YouVersion Logo
Search Icon

UHEZEKILE 2

2
1lisithi: “Mntundini, vuka ume ngeenyawo, ukuze ndithethe nawe.” 2Uthe esathetha njalo ndangenwa nguMoya owasuka wandiphakamisa ndema ngeenyawo, ndaza ndamva ebhekisa kum, 3esithi: “Mntundini, ndikuthuma kumaSirayeli, isizwe sabavukeli esindivukeleyo; wona nooyise andivukele kwada kwanamhlanje. 4Aba bantu ndikuthuma kubo bayadelela, banenkani. Yithi kubo: ‘Itsho iNgangala *enguNdikhoyo: ...’ 5Ewe, uze utsho nokuba bayaphulaphula, okanye abaphulaphuli. Kaloku bayadelela. Kambe ke baya kuqonda ukuba kufike *umshumayeli phakathi kwabo. 6Wena ke, mntundini, uze ungaboyiki, neentetho zabo ungazoyiki. Maze ungoyiki naxa uphakathi korhalajana nobobo. Naxa sewuhlala nabanjengoonomadudwane uze ungoyikiswa zizinto abazithethayo nazizigrogriso zabo, kuba basisizwe esinenkani. 7Uze uluxele udaba lwam kubo nokuba bayakuphulaphula okanye abaphulaphuli, kuba kaloku bangabavukeli. 8Wena ke, mntundini, phulaphula endikuxelela kona. Ungandivukeli uxele esi sizwe sabavukeli; vula umlomo wakho, utye endikunika kona.”
9Ndathi ndakujonga ndabona isandla solulelwe ngakum. Sasiphethe incwadi esongwayo, 10saza ke sayicombulula phambi kwam. Macala omabini kwakubhalwe amazwi asisikhalo nesijwili nesingqala.

Currently Selected:

UHEZEKILE 2: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy