YouVersion Logo
Search Icon

UHEZEKILE 42

42
Amagumbi ababingeleli
1Le ndoda yaya nam kwicala elingentla, sangena kwintendelezo yokuqala, yandisa kumagumbi ajongene nentendelezo yendlu kaThixo angqalene nodonga lwangaphandle emantla. 2Indlu emnyango ujonge emantla yayinobude obungamashumi amahlanu eemitha nobubanzi obungamashumi amabini anantlanu eemitha. 3Kumacala omabini, icala elaliziimitha ezilishumi ukusuka kwintendelezo ephakathi nakwicala elalingqalene nendlela yentendelezo engaphandle yayiyimigangatho emithathu yeevaranda ezijongeneyo. 4Ngaphambi kwamagumbi kwakukho inyoba ebubanzi busisihlanu seemitha nobude obungamashumi amahlanu eemitha. Iminyango engena enyobeni yayijonge emantla. 5Awona magumbi aphezulu ayemxinwa, kuba ayedlelelelwe ziivaranda kunalawo akumgangatho osezantsi nophakathi. 6Amagumbi omgangatho wesithathu ayengenazo iintsika njengoko kwakunjalo kwintendelezo; ngako oko ayemancinane kunalawo omgangatho osezantsi nophakathi. 7Kwakukho udonga olungaphandle olungqalene namagumbi kwanentendelezo engaphandle; ukusuka egumbini lwaluziimitha ezingamashumi amabini anantlanu. 8Njengokuba uluhlu lwamagumbi ayame intendelezo engaphandle lwaluziimitha ezingamashumi amabini anantlanu ubude, olo lwalukwicala elisondele esibingelelweni lwalungamashumi amahlanu eemitha ubude. 9Amagumbi asezantsi ayenesango elingasempumalanga xa uwavelela kwintendelezo engaphandle.
10Kwicala langezantsi mayela nobude bodonga lwentendelezo yangaphandle olwayame intendelezo yendlu kaThixo kwakukho amagumbi 11anenyoba ngaphambi kwawo. Ayefana namagumbi angasentla: ayefana ngobude, ububanzi, iminyango ilingana nokulingana. Iminyango yamagumbi angasentla 12yayifana naleyo yamagumbi angasezantsi. Kwakukho umnyango ekungeneni kwenyoba eyayingqalene nodonga elibude bubhekise empuma, ekwakungenwa ngawo xa kuyiwa emagumbini.
13Le ndoda yathi kum: “Amagumbi angasentla nangasezantsi ajonge intendelezo yendlu kaThixo ngawababingeleli, apho, xa besondela *kuNdikhoyo, batyela khona eyona minikelo ingcwele. Kulapho baya kugcina khona awona madini yeyona minikelo ingcwele – eyokutya, eyesono, neyetyala – kuba yindawo engcwele. 14Bakuba ababingeleli bengene kulo mhlaba uwodwa abanako ukuphumela kwintendelezo engaphandle de babe bazishiye ngaphakathi izambatho ababesebenza ngazo, kuba zingcwele. Kufuneka bafake zambatho zimbi xa beza kusondela kumhlaba osikelwe abantu.”
15Yakuba iwenzile umlinganiso wezinto ezaziphakathi kwenkundla yendlu kaThixo yaphuma nam ngesango lasempuma, yaza yenza umlinganiso weendonga zangaphandle jikelele. 16Yenza umlinganiso wodonga lecala lasempuma ngoluthi lwayo lomlinganiso, yafumana iimitha ezingamakhulu amabini anamashumi amahlanu. 17Yalinganisa iindonga zecala lasemantla, yafumana amakhulu amabini anamashumi amahlanu eemitha ngokoluthi lwayo lokulinganisa. 18Yalinganisa iindonga zecala lasemazantsi, yafumana amakhulu amabini anamashumi amahlanu eemitha ngokoluthi lomlinganiso. 19Yaza yaya kulinganisa iindonga zecala lasentshona, yafumana amakhulu amabini anamashumi amahlanu eemitha ngokoluthi lokulinganisa. 20Ke ngoko yenza umlinganiso wamacala omane ale ndawo. Yayirhangqwe ludonga olubude buziimitha ezingamakhulu amabini anamashumi amahlanu, nobubanzi obuziimitha ezingamakhulu amabini anamashumi amahlanu. Olu donga lwalusahlula indawo engcwele kumndilili.

Currently Selected:

UHEZEKILE 42: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy