YouVersion Logo
Search Icon

UEZRA 8

8
Ababuye kunye noEzra ekuthinjweni
1Nazi iinkulu zezindlu ezabuya kunye nam, zikunye namawazo awayebhaliswe nazo, zivela eBhabheli ngemihla kakumkani uAtashasta:
2Kwinzala kaPineyasi nguGershom,
kwinzala kaItamare nguDaniyeli,
kwinzala kaDavide nguHatushe 3kaShekaniya;
kwinzala kaParoshe nguZakariya owayenamawabo angamadoda alikhulu elinamashumi amahlanu abhalisiweyo;
4kwinzala kaPahati-mowabhi nguEliyehunayi, unyana kaZeraya, owayenamawabo angamadoda angamakhulu amabini;
5kwinzala kaZatu nguShekaniya, unyana kaYaziyeli, owayenamawabo angamadoda angamakhulu amathathu;
6kwinzala ka-Adin nguEbhedi, unyana kaJonatan, owayenamawabo angamadoda angamashumi amahlanu;
7kwinzala kaElam nguYeshaya, unyana ka-Ataliya, owayenamawabo angamadoda angamashumi asixhenxe;
8kwinzala kaShefatiya nguZebhadiya, unyana kaMikayeli, owayenamawabo angamadoda angamashumi asibhozo;
9kwinzala kaJowabhi nguObhadiya, unyana kaYehiyeli, owayenamawabo angamadoda angamakhulu amabini aneshumi elinesibhozo;
10kwinzala kaBhani nguShelomiti, unyana kaYosifiya, owayenamawabo angamadoda alikhulu elinamashumi amathandathu;
11kwinzala kaBhebhayi nguZakariya, unyana kaBhebhayi, owayenamawabo angamadoda angamashumi amabini anesibhozo;
12kwinzala ka-Azegadi nguYohanan, unyana kaHakatan, owayenamawabo angamadoda alikhulu elineshumi;
13kwinzala ka-Adonikam nguElifelete noJeweli noShemaya ababengabokugqibela ukufika, benamawabo angamadoda angamashumi amathandathu;
14kwinzala kaBhigwayi ngu-Utayi noZabhudi kunye namawabo angamadoda angamashumi asixhenxe.
Ukubuyela eJerusalem
15Ke kaloku ndabahlanganisa kumlambo oya eAhava, saza ke saxhwarha khona iintsuku zantathu. Ndithe ke ndakuqwalasela phakathi kwabantu nababingeleli ndafumanisa ukuba akukho baLevi. 16Ngoko ke ndabiza uEliyezere, uAriyeli, uShemayiya, uElinatan, uYaribhi, uElinatan, uNatan, uZakariya, noMeshulam, amadoda awayeziinkokheli, noYoyaribhi noElinatan, amadoda anolwazi. 17Ndawathuma kuIdo, inkokheli yaseKasifiya. Ndabaxelela into emaze bayithethe eKasifiya kuIdo noogxa bakhe, izicaka zendlu kaThixo, ukuze basinike abalungiseleli bendlu kaThixo wethu. 18Ngenxa yesandla esikulunga sikaThixo esasiphezu kwethu basinika uSherebhiya umfo othumakalayo, oyinzala kaMali unyana kaLevi, unyana kaSirayeli, kunye noonyana bakaSherebhiya, nabantakwabo, ishumi elinesibhozo lamadoda, 19kunye noHashabhiya, noYeshaya inzala kaMerari, nabantakwabo noonyana babo, amashumi amabini amadoda. 20Beza kunye namakhulu amabini namashumi amabini ezicaka zendlu kaThixo, bephuma kwiqela elalimiselwe nguDavide namaphakathi ukuze lincedise abaLevi. Bonke babhaliswa ngamagama.
21Khona apho ngakumlambo waseAhava ndamisela uzilo, ukuze sizithobe phambi koThixo wethu, simcele asithi jize ngohambo olukhuselekileyo, thina neentsapho zethu nako konke esinako. 22Kambe ke ndaba neentloni ukucela ukuba ukumkani asinike amajoni nabakhweli-mahashe ukuze asikhusele ezintshabeni zendlela; kaloku apho kukumkani sasithe: “Isandla esikulunga sikaThixo wethu siphezu kwabo bonke abakhangela kuye ukuze balungelwe; ke wona amandla akhe nengqumbo yakhe iyabachasa bonke abo bamlahlayo.” 23Ngoko ke sazila sakhunga kuThixo wethu ngalo mbandela, waza wawuphendula umthandazo wethu.
24Ndamisela ababingeleli abaphambili abalishumi elinambini, inguSherebhiya noHashabhiya neshumi kubantakwabo. 25Ndabalinganisela umnikelo wesiliva negolide nezo zinto zazinikelwe ngukumkani, abacebisi bakhe, amaphakathi akhe, naye wonke umSirayeli owayekhona, benikelela indlu kaThixo wethu.
26Nanku ke umlinganiso wezinto endabanika zona:
Isiliva: ama-22 eetoni;
izitya zesiliva ezili-100: ama-70 eekhilogram;
igolide: ama-3 400 eekhilogram;
27iindebe zegolide ezingama-20: isi-8 esinesiqingatha seekhilogram;
iindebe zobhedu ezi-2: zazilingana neendebe zegolide ngexabiso.
28Ndathi kubo: “Nina ke ningcwalisekile *kuNdikhoyo; zikwanjalo nezi zitya. Isiliva negolide zinikezelwe kuNdikhoyo uThixo wooyihlo zingumnikelo wokuqhutywa yintliziyo. 29Ngoko ke zigcineni ngenyameko nide nizifake emlinganisweni kumagumbi endlu kaNdikhoyo eJerusalem phambi kwababingeleli abaziinkokheli nabaLevi neenkulu zezindlu zakwaSirayeli.”
30Ababingeleli nabaLevi ke bayamkela isiliva negolide nezitya ezingcwele ezazifakwe emlinganisweni ziza kusiwa endlwini kaThixo eJerusalem.
31Ke kaloku ngomhla weshumi elinambini kwinyanga yokuqala sanduluka kumlambo waseAhava, sasinga eJerusalem. Isandla sikaThixo wethu saba phezu kwethu, wasikhusela ezintshabeni zethu nakwizikrelemnqa zendlela. 32Saya kufika eJerusalem, saza ke saphumla iintsuku zantathu.
33Ke kaloku ngosuku lwesine sayilinganisa isiliva negolide nezinto ezingcwele, sazinikela kuMeremoti unyana kaUriya umbingeleli endlwini kaThixo wethu. UElazare unyana kaPineyasi wayekunye naye, ngokunjalo naba baLevi: uYozabhadi unyana kaYeshuwa noNowadiya unyana kaBhinuwi. 34Yonke ke into eyayilapho yabalwa ngamanani nangobunzima, kwaza ke kwangelo thuba kwabhalwa phantsi.
35Ke kaloku abathinjwa ababuyayo benzela uThixo kaSirayeli amadini atshiswayo: ishumi elinambini leenkunzi zeenkomo ngenxa kaSirayeli ephela, iinkunzi zeegusha ezimashumi alithoba anesithandathu, namashumi asixhenxe anesixhenxe amaxhwane angamaduna, kunye neshumi elinambini leebhokhwe ezingamaduna zokwenza idini lesono. Yonke loo nto ke yayiyeyokwenzela uNdikhoyo idini elitshiswayo.
36Bayinikezela nencwadi eyayiphuma kukumkani, bayinika iirhuluneli nabalawuli bakwelentshona ye-Efrati; ke bona babancedisa abantu, bafaka igxalaba nakumsebenzi wokwakhiwa kwendlu kaThixo.

Currently Selected:

UEZRA 8: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy