YouVersion Logo
Search Icon

UHEZEKILE 28

28
Udaba olukhaba ikumkani yaseTire
1Ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi: 2“Mntundini, yithi kumlawuli waseTire: Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi:
“Ikratshi lakho litsho uthi: ‘Ndinguthixo;
ndihlala esikhundleni soothixo enzonzobileni yolwandle.’
Kodwa ungumntu, akungothixo,
nokuba wena uzicingela ukuba unguthixo.
3Ngaba ulumke ngaphezu koDaneli?
Akukho nto ifihlakeleyo kuwe?
4Ubulumko bakho nolwazi lwakho lukwenze waba nobutyebi;
oovimba bakho bazele yigolide nesiliva.
5Ubuchule bakho ngorhwebo bukwenze wasisityebi,
yaza loo nto yakubangela ikratshi.
6“Ke ngoko ithi iNkosi uNdikhoyo:
“Ngenxa yokuba uzicingela ukuba unguthixo,
7ndiza kukuthumela ngabasemzini,
ezona zizwe zinoburhalarhume.
Ziya kubugqutha-gqutha ngekrele ubuhle nobulumko bakho,
zibuxabhele ubuqaqawuli bakho.
8Ziya kukutshonisa emhadini.
Apho enzonzobileni yolwandle uya kubulawa ngezikhali.
9Uya kuba satsho ukuthi: ‘Ndinguthixo,’
xa sewuhlangene nâbo bakubulalayo?
Uya kuba ngumntu, ungabi nguthixo,
xa usezandleni zabakugwintayo.
10Uya kufa njengodelekileyo,
sewuphethwe ngabasemzini.
“Nditshilo nje, nditshilo,
itsho iNkosi uNdikhoyo.”
11Ndeva ilizwi likaNdikhoyo lisithi: 12“Mntundini, yitsho isililo ngokumkani waseTire, uthi kuye: Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi:
“Ubungumzekelo wemfezeko,
usisilumko, ufezekile ngobuhle.
13UbuseIdeni, isitiya sikaThixo.
Ubuhombe ngawo onke amatye anqabileyo:
irubhi, itopazi, ne-emeraldi;
ikrisolite, ionirhe, nejaspa,
isafire, itekoyisi, nebherile.
Ebegqagqele egolideni;
alungiswa kwamhla wadalwa.
14Wathanjiswa *okwesithunywa esimaphiko esilondolozayo,
kuba ndakumisela njalo.
Ubuhleli entabeni eyodwa kaThixo;
ubuhamba-hamba phakathi kwamatye abomvu ngumlilo.
15Ukususela kumhla wadalwa wawunesimo esisulungekileyo,
suka waba lixhoba lenkohlakalo.
16Urhwebo lwakho olugqibe lonke ilizwe
lwakwenza waba sisikrelemnqa wada wona.
Ke mna ndakugxotha entabeni kaThixo,
waza wahlazeka.
Ewe, ndakugxotha, wena sithunywa esimaphiko,
wemka kuloo matye abomvu ngumlilo.
17Wasuka wangenwa likratshi ngenxa yobuhle;
bade bonakala nobulumko bakho,
ngenxa yokuziqhayisa ngobunzwakazi.
Ndaza ke mna ndakubhuqa-bhuqa emhlabeni,
ndakwenza intlekisa yeekumkani.
18Uzixabhele izibingelelo zakho ngenkitha yezono zakho
nokurhweba ngamaqhetseba.
Ke mna ndakwenza wavutha,
watsho waba luthuthu emhlabeni,
kubukelwe ngababoneli.
19Zonke izizwe ebezikwazi zikhwankqisiwe nguwe.
Usuke wasisoyikiso;
kaloku awusoze uphinde uvuke.”
Udaba olukhaba Sidon
20Ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi: 21“Mntundini, bhekisa kwiSidon, uyikhalimele 22uthi: Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi:
“Ndiyalwa nawe, Sidon.
Udumo lwam ndolubonakalisa ngawe.
Abantu baya kwazi ukuba ndinguNdikhoyo
xa ndiyohlwaya iSidon,
ndibonisa ubungcwele bam ngayo.
23Ndiya kuyithumela ngobhubhani,
nditsho izitalato zayo zibaleke igazi;
iya kuzala zizidumbu zabafe ngekrele,
ikrele eliya kuvela macalana onke.
Baya kundazi ukuba ndinguNdikhoyo.
24“Abantu bakwaSirayeli baya kuyeka ukuba nabamelwane abahlekisayo ngabo, abahlaba njengohlololwane neengcangula zameva. Baya kwazi ukuba mna ndiyiNkosi uNdikhoyo.
25“Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Xa ndibabutha abantu bakwaSirayeli kwezo zizwe babebhacele kuzo, ndiya kuzityhila kubo phambi kwezizwe, bandazi ukuba ndinguThixo oyedwa. Baya kuhlala ezweni labo endandilinike isicaka sam uYakobi. 26Baya kuhlala apho bekhuselekile, baze bakhe izindlu, batyale nezidiliya. Baya kuba bekhuselekile xa mna ndisohlwaya abamelwane babo ababehlekisa ngabo. Baya kwazi ukuba ndinguNdikhoyo uThixo wabo.”

Currently Selected:

UHEZEKILE 28: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy