YouVersion Logo
Search Icon

UEZRA 3

3
Ukuvuswa kweqonga lamadini
1Ke kaloku yathi ifika inyanga yesixhenxe, aye amaSirayeli selezinzile kwiidolophu zawo. Ke bonke abantu baqokelelana eJerusalem. 2UYeshuwa unyana kaJozadaki nabantakwabo ababingeleli kunye noZerubhabheli unyana kaShelatiyeli noogxa bakhe baqalisa ukwakha iqonga likaThixo kaSirayeli lokwenza amadini atshiswayo, ngokwamazwi abhalwe kumthetho kaMosis umfo wakwaThixo. 3Nakuba babebaxhalele abantu ababemelene nabo, balakha iqonga esizeni salo, baza benzela *uNdikhoyo amadini atshiswayo apho kulo, ndawonye namadini akusasa nawamatshona. 4Kananjalo njengoko kubhaliwe, babhiyozela iTheko lamaPhempe, imini nganye ngokwamadini atshiswayo amiselweyo. 5Emva koko banikela amadini atshiswayo amiselweyo: amadini okuthwasa kwenyanga, namadini amatheko kaNdikhoyo amiselweyo, kunye neminikelo yokuqhutywa yintliziyo kuNdikhoyo. 6Ngomhla wokuqala wenyanga yesixhenxe baqalisa ukwenzela uNdikhoyo amadini atshiswayo.
Ukwakhiwa ngokutsha kwendlu kaThixo
Sasingekabekwa isiseko sendlu *kaNdikhoyo. 7Ke bakhupha imali, bayinika abaqingqi bamatye nabachweli. Bakhupha nokutya, into eselwayo, namafutha omnquma, banika abantu baseSidon nabaseTire, ukuze babathwalele izibonda zomsedare eLebhanon, bazifake elwandle, ziye eJopa, ngokomyalelo kakumkani uKoreshi wasePeshiya.
8Ngenyanga yesibini kunyaka wesibini befikile endlwini kaThixo eJerusalem, uZerubhabheli unyana kaShelatiyeli, uYeshuwa unyana kaJozadaki, nabantakwabo ababingeleli nabaLevi, nabo bonke ababebuyele eJerusalem bephuma ekuthinjweni, bawuqalisa umsebenzi, bamisela abaLevi abaminyaka imashumi mabini nangaphezulu ukuba bavelele umsebenzi wokwakhiwa kwendlu kaNdikhoyo. 9UYeshuwa noonyana bakhe nabantakwabo, noKademiyeli noonyana bakhe (inzala kaJuda ), noonyana bakaHenadadi, noonyana babo, nabantakwabo, bonke bengabaLevi, ewe, xa bebonke babejonge abasebenzi ababesakha indlu kaThixo.
10Bathe abakhi bakusimisa isiseko sendlu kaNdikhoyo, ababingeleli bevathe ezobubingeleli, bephethe amaxilongo, abaLevi bona (oonyana baka-Asafu) bephethe amacangci, bebonke bema ngeendawo zabo, badumisa uNdikhoyo ngokommiselo kaDavide ukumkani wakwaSirayeli. 11Bantyiloza bebonga bedumisa uNdikhoyo, besithi:
“Hayi kambe ukulunga kwakhe!
Izibele zakhe kuSirayeli zimi ngonaphakade.”
Bonke ke abantu bahlokoma ngentswahla, bekhahlela kuNdikhoyo ngenxa yokumiswa kweziseko zendlu kaNdikhoyo. 12Ke bona abadala ababingeleli nabaLevi neenkulu zezindlu, ababeyazi indlu yantlandlolo, ababanga nakuzibamba, koko basuka bangqukruleka bakusibona simiswa isiseko sendlu kaThixo. Ke bona abanye batsho ngentswahla luvuyo. 13Yaba yintsholo nje engazekiyo nokuba yimikhwazo yovuyo na okanye zizikhalo. Kaloku abantu basuka batsho ngamayeyeye, ntsholo leyo yayivakala nakude.

Currently Selected:

UEZRA 3: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy