YouVersion Logo
Search Icon

UHEZEKILE 34

34
Iigusha nomalusi wazo
1Ndaliva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi: 2“Mntundini, bakhalimele abelusi bakwaSirayeli; ewe, bakhalimele uthi kubo: Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Yehaa, abelusi bakwaSirayeli abakhathalele iziqu zabo kuphela! Ngaba abelusi àbafanele kwalusa umhlambi na? 3Nidla ingqaka, nenze izinxibo ngoboya, nixhele ezona zityebileyo, kodwa aninankathalo ngomhlambi. 4Anizomelezi ezibuthathaka, okanye nizinyange ezigulayo, kungenjalo nizibophe ezenzakeleyo. Anizinqandi eziphambukayo, okanye nizifune ezilahlekileyo. Ndaweni yaloo nto niziphethe gadalala nangenkohlakalo. 5Ke ngoko zithe saa, kuba zingenaye umalusi, zaba ke njalo zilixhoba lamarhamncwa. 6Iigusha zam zaya kutsho ezintabeni, zathi xakalala ezindulini zonke. Zathi saa kulo lonke ilizwe, akwabikho mntu ubuzisayo uzifunayo.
7“Nina ke, belusi, yivani ilizwi likaNdikhoyo: 8Ndikho nje ndiyafunga, itsho iNgangalala uNdikhoyo, ngenxa yokuba umhlambi wam ungenamalusi, suka wahlaselwa waba lixhoba lawo onke amarhamncwa, nasekubeni abelusi bengazifunanga ezilahlekileyo, kodwa basuke bakhathalela iziqu zabo endaweni yomhlambi wam, 9ngoko ke, liveni ilizwi likaNdikhoyo, nina belusi: 10Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ndiyalwa nabelusi, kwaye ndiya kuwubiza kubo owam umhlambi. Ndiza kubagxotha bangabi sawalusa umhlambi wam, ukuze bayeke ukwalusela iziqu zabo. Ndiza kuwuhlangula umhlambi wam, ungabi kukudla kwabo.
11“Utsho uMhlekazi uNdikhoyo ukuthi: Uyabona, iigusha zam ndiya kuzifuna ngokwam, ndize ndizilondoloze. 12Njengomalusi olondoloza umhlambi wakhe othe saa, nam ndiya kuzilondoloza iigusha zam. Ndiya kuzihlangula kuzo zonke iindawo ezathi saa kuzo ngomhla wamafu nobumnyama. 13Ndiya kuzikhupha ezizweni, ndizibuthe emazweni, ndizifake kwelazo ilizwe. Ndiya kuzalusela ezintabeni eziphakamileyo zakwaSirayeli, ezingxingweni, nakuzo zonke izithanga zelizwe. 14Ndiya kuzalusela emadlelweni aluhlaza; ziya kudla ezintabeni zakwaSirayeli. Ziya kubutha emadlelweni amahle, zidle eyona-yona ngca ezintabeni zakwaSirayeli. 15Iigusha zam ndiya kuzalusa mna ngokwam, ndiziyeke zetyise, itsho iNkosi uNdikhoyo. 16Ndiya kuzifuna ezilahlekileyo, ndiziphuthume ezidukileyo. Ndiya kuzibopha ezenzakeleyo, ndizomeleze ezibuthathaka; kodwa ndiya kuzinqamla ezityebileyo nezomeleleyo. Umhlambi ndiya kuwalusa ngobulungisa.
17“Ke kuni, mhlambi wam, itsho iNgangalala uNdikhoyo: Ndiya kwahlula phakathi kwegusha negusha, ngokunjalo naphakathi kweenkunzi zeegusha nezeebhokhwe. 18Akwanele na kuni ukudla kumadlelo amahle? Kuyimfuneko na ukuba idlelo eliseleyo nilinyhashe ngeenyawo zenu? Ananeli na kukusela emanzini angcwengileyo? Kungani ukuba amanye niwagxobha-gxobhe ngeenyawo zenu? 19Nithi umhlambi wam mawutye loo ngca beniyinyhasha, usele loo manzi beniwagxobha-gxobha ngeenyawo zenu?
20“Ke ngoko itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Jongani, ndim oya kukhetha igusha etyebileyo kwebhityileyo. 21Kaloku benityhala ngamacala nangamagxa nizingquzula iigusha ezibuthathaka ngeempondo zenu zada zakhwelela. 22Ke ngoko ndiya kuwuhlangula umhlambi wam, ukuze ungabuye ube lixhoba. Ndiya kwahlula phakathi kwegusha nenye. 23Ndiya kuzimisela umalusi omnye, isicaka sam uDavide, oya kuzalusa kakuhle. 24Mna Ndikhoyo ndiya kuba nguThixo wazo; sona isicaka sam uDavide soba yinkosi yazo. Nditshilo nje mna Ndikhoyo, nditshilo.
25“Ndiya kwenza umnqophiso woxolo nomhlambi wam, ndiwagxothe amarhamncwa ezweni, khon' ukuze iigusha zam zihlale entlango, zilale nasemahlathini, ngaphandle koloyiko. 26Ndiya kuzithamsanqelisa kunye nako konke okujikeleze induli yam. Ndiya kunisa imvula ngexesha layo; kuya kuna iimvula zentsikelelo. 27Imithi emasimini iya kuba neziqhamo; amasimi aya kuvelisa isivuno; bona abantu bakuziva bengenalo uloyiko elizweni labo. Baya kuqonda ukuba ndinguNdikhoyo, mhlenikwezeni ndayophula idyokhwe abayithweleyo, ndabahlangula kwabo bebengamakhoboka abo. 28Abayi kuphinda babe lixhoba lezizwe nesisulu sokuqwengwa ngamarhamncwa. Baya kuhlala bekhuselekile, bengoyikiswa mntu. 29Ndiya kubanika umhlaba odume ngokuchuma, bayeke ukuba lixhoba lendlala kwelakowabo nokudelwa zezinye izizwe. 30Baya kutsho baqonde ukuba mna Ndikhoyo Thixo wabo, ndingakubo, baqonde ukuba nabo ndlu kaSirayeli bangabantu bam, itsho iNkosi uNdikhoyo. 31Nina zigusha zam, zigusha zedlelo lam, ningabantu; nam ndinguThixo wenu; itsho iNgangalala uNdikhoyo.”

Currently Selected:

UHEZEKILE 34: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy