YouVersion Logo
Search Icon

KUMAGALATI 3

3
Umthetho okanye ukholo?
1MaGalatindini, nitheni, aninangqondo? Nibulewe phi ninje nje nje? Nina aba kanye nanisenzelwa inkcazelo ecacileyo ngokufa kukaYesu emnqamlezweni! 2Khanindiphe nje le ndawo: Ngaba uMoya kaThixo namamkela ngenxa yokuba nenze okufunwa ngumthetho, okanye kwakungenxa yokuba naziva nazamkela iindaba ezimnandi? 3Ningathini ukungabi nangqondo kangaka! Njengokuba naqala ngamandla oMoya kaThixo nje, ngaba ngoku senifuna ukugqibezela ngawenu amandla? 4Ngaba izigigaba ezinjengezi naba nazo zafumana zabakho? Ngenene azizange zifane zehle nje! 5Kanene, ngaba uThixo waninika uMoya waza wenza nemiqondiso phakathi kwenu, ngenxa yokuba nina nanithobela umthetho? Okanye ezo zinto wazenza ngenxa yokuba nina nazivayo nazamkela iindaba ezimnandi?
6Kunjengoko *iziBhalo zitshoyo ngoAbraham ukuthi yena wakholwa kuThixo, waza ke uThixo wamenza ilungisa ngenxa yokukholwa kwakhe. 7Nize niqaphele ke ukuba ngâbo bakholwayo abayinzala ka-Abraham ngenene. 8IziBhalo zona kwangaphambili zakuphawula ukuba uThixo wozenza amalungisa iintlanga ngokukholwa. Zazivakalisa iindaba ezimnandi kuAbraham zisithi: “Ngawe uya kuzithamsanqelisa zonke iintlanga uThixo.” 9Wakholwa ke uAbraham, waza uThixo wamthamsanqelisa. Ngokunjalo ke bonke abakholwayo banenxaxheba kwintsikelelo ka-Abraham.
10Kanti ke abo bakholose ngokuthobela umthetho baqalekisiwe. Kaloku iziBhalo zithi: “Uqalekisiwe nguThixo lowo ungakuzondeleliyo ukuzithobela zonke iindawo ezisencwadini yomthetho!” 11Kuyaqondakala ke ukuba akukho mntu ugwetyelwa nguThixo ngenxa yomthetho; kuba zithi iziBhalo: “Uya kudla ubomi lowo wenziwe ilungisa nguThixo ngenxa yokukholwa.” 12Kambe ke wona umthetho awuthethi nto ngokholo. Koko, njengoko neziBhalo zisitsho: “Lowo uzalisekisa zonke iindawo zomthetho wophila ngawo.”
13Kodwa ke uKrestu wasikhulula ekuqalekisweni okuza ngomthetho, ngokuthi yena aqalekiswe endaweni yethu. Kaloku zithi iziBhalo: “Uqalekisiwe nguThixo nabani na obulawa ngokuxhonywa emthini!” 14Yonke le nto yayijonge ekubeni intsikelelo eyathenjiswa uAbraham nguThixo ize igqithiselwe kwiintlanga nguKrestu, khon' ukuze thina simamkele ngokholo uMoya owathenjiswa nguThixo.
Umthetho kunye nesithembiso
15Mawethu, makhe ndininike umzekelo oqhelekileyo. Xa kukho umnqophiso ogqityiweyo akukho bani unokuwujika okanye awongeze. 16Ngoku ke uThixo wênza izithembiso kuAbraham nakumzukulwana wakhe. *IziBhalo azitsho kuAbraham ukuthi “kwinzala yakho,” ngokungathi zithetha ngabantu abaninzi, kodwa zithi “kumzukulwana wakho,” zithetha ngomntu omnye qha, onguKrestu. 17Xa nditshoyo ke ndithi umnqophiso ogqitywe nguThixo awunakujikwa ngumthetho ofike emva kwamakhulu amane anamashumi amathathu eminyaka ukho umnqophiso, ungenako nokusitshitshisa isithembiso sikaThixo. 18Kaloku, ukuba ngaba ilifa lixhomekeke emthethweni, loo nto ithetha ukuba alizuzwa ngokwesithembiso, ibe ke kodwa uAbraham walinikwa nguThixo ngesithembiso.
19Yaye iyintoni ke injongo yomthetho? Wona wahlonyelelwa ukuze ucacise isigqitho, lo gama angekafiki umzukulwana ka-Abraham esasenzelwe yena isithembiso. Umthetho wanikelwa zizithunywa, kukho unozakuzaku. 20Kodwa ke unozakuzaku akafuneki nganto xa umntu emnye qha; kambe ke yena uThixo mnye.
Injongo yomthetho
21Ngaba ke le nto ithetha ukuba umthetho uchasene nezithembiso zikaThixo? Hayi khona, soze! Kaloku ukuba wawumiselwe umthetho onako ukubadlisa ubomi abantu, ngewawubenze bangamalungisa kuThixo. 22Kodwa ke *iziBhalo ngokwazo zithi ihlabathi liphela lilawulwa sisono. Ngale ndlela ke isithembiso sifumaneka ngokholo kuYesu Krestu, futhi ke sizuzwa ngâbo bakholwayo bodwa.
23Ngokuya lwalungekafiki ukholo sasingamabanjwa omthetho, silindiswe ukutyhileka kokholo. 24Ngoko ke umthetho wawusigcine lo gama angekafiki uKrestu, ukuze sigwetyelwe ngokukholwa kuThixo. 25Xa selifikile ke ixesha lokholo, akusekho mfuneko yakuba sigcinwe ngumthetho.
26Lukholo ke olunenze nangoonyana bakaThixo ngokumanywa noYesu Krestu. 27Nonke nina babhaptiziweyo nimanywe noKrestu; ngoko ke nambethe uKrestu. 28KuKrestu akusekho mJuda nantlanga, akusekho khoboka namntu ukhululekileyo, ndoda nabhinqa. Ninonke ningumntu omnye ngokumanywa noYesu Krestu. 29Ukuba ke ningabakaKrestu ningabazukulwana baka-Abraham. Ngoko ke niziindlalifa ngokwesithembiso.

Currently Selected:

KUMAGALATI 3: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy