YouVersion Logo
Search Icon

UHEZEKILE 9

9
Ukubulawa kwabanquli-zithixo
1Ndaza ndayiva iNkosi isithi: “Biza amagosa ocwangco esixeko, ngalinye kuwo liphathe isixhobo salo.” 2Ndabona kusithi gqi isithandathu samadoda sivela kwisango eliphezulu elijonge entla, iyileyo iphethe isixhobo esoyikekayo. Ayehamba nomfo onxibe ilinen, egaxele izinto zokubhala. Bangena bema ngakwiqonga lamadini lobhedu.
3Ubuqaqawuli bukaThixo bafunquka phezu *kwesithunywa esimaphiko apho babukhona, baza beza kuthi zinzi emgubasini wendlu kaThixo. Waza ke uNdikhoyo wamyalela umfo onxibe ilinen enezixhobo zakhe zokubhala, 4wathi: “Tyhutyha isixeko saseJerusalem, ubaphawule ebunzi abo bawanyanyayo amanyundululu enziwa khona.”
5Ndithe ndisamamele njalo wathi kwabanye abo: “Mlandeleni, nityhutyhe isixeko, nibulale, ningabi nanceba namfesane, 6nityakatye nitshabalalise amaxhego, amadodana neentombi, abafazi nabantwana, kodwa maze ningamchukumisi onophawu. Qalani kanye esibingelelweni.” Ngoko nangoko baqala ngamadoda amakhulu ayelapho phambi kwendlu kaThixo.
7Kwakhona uthe kubo: “Yigqwaliseni indlu kaThixo, iinkundla zizale zizidumbu. Hambani!” Baza ke bahamba betyakatya bebulala esixekweni apho. 8Ngeli xesha babulalayo ndishiywe ndedwa, ndasuka ndacambalala ndabhomboloza ndathi: “Awu, Nkosi Ndikhoyo, ukhuphela ingqumbo yakho eJerusalem ngokutshabalalisa namasalela la ukuze kungasali nempunde kwaSirayeli?”
9Wandiphendula wathi: “Lukhulu kakhulu ukreqo lwendlu kaSirayeli nekaJuda; kuligazi nje elizweni, ubulungisa abukho konke kwesi sixeko. Bathi: ‘UNdikhoyo ulishiyile ilizwe; uNdikhoyo akasiboni.’ 10Ke ngoko andizi kuba nanceba ndibasindise, kodwa baya kuvuna loo nto bayilimileyo.”
11Ke kaloku umfo onxibe izambatho zelinen ephethe izixhobo zakhe zokubhala wabuya wathi: “Ndisebenze ngokomyalelo wakho.”

Currently Selected:

UHEZEKILE 9: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy