YouVersion Logo
Search Icon

UHEZEKILE 29

29
Udaba olukhaba iJiputa
1Ngosuku lweshumi elinambini kwinyanga yeshumi kunyaka weshumi, ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi: 2“Mntundini, bhekisa kukumkani waseJiputa, umkhalimele yena nayo yonke iJiputa. 3Yithi: Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi:
“Ndiyalwa nawe, kumkani waseJiputa,
gongqongqo elikhulu elilele tywaa kwiintlambo zeNayile.
Uthi: ‘INayile yeyam;
ndazidalela mna ngokwam.’
4Kodwa ndiya kukufaka igwegwe phakathi kwemihlathi,
ndizitsho iintlanzi zeentlambo zakho zinamathele emaxolweni akho.
Ndiya kukurhola ndikukhuphe emlanjeni
zijinga njalo iintlanzi emaxolweni akho.
5Ndiya kukuphosa entlango wena nezo ntlanzi zasentlanjeni.
Uya kuwa elubala, ungaqokelelwa bani.
Ndiya kukunikela kwizilwanyana zasendle neentaka zezulu,
ube lixhoba lazo.
6“Xa kunjalo bonke abahlala eJiputa baya kwazi ukuba mna ndinguNdikhoyo.
“Ubusoloko ungumsimelelo wengcongolo wendlu kaSirayeli. 7Bathe bakukubamba ngezandla, wasuka wakroboka, wabahlaba amanxeba emakhwapheni; bathe bakusimelela ngawe, wasuka wee shwaqa, baza bakruneka imiqolo.
8“Ngako oko ke ithi iNkosi uNdikhoyo: Ndiza kukuthumela ngekrele, abulawe onke amadoda nemfuyo yakho. 9IJiputa iya kuba lilizwe elisebugxwayibeni. Baya kundazi ukuba ndinguNdikhoyo.
“Kaloku uthe: ‘INayile yeyam; ndazidalela mna ngokwam.’ 10Ndiyalwa nawe ke ngoko, wena nemisinga yomlambo wakho. Ndiza kulitshabalalisa izwe laseJiputa, libe yinkangala ukusuka eMigidoli naseAswan kuye kuthi gaa ngemida yaseKushe. 11Akusayi kucanda mntu nasilo kulo; akusayi kuhlala mntu iminyaka engamashumi amane. 12Ilizwe laseJiputa ndiya kulenza libe bubugxwayiba phakathi kwamazwe abubugxwayiba, nezixeko zalo ziya kuba ngamanxuwa njengezinye iminyaka engamashumi amane. Wona amaJiputa ndiza kuwenza abhacele ezizweni, agqibe onke amazwe.
13“Kanti itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Emva kweminyaka engamashumi amane ndiya kuwaqokelela amaJiputa ezizweni ebebhacele kuzo. 14Ndiya kuwaphuthuma ekuthinjweni, ndiwabuyisele ePatro, ilizwe lookhokho bawo. Apho aya kuba sisizwana nje. 15Aya kuba sesona sizwana siphantsi esingasokuze sibuye sibaluleke kwezinye izizwe. Ndiya kusibetha kangangokuba singaze siphinde sizilawule ezinye izizwe. 16IJiputa ayisoze iphinde ibe yindawo azigwagwisa ngayo amaSirayeli, kodwa iya kuhlala isisikhumbuzo sesono sawo sokucela uncedo kuyo. Baya kundazi ngoko ukuba mna ndinguNdikhoyo iNgangalala.”
17Ngomhla wokuqala wenyanga yokuqala yonyaka wamashumi amabini anesixhenxe wathi kum uNdikhoyo: 18“Mntundini, uNebhukadenezare ukumkani waseBhabheli wawufunza ngamandla umkhosi wakhe kwimfazwe yaseTire. Atsho amadoda akhuthuka iintloko, atyabuka amagxalaba. Kodwa umkhosi wakhe zange uzuze nto kuloo mfazwe yaseTire. 19Ngako oko itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: IJiputa ndiza kuyinikezela kuNebhukadenezare ukumkani waseBhabheli, ukuze abuthimbe bonke ubutyebi bayo. Uya kuthimba yonke into enexabiso kwelo zwe, ibe ngumvuzo wokubulaleka komkhosi wakhe. 20Ndimnike iJiputa ukuze ibe yimbuyiselo yomzabalazo wakhe wokundinceda ekunye nomkhosi wakhe, itsho iNkosi uNdikhoyo.
21“Ngaloo mini ndiya kuhlumisa uphondo kwindlu kaSirayeli, nawe ndikwenze uwashumayeze ukhululekile. Baya kwazi ke ngoko ukuba ndinguNdikhoyo.”

Currently Selected:

UHEZEKILE 29: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy