, wathatha uRabheka. 22Wayekhulelwe amawele, ekwathi engekaveli avukelana esesesizalweni sikanina. Wathi uRabheka: “Sisimanga sini esi sindihlelayo?” Wabhenela kuNdikhoyo ukuba amkhanyisele. Wathi kuye uNdikhoyo:
23“Uthwele izizwe ezibini;
uya kuzala iintlanga ezahlukeneyo,
olunye longamele olunye,
omkhulu abe phantsi komncinci. ”
24Lakufika ixesha lakhe lokukhululeka, wazala amawele. 25Iwele elikhulu lalibomvana linga lambeswe ngengubo yoboya, kwathiwa ke nguEsawu igama lalo. 26Elincinci lavela libambelele nkqi esithendeni sikaEsawu, kwathiwa ke lona nguYakobi. Ukuzalwa kwala mawele uIsake wayeselemashumi mathandathu ubudala.
UEsawu uthengisa amalungelo obuzibulo bakhe
27Akukhula la makhwenkwe, uEsawu waba lizingela lomfo othanda ukusoloko esendle. UYakobi yena wathanda ukusoloko esekhaya, ephila ubomi obuzinzileyo. 28UIsake wayethanda uEsawu, kuba wayemana emzisela inyama yeenyamakazi. URabheka yena wayethanda uYakobi.
29Ngamini ithile uYakobi esapheka, wafika uEsawu evela kuzingela. Wayefile yindlala. 30Wathi kuYakobi: “Mfo, andilambe ngako! Khawundiphe kuloo nto ibomvu uyiphekileyo.” Yiyo loo nto uEsawu ekwabizwa ngokuthi nguEdom.
31Uphendule wathi uYakobi: “Kulungile, ukuba nje unganikezela ngamalungelo akho obuzibulo.”
32Uthe uEsawu: “Mfondini, ndiyafa! Buza kundenzela ntoni obu buzibulo uthetha ngabo?”
33Uthe uYakobi: “Funga kuqala ukuba uza kundinika ubuzibulo.”
Wafunga ke uEsawu, enikezela ngobuzibulo bakhe kuYakobi. 34Wandula ke uYakobi ukumpha isonka nesophu leyo yeentlumayo. Watya, wasela; wasukuma, wemka.
Kwakukangako ke ukungawaxabisi kwakhe uEsawu amalungelo akhe obuzibulo.

Currently Selected:

EYEZIQALO 25: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy