YouVersion Logo
Search Icon

UHEZEKILE 36

36
Intshumayelo ebhekisa kwiintaba zakwaSirayeli
1“Mntundini, shumayela ubhekise kwiintaba zakwaSirayeli, uthi: Zintaba zakwaSirayeli, yivani ilizwi *likaNdikhoyo. 2Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Iintshaba zathi ngani: ‘Yehaa, iintaba zamandulo zezethu ngoku!’ 3Ke ngoko shumayela uthi: Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Kuba benidlakaze banizingela ndaweni zonke, naza ke ngoko naba phantsi kwamasalela eentlanga, nayinto yokungcikivwa nondaba-mlonyeni, 4ngoko, zintaba zakwaSirayeli, liveni ilizwi leNkosi uNdikhoyo: Itsho iNkosi uNdikhoyo kwiintaba neenduli, kwiingxingwa neentlambo, kumabhodlo asebugxwayibeni nezixeko ezingamanxuwa ngenxa yokutyhuthulwa nokuba yintlekisa yamasalela eentlanga ezingabamelwane – 5itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ngenxa yekhwele suka ndawakhalimela amasalela ezinye iintlanga kwane-Edom, kuba bathe bechulumanca, iintliziyo zabo zizele mome yinkohlakalo, bawuthatha umhlaba wam, bawenza owabo, ukuze bawathimbe amadlelo. 6Ngoko ke shumayela ubhekise kwilizwe lakwaSirayeli, kwiintaba neenduli neengxingwa neentili, uthi: Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ndithethe ngekhwele ndisemsindweni, kuba ziningcikivile iintlanga. 7Itsho ke ngoko iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ndimisa isibhozo ndisithi iintlanga ezimelene nani nazo ziya kungcikivwa.
8“Kodwa nina, zintaba zakwaSirayeli, niza kuvelisa amasebe neziqhamo zibe zezabantu bam amaSirayeli, kuba sebeza kugoduka. 9Ndiyavelana nani, ndaye ndiza kunibonelela; niza kulinywa nihlwayelwe. 10Ndiya kunandisela abemi, nditsho nkqu yonke indlu kaSirayeli. Ziya kuba nabantu izixeko, avuswe amabhodlo. 11Ndiya kulandisa inani labantu nemfuyo; ziya kuchuma zande. Ndiya kumisa abantu kuni, kube ngcono kuni kunangaphambili. Niya kuqonda ngoko ukuba ndinguNdikhoyo. 12Ndiya kubenza abantu bam, amaSirayeli, banyathele phezu kwenu. Niya kuba ziintaba zabo, nibe lilifa labo. Anisoze niphinde nibahluthe abantwana babo.
13“Itsho iNgangalala uNdikhoyo kwilizwe lakwaSirayeli ukuthi: Njengoko abantu besithi: ‘Uyabaqwenga abantu, isizwe usihluthe abantwana,’ 14ngoku ke akuyi kuphinda uqwenge abantu, uhluthe nesizwe abantwana, itsho iNgangalala uNdikhoyo. 15Andiyi kuphinda ndikwenze unyamezele ukugxwalwa zizizwe, ube yintlekisa yabantu, nokuba siwe isizwe sakho, itsho iNkosi uNdikhoyo.”
Ibuyambo kwaSirayeli
16Kwakhona ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi: 17“Mntundini, amaSirayeli aligqwalisile ilizwe ngesimo nangezenzo zawo ngexesha ayehlala kulo. Isimo sawo emehlweni am nqwa nomfazi ohlambayo. 18Ndayikhuphela kuwo ke ingqumbo yam, kuba ayeliphalazile igazi elizweni, alixabhela ngezithixo. 19Ndawasarhaza ezizweni aziimbacu emazweni, ndabohlwaya ngokwesimo nezenzo zawo. 20Naphi na apho ahamba khona ezizweni alinyelisa igama lam elingcwele, kuba kwakusithiwa: ‘Aba ngabantu bakaNdikhoyo, kodwa kwanyanzeleka balishiye ilizwe lakhe.’ 21Ndakhathazeka ngenxa yegama lam elingcwele elalinyeliswa yindlu kaSirayeli ezizweni ayebhacele kuzo.
22“Ngoko ke, yithi kwindlu kaSirayeli: Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Into endiyenzayo andiyenzi ngenxa yenu, maSirayeli, kodwa kungenxa yegama lam elingcwele enilenze ladelwa ezizweni enihamba kuzo. 23Ndiza kwenza bubonwe ubungcwele begama lam elilodwa eniligqwalisileyo ezizweni. Izizwe ke ziya kuqonda ukuba ndinguNdikhoyo, itsho iNgangalala uNdikhoyo, xa zindibona ndingoyedwa ngento endinenzela yona.
24“Ndiya kunilanda ezizweni, ndinibuthe kuwo onke amazwe, ndinibuyisele kwelakowenu. 25Ndiya kunitshiza ngamanzi acocekileyo ukuze nicoceke; ndiya kukukhupha ukungcola kuni, ndinenze nahlukane nezithixo. 26Ndiya kuninika intliziyo entsha, ndiniphe nomoya omtsha; ndiya kuyikhupha kuni intliziyo eqaqadeke okwelitye, ndininike intliziyo yentobeko. 27Ndiya kufaka uMoya wam kuni, nitsho nilulamele imimiselo yam, niyigcine ngononelelo imithetho yam. 28Niya kuhlala elizweni endandilabele ookhokho benu; niya kuba ngabantu bam, mna ndibe nguThixo wenu. 29Ndiya kunihlangula ekungcoleni kwenu, ndigunyazise isivuno esikhulu sengqolowa, nize nahlukane nendlala. 30Ndiya kuyenza iqhame imithi, sichume nesivuno emasimini, ukuze ningabuye nihlazeke ezintlangeni ngenxa yendlala. 31Niya kuzikhumbula ke iindlela zenu ezigwenxa, nezenzo zenu ezikhohlakeleyo, nize nizisole ngezono nangezenzo zenu ezilizothe. 32Qondani ukuba oku andikwenzi ngenxa yenu, itsho iNkosi uNdikhoyo. Yibani neentloni, nizive nihlazekile ngenxa yesimo senu, ndlu kaSirayeli.
33“Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Mhla ndanihlambulula ezonweni zenu ndiya kubabuyisela abantu ezixekweni, avuswe amabhodlo. 34Umhlaba oyinkangala uya kulinywa, uze ungalali ube yinkangala kubantu abacanda kuwo. 35Baya kuthetha bathi: ‘Lo mhlaba ubufudula uyinkangala, ngoku unjengomyezo waseIdeni; izixeko ebekufudula kusenxuweni zidilikile, ngoku zinqatyisiwe zimiwe.’ 36Ngoko ke amasalela eentlanga ezimelene nani aya kuqonda ukuba mna Ndikhoyo ndiyivusile into ebidiliziwe, ndatyala apho bekusenkangala. Ndithethile mna Ndikhoyo, ndiya kuyenza loo nto.
37“Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Kwakhona ndiza kukuphulaphula ukubongoza kwendlu kaSirayeli, ndibenzele oku: Ndiya kubenza abantu bayo bande okweegusha, 38babe baninzi okwemihlambi yedini eJerusalem ngomhla wesidlo esimiselweyo. Izixeko ebezidilikile ziya kuzala yintlaninge yabantu, ngathi yimihlambi yeegusha. Baya kuqonda ukuba ndinguNdikhoyo.”

Currently Selected:

UHEZEKILE 36: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy