YouVersion Logo
Search Icon

UHEZEKILE 40

40
Umbono wokusiwa eJerusalem
1Ngonyaka wamashumi amabini anesihlanu wokuthinjwa kwethu, kanye ekuqalekeni konyaka, ngomhla weshumi enyangeni, kunyaka weshumi elinane emva kokoyiswa kweJerusalem, ngaloo mini kanye ndasiva isandla *sikaNdikhoyo, wandithatha wandisa eJerusalem. 2Wandithatha ngemibono evela kuThixo, wandisa kwilizwe lakwaSirayeli, waza wandibeka phezu kwentaba ephakamileyo eyayinezakhiwo ezazingathi sisixeko kwicala langezantsi. 3Wandisa apho, ndaza ndabona umfo owayekhangeleka ngathi sisinyithi. Wayemi esangweni, ephethe intsontelo yelinen noluthi lokulinganisa. 4Wathi kum: “Mntundini, uze ujonge ngamehlo akho, uphulaphule ngeendlebe zakho, uyithathele ingqalelo yonke into endiza kukubonisa yona, kuba ulapha nje uziselwe loo nto. Uze umzi wakwaSirayeli uwuxelele konke okubonileyo.”
Isango lasempuma lentendelezo yokuqala yendlu kaThixo
5Ndabona udonga olujikeleze yonke inkundla yendlu kaThixo. Ubude boluthi lokulinganisa olwaluphethwe yiloo ndoda babuziimitha ezintathu. Yalinganisa udonga, yaza yafumana luziimitha ezintathu ububanzi ngokunjalo nomphakamo.
6Iye kwisango elijonge empumalanga. Ihambe ngezinyuko zesango, yalinganisa umgubasi walo, yaza yafumana uziimitha ezintathu ukungena. 7Amagumbi abalindi eludongeni ayeziimitha ezintathu ubude nobubanzi, baza ububanzi beendonga eziwahlula-hlulayo baziimitha ezimbini ezinesiqingatha. Umgubasi wesango ekungeneni kwevaranda ejongene nendlu kaThixo wawuziimitha ezintathu ukungena.
8Yaza ke yalinganisa ivaranda yesango. 9Yayiziimitha ezine ukungena, aza amacala ayo ayimitha ububanzi. Ivaranda yesango yayijongene nendlu kaThixo.
10Apha ngaphakathi kwesango elijonge empumalanga ayemathathu amagumbi eludongeni macala. Ayelingana omathathu, ngokunjalo neendonga eziwahlula-hluleyo. 11Ke ngoko yalinganisa ububanzi besango; babuziimitha ezintlanu, ubude bona buziimitha ezintandathu ezinesiqingatha. 12Phambi kwegumbi eliseludongeni ngalunye kwakukho udonga olusisiqingatha semitha ukuphakama, wona amagumbi aseludongeni enamacala alinganayo aziimitha ezintathu. 13Yaza ke yalinganisa isango ukusuka emantla odonga olungemva lwegumbi olusedongeni elikwelinye icala kuye kuthi nqo kwelingaphesheya, yafumana ingumgama oziimitha ezilishumi elinambini nesiqingatha phakathi kwawo. 14Yenze umlinganiso wazo zonke iindonga eziphongomileyo apha ngaphakathi kwesango, yafumana iimitha ezingamashumi amathathu. Lo mlinganiso uthi ngqu ngevaranda ejongene nentendelezo. 15Umgama ukusuka ekungeneni kwesango kuye kuma entla evaranda wawungamashumi amabini anantlanu eemitha. 16Phezu kwamagumbi aseludongeni kunye neendonga eziphongomileyo ngaphakathi kwesango kwakwakhiwe udongana olulungqameko luneendawo ezivulekileyo. Kwakunjalo nasevarandeni. Zonke iindawo ezivulekileyo zazijonge ngaphakathi. Iindonga eziphongomileyo bezihonjiswe ngesundu.
Intendelezo yokuqala
17Le ndoda yandingenisa kwintendelezo yokuqala. Apho ke ndabona amagumbi nendlela egangathiweyo ejikeleze yonke intendelezo. Amagumbi ayayamene nendlela le ayengamashumi amathathu. 18Le ndlela igangathiweyo yayihamba ithi ngqu emasangweni, ububanzi bayo bulingana nobude bawo. Le ke ibiyindlela esemazantsi. 19Yalinganisa umgama ukusuka phakathi kwisango elingezantsi kuye kuthi gaa ngaphandle kwentendelezo engaphakathi; wawuziimitha ezimashumi mahlanu kwisango lasempumalanga ngokunjalo nakwelingentla.
Isango elingentla
20Yaza yalinganisa ubude nobubanzi besango elijonge emantla nelingena kwintendelezo yokuqala. 21Amagumbi aseludongeni, emathathu kwicala ngalinye, iindonga zawo, eziphongomileyo kwanevaranda yalo, zifana nqwa ngomlinganiselo neziya ndawo zesango lokuqala. Ubude bebuziimitha ezingamashumi amabini anantlanu, ububanzi buziimitha ezilishumi elinambini nesiqingatha. 22Iimbombo zalo nevaranda yalo nemihombiso yesundu zazilingana totse neziya zesango elijonge empumalanga. Amanqwanqwa alo asixhenxe ayejongene nevaranda. 23Kwakukho isango lenkundla engaphakathi elijongene nesango elingentla njengoko kunjalo empumalanga. Wenza umlinganiselo ukusuka kwelinye isango ukuya kwelinye, waza waba ngamashumi amahlanu eemitha.
Isango elingezantsi
24Yaza yandisa kwicala elingezantsi, apho ndibone isango elijonge ngezantsi. Yenza umlinganiselo wamacala alo kwanowevaranda yalo, yafumana ufana nowamanye amasango. 25Isango nevaranda yalo lalineembobo phezulu njengakwamanye amasango. Ubude balo yayiziimitha ezingamashumi amabini anantlanu, ububanzi buziimitha ezilishumi elinambini nesiqingatha. 26Amanqwanqwa alo ayesixhenxe, ejongene nevaranda yalo. Lalinemihombiso yesundu ezindongeni eziphongomileyo macala omabini. 27Nayo intendelezo engaphakathi yayinesango elijonge emazantsi. Yenza umlinganiso womgama ukusuka kwisango elingaphakathi kuye kwelingaphandle, waba ngamashumi amahlanu eemitha.
Amasango entendelezo engaphakathi
28Le ndoda yandingenisa kwintendelezo engaphakathi ngesango langezantsi, yaza yenza umlinganiso wesango elo. Lalilingana namanye. 29Amagumbi aseludongeni neendonga eziphongomileyo nevaranda yalo zazilingana nezamanye amasango. Isango nevaranda yalo zazineembobo zijikelezile macala onke. Ubude balo babuziimitha ezingamashumi amabini anantlanu, ububanzi buziimitha ezilishumi elinambini nesiqingatha. 30(Iivaranda zamasango angena kwintendelezo engaphakathi ayeziimitha ezilishumi elinambini nesiqingatha ububanzi, neemitha ezimbini ezinesiqingatha semitha ukungena.) 31Ivaranda yayijonge kwintendelezo yokuqala. Amacala ayo ayehonjiswe ngamasundu. Amanqwanqwa okuya kuyo ayesibhozo.
32Yaza yandisa empumalanga yentendelezo yangaphakathi, yenza umlinganiso wesango; wawulingana nowamanye. 33Amagumbi aseludongeni neendonga eziphongomileyo nevaranda yayo zazimlinganiso mnye nowamanye. Isango nevaranda zazineembobo zijikelezile macala onke. Ubude balo babuziimitha ezingamashumi amabini anantlanu, ububanzi buziimitha ezilishumi elinambini nesiqingatha. 34Ivaranda yalo yayijonge kwintendelezo yokuqala, amacala ayo ehonjiswe ngamasundu, esibhozo amanqwanqwa okungena kuyo.
35Yandisa kwisango elingentla, yaza yenza umlinganiso walo. Ifumene lilingana namanye, 36ngokunjalo namagunjana aseludongeni neendonga eziphongomileyo kwanevaranda eyayineembobo yonke. Ubude balo babuziimitha ezingamashumi amabini anantlanu, ububanzi buziimitha ezilishumi elinambini nesiqingatha. 37Ivaranda yalo yayijonge kwintendelezo engaphandle. Amacala ayo omabini ayehonjiswe ngesundu, amanqwanqwa aya kuyo esibhozo.
Amagumbi okulungiselela amadini
38Malunga nevaranda yesango ngalinye kwaphakathi kwakukho igumbi elinomnyango apho ayehlanjwa khona amadini atshiswayo. 39Kwivaranda yesango kwakumi iitafile ezimbini macala omabini ekwakuxhelelwa kuzo amadini atshiswayo, nawesono, nawetyala. 40Malunga nodonga olungaphandle lwevaranda yesango kufuphi namanqwanqwa aya ekungeneni kwesango elingentla kwakumi iitafile ezimbini, zaza zambini kwakhona ngaphaya kwawo. 41Ngoko ke zazine iitafile kwicala ngalinye lesango – iitafile ezisibhozo zizonke – apho ayexhelelwa khona amadini. 42Kwakukho iitafile ezine zelitye elilungisiweyo zokusebenzela amadini atshiswayo, itafile nganye iziisentimitha ezingamashumi asixhenxe anantlanu ubude, ikwanjalo nobubanzi, neesentimitha ezingamashumi amahlanu umphakamo. Amadini atshiswayo namanye amadini ayehlinzwa phezu kwazo ngempahla yokuhlinza 43eyayibekwa ethaleni eliseludongeni, thala elo elalibubanzi bungangesandla. Iitafile zazenzelwe ukubeka inyama yamadini.
Amagumbi ababingeleli
44Ngaphandle kwesango elingaphakathi kwakukho amagumbi amabini, elinye limi ecaleni lesango elingentla lijonge ezantsi, elinye ecaleni lesango elingezantsi lijonge entla. 45Le ndoda yathi kum: “Igumbi elijonge ngezantsi lelababingeleli abasebenza indlu kaThixo, 46elijonge ngentla lelababingeleli abasebenza iqonga. Abo ngoonyana bakaZadoki, ekukuphela kwabaLevi abanokusondela *kuNdikhoyo babingelele phambi kwakhe.”
47Yenza umlinganiso wentendelezo, yafumana amacala elingana: amashumi amahlanu eemitha ubude namashumi amahlanu eemitha ububanzi. Lona iqonga lamadini laliphambi kwendlu kaThixo.
Indlu kaThixo
48Le ndoda yandisa kwivaranda yendlu kaThixo, yaza yalinganisa amacala evaranda leyo; ububanzi macala babuziimitha ezimbini ezinesiqingatha. Ekungeneni ububanzi babuziimitha ezisixhenxe, ububanzi beendonga eziphongomileyo macala buyimitha enesiqingatha. 49Ivaranda yayiziimitha ezilishumi ububanzi, yaza yaba ziimitha ezintandathu ukusuka ekungeneni kuye entla. Bekunyukwa ngamanqwanqwa ukuya kuyo, kumi iintsika malunga namacala ayo.

Currently Selected:

UHEZEKILE 40: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy