YouVersion Logo
Search Icon

UHEZEKILE 41

41
1Le ndoda yandisa kwigumbi lesibingelelo esingaphandle, yaza yenza umlinganiso wamacala aso. Ububanzi bawo babuziimitha ezintathu icala ngalinye. 2Ububanzi ekungeneni babuziimitha ezintlanu, zona iindonga ezimi macala ziziimitha ezimbini ezinesiqingatha semitha ububanzi. Yenza nomlinganiselo wegumbi lesibingelelo elingaphandle, wafumana sibubude obuziimitha ezingamashumi amabini nobubanzi obuziimitha ezilishumi.
3Yandula ukuya kwigumbi lesibingelelo eliphakathi, yenza umlinganiselo wamacala esango. Icala ngalinye laliyimitha ububanzi. Isango laliziimitha ezintathu ububanzi, bona ububanzi beendonga zamacala esango buziimitha ezintathu ezinesiqingatha. 4Yenza umlinganiso wobude beli gumbi eliphakathi, yafumana bulishumi leemitha, ububanzi bukwalishumi leemitha ukusuka kwigumbi eliphandle. Yathi ke kum: “Le yiNgcwele kaNgcwele.”
5Yaza yenza umlinganiselo wodonga lwendlu kaThixo, yafumana ububanzi buziimitha ezintathu, kanti wona amagumbi ayame endlwini kaThixo eyijikelezile ayeziimitha ezimbini ububanzi. 6La magumbi ayeyimigangatho emithathu, oko kukuthi elinye lakhiwe phezu kwelinye, engamashumi amathathu kumgangatho ngamnye. Udonga lwendlu kaThixo lwalujikelezwe lungqameko lokuxhasa amagumbi ayame kulo, ngoko ke kwakungekho zixhaso zingena eludongeni. 7Amagumbi ayame endlwini kaThixo ayebanzi elingentla kunelingaphantsi kwalo. Ungqameko olujikeleze indlu kaThixo lwalwakhiwe ngokuya lunyuka, into ke leyo eyatsho namagumbi aye evuleka ngokunyuka kwawo. Kwakukho amanqwanqwa okunyuka ukusuka kumgangatho wokuqala ezantsi, agqobhoze kophakathi, aye kutsho kophezulu.
8Indlu kaThixo yayirhangqwe ludonga emazantsi, olwalusisiseko samagumbi ayamileyo. Umlinganiso walo wawulinganiswa noluthi lokulinganisa, oko kukuthi luziimitha ezintathu. 9Ububanzi bodonga olungaphandle lunamagumbi babuziimitha ezimbini ezinesiqingatha. Ububanzi bebala eliphakathi kwamagumbi ayamileyo 10namagumbi ababingeleli lijikeleze yonke indlu kaThixo babulishumi leemitha. 11Ibala eli lalinamasango amabini okuya kumagumbi ayamileyo, elinye lijonge emazantsi, elinye lijonge emantla. Ibala laliziimitha ezimbini ezinesiqingatha ububanzi lonke njengokuba lijikelezile.
12Ububanzi bendlu eyayimi entshonalanga yentendelezo yendlu kaThixo babuziimitha ezingamashumi amathathu anantlanu, ububanzi bodonga lwayo buziimitha ezimbini ezinesiqingatha, ubude buziimitha ezingamashumi amane anantlanu.
13Yenza umlinganiso wendlu kaThixo. Ubude bayo babungamashumi amahlanu eemitha. Intendelezo nesakhiwo esikufuphi, nazo zazibubude obungamashumi amahlanu eemitha. 14Ububanzi bentendelezo engasempumalanga, bubandakanya nebala lendlu kaThixo, babuziimitha ezingamashumi amahlanu.
15Yenza umlinganiso wesakhiwo esimalunga nentendelezo engemva kwendlu kaThixo, yafumana ubude baso budibene nobeevaranda zaso buziimitha ezingamashumi amahlanu.
Igumbi langaphandle nelangaphakathi lesibingelelo, nevaranda ejonge entendelezweni, 16kwanemigubasi neefestilana neevaranda zayo yomithathu, nayo yonke into ngaphaya kwayo, zazigqunywe ngamaplanga. Ngokunjalo umgangatho, udonga ukuya kuthi gaa ngeefestile, nkqu iifestile ngokwazo, zazigqunywe ngamaplanga. 17Kule ndawo iphezu kwesango ngaphandle kwentendelezo ephakathi, nasezindongeni zeentendelezo ephakathi neyokuqala, 18kwakuhonjiswe ngemifanekiso *yezithunywa ezimaphiko neyamasundu. Amasundu ayebolekisana nezithunywa ezimaphiko. Isithunywa esimaphiko ngasinye sasinobuso obubini. 19Ubuso bomntu babujonge kwisundu, obengonyama bujonge kwelinye isundu. Le mifanekiso yayikrolwe kuyo yonke indlu kaThixo. 20Ukusuka emgangathweni kuye phezu kwesango kwakukrolwe izithunywa ezimaphiko namasundu kudonga lwegumbi elingaphandle lesibingelelo.
21Umgubasi wegumbi elingaphandle lesibingelelo wawumilise buxande, ngokunjalo nalowo wawumi phambi kweNgcwele kaNgcwele. 22Kwakukho iqonga lomthi elimpakamo uyimitha enesiqingatha nelimacala alinganayo ayimitha enye ngalinye. Iimbombo zalo, nesiseko, kwakunye namacala, konke kwakungumthi. Yathi kum le ndoda: “Le yitafile emi phambi *kukaNdikhoyo.” 23Umnyango wegumbi elingaphandle lesibingelelo nolweNgcwele kaNgcwele wawuneengcango ezimbini. 24Umnyango ngamnye wawahlulwe kubini, ucango ngalunye luqhotyoshelwe kwicala lalo. 25Kwakukrolwe izithunywa ezimaphiko namasundu ezingcangweni zegumbi elingaphandle lesibingelelo, njengoko kwakunjalo ezindongeni; kwakukho isixwexwe seplanga phezu kwevaranda ngaphambili. 26Kwakukho iifestile kwiindonga ezingamacala evaranda, kwaza kwahonjiswa ngemifanekiso yesundu macala kuzo. Amagumbi ayamane nendlu kaThixo nawo ayenezixwexwe zamaplanga.

Currently Selected:

UHEZEKILE 41: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy