YouVersion Logo
Search Icon

UHEZEKILE 35

35
Udaba oluhlaba iEdom
1Ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi: 2“Mntundini, bhekisa kwintaba iSeyire, uyikhalimele, 3uthi: Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Ndiyalwa nawe, ntaba yaseSeyire, ndaye ndiza kukufika ngesandla, ndikutsho ube yinkangala yentlango. 4Ndiya kuzidiliza izixeko zakho, kutsho kube senxuweni. Uya kuqonda ke ukuba ndinguNdikhoyo.
5“Ngenxa yokuba ubambe ubutshaba obudala, amaSirayeli wawayekela atyakatywa ngekrele ngexesha lawo lentlekele, apho isohlwayo sawo sasifikelele encotsheni, 6ndikho nje ndiyafunga, itsho iNkosi uNdikhoyo, ndiza kukunikezela kwabakusukelayo bazingise ukuliphalaza igazi lakho. Kaloku wena awukuthiyanga ukuphalazwa kwegazi, ke ngoko impalalo-gazi iya kuhlala ikusukela. 7Ndiya kuyenza intaba yaseSeyire ibe yinkangala, ndibathintele abo bafuna ukuma kuyo. 8Iintaba zakho ndiya kuzenza zizale zizidumbu zabagwintiweyo; izidumbu zabatyakatywe ngekrele ziya kuzalisa iinduli zakho, neentlambo zakho, neengxingwa zakho. 9Ndiya kukwenza ube yinkangala ngonaphakade; izixeko zakho zilil' ibhungane. Uya kuqonda ke ukuba mna ndinguNdikhoyo.
10“Kaloku uthe: ‘Zozibini ezi zizwe, nawo omabini la mazwe, siza kuwathatha abe ngawethu.’ Loo nto uyithethe nakuba mna Ndikhoyo ndandikho. 11Ngako oko, ndikho nje ndiyafunga, mna Nkosi Ndikhoyo, ndiza kukohlwaya ngokomsindo nobukhwele bakho, kuba wakhuphela intiyo yakho kumaSirayeli. Xa kunjalo aya kuqonda ukuba ndingakuwo. 12Uya kuqonda ke ukuba mna Ndikhoyo ndizivile zonke izinyeliso zakho kwiintaba zakwaSirayeli. Uthe wena: ‘Zibhujisiwe zaza zanikelwa kuthi ukuba siziqwenge.’ 13Wandiqhayisela wathetha wadlulisa, mna ke ndakuva. 14Itsho ke iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Xa umhlaba wonke uchulumanca, wena ndiya kukutshabalalisa. 15Ngenxa yokuba wena wazala luvuyo mhla litshabalala ilifa lendlu kaSirayeli, nawe ndiza kukuvisa loo nto. Uza kutshabalala, ntaba yaseSeyire, wena ne-Edom iphela. Niya kutsho niqonde ukuba ndinguNdikhoyo.”

Currently Selected:

UHEZEKILE 35: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy