YouVersion Logo
Search Icon

UHEZEKILE 16

16
IJerusalem engathembekanga
1Ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi: 2“Mntundini, yixelele iJerusalem ngezenzo zayo ezinezothe, 3uthi: Itsho iNkosi uNdikhoyo kwiJerusalem ukuthi: Imvelaphi nenkaba yakho ikwilizwe lamaKanana; uyihlo ngumAmori, unyoko engumHiti. 4Ayisikwanga inkaba yakho mhla wazalwa; awuhlanjwanga nangamanzi ukuze ucoceke; awuhlikihlwanga nangetyuwa; awusongelwanga nangengubo. 5Akubangakho mntu uvelanayo nawe, ukuze abe nemfesane akwenzele ezi zinto. Kodwa suka walahlelwa phandle, kuba ubujongelwe phantsi mini wazalwa.
6“Ndathi ndidlula ndakubona ukhaba-khaba egazini lakho, ndaza ndathi, ulele njalo egazini lakho: ‘Phila!’ 7ndakukhulisa okwesihluma edlelweni. Wakhula wahluma waba njengelona litye lihle kumatye aqaqambileyo, antshula amabele akho, zakhula neenwele zakho, kodwa wawuze.
8“Ndadlula kwakhona emva kwexesha, ndathi ndakukujonga ndabona intombi eseyifikisile, ndaza ndakwambathisa ngesondo lengubo, ndabufihla ubuze bakho. Ndafunga ndenza umnqophiso nawe, waba ngowam ke ngoko, itsho iNkosi uNdikhoyo.
9“Ndakufaka emanzini, ndalihlamba igazi kuwe, ndakuthambisa ngamafutha. 10Ndakunxiba ilokhwe ehonjisiweyo, ndakufaka iimbadada zothwathwa, ndakunxiba ilinen ecikiziweyo, ndakwambesa iingubo zexabiso. 11Ndakuhombisa ngamatye anqabileyo, ndakufaka izacholo ezingalweni nentsimbi yomqala entanyeni yakho. 12Ndaza ndakufaka amacici empumlweni nasezindlebeni zakho, ndakuthwalisa isithsaba esihle entloko. 13Ewe, wawuhombe ngegolide nesiliva; izinxibo zakho zizezelinen ecikiziweyo nelaphu lexabiso elihonjisiweyo. Ukutya kwakho ibingowona mgubo ucoliweyo, nobusi, namafutha omnquma. Waba mhle kakhulu ngokungathi ungukumkanikazi. 14Udumo lwakho lwaba ngundaba-mlonyeni ezizweni ngenxa yobuhle bakho, kuba ubuqheleqhele endikunike bona babenza babalasela ubuhle bakho, itsho iNkosi uNdikhoyo.
15“Wasuka wathembela kubuhle bakho, lwaza udumo lwakho lwakwenza walihenyukazi. Waba lukhuko lwabahambi, baza ubuhle bakho bangobabo. 16Enye impahla yakho wenza ngayo isibingelelo sokunqula izithixo apho waqhuba khona izenzo zobuhenyukazi. Azenziwa ezo zinto, kungekho mfuneko yokuba zenzeke. 17Izihombiso zam endandikunike zona, zegolide nesiliva yam, wasuka wenza ngazo *izithixo ezingamadoda, wahenyuza nawo. 18Wazambathisa ngezinxibo zakho ezihonjisiweyo, wanikezela kuzo ngamafutha neziqhumiso zam. 19Kwanokutya endandikunike kona – owona mgubo ucoliweyo, amafutha omnquma, nobusi – wakwenza umnikelo ovumba limnandi kuzo. Ewe, kwenzeka oku, itsho iNkosi uNdikhoyo.
20“Wathatha oonyana neentombi zakho obundizalele zona, wenza ngazo idini lokutya kwezithixo. Bebunganele na ubuhenyukazi bakho? 21Wabaxhela abantwana bam, wenza idini lezithixo ngabo. 22Kuzo zonke izenzo zakho ezinezothe nobuhenyukazi bakho akuzikhumbulanga iimini zobutsha bakho xa wawuze ukhaba-khaba egazini lakho.
23“Yeha! Yeha, wena! Itsho iNgangalala iNkosi uNdikhoyo. Ngaphezu kwayo yonke inkohlakalo yakho 24uzakhele ingqumba yamatye, waza wenza isibingelelo kuzo zonke iindawo eziphangaleleyo esixekweni. 25Ekungeneni kwesitalato ngasinye wakhe isibingelelo sakho, waza ngokwenjenjalo wabugqwalisa ubuhle bakho ngokunikezela ngomzimba wakho nakubani na odlula ngendlela. 26Ngaphezu koko uhenyuze namaJiputa angabamelwane bakho atshatshele ngobudoda, waza ngokwenjenjalo wandixhokonxa ngenxa yamanyala akho angaphele ndawo. 27Mna ke ndisolule isandla sam ndakohlwaya, ndawanciphisa amalungelo akho, ndakuyekela kwiminqweno yeentshaba zakho, nditsho iintombi zamaFilistiya ezaba nomothuko omkhulu bubufebe bakho. 28Uhenyuzile nawo nama-Asiriya; kaloku awaneli! 29Waphumela naseBhabheli, umhlaba wabarhwebi, nalapho awanela.
30“Hayi, ububhetye-bhetye bakho, itsho iNkosi uNdikhoyo. Xa usenza zonke ezi zinto uziphatha okwehenyukazi eliphoxekileyo. 31Xeshikweni usakha iingqumba zakho zamatye ekungeneni kwazo zonke izitalato, usenza nezibingelelo zakho kuzo zonke iindawo zesixeko eziphangaleleyo, ube wahlukile kwamanye amahenyukazi, kuba ubuyichasile intlawulo.
32“Mfazindini okrexezayo! Wena ufuna abahambi endaweni yomyeni wakho! 33Amanye amahenyukazi ahlawulwa umrhumo, kodwa wena ubapha izipho bonke abalala nawe, ubanyobe ukuze baphume kuzo zonke iindawo ukuza kulala nawe. 34Ke ngoko wahlukile kwamanye amahenyukazi; awulandelwa. Wahlukile wena, kuba uyahlawula endaweni yokunikwa umrhumo.
35“Ngoku ke, henyukazindini, phulaphula ilizwi likaNdikhoyo! 36Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Ekubeni ubutshiseka, waza wahamba ze xeshikweni usenza amanyala namadoda akho, ngenxa yezithixo zakho ezinezothe, othe wanikezela ngegazi labantwana bakho kuzo, 37ngoko ke ndiza kuwaqokelela onke amadoda akho abekuvisa ubumnandi ngokulala nawe, onke bethu, lawo ubuwathanda nalawo ubuwacaphukela. Ndiza kuwaqokelela kuzo zonke iindawo, ndize nawo phambi kwakho, ndikuhambise ze, abubone ubuze bakho. 38Ndiza kukugwebela isohlwayo sabafazi abakrexezayo nabaphalaza igazi; ndiza kuwukhuphela kuwe wonke umsindo wam wempindezelo yegazi nobukhwele. 39Emva koko ndiya kukunikezela kumakrexe akho; aya kuzidiliza ingqumba zakho zamatye, aziwise izibingelelo zakho. Aya kuyikhulula impahla yakho, azihluthe izihombo zakho zamatye anqabileyo amahle, akushiye uze ungenanto. 40Aya kukubizela isihlwele sikuxulube ngamatye, sikutyakatye ngamakrele. 41Siya kuzitshisa izindlu zakho, sikohlwaye, abanye abafazi bejongile. Ewe, ndiza kukwenza ukuyeke ukuhenyuza, uyeke nokuhlawula amakrexe. 42Uya kuthotha ke umsindo wam kuwe, ngokunjalo buphele nobukhwele. Ndiya kuthi cwaka ndingabi sakhathazeka.
43“Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Ndiya kukwenza ulithwale ityala laloo nto uyenzileyo, kuba akuzikhumbulanga iimini zobutsha bakho, ngoko undenze ndaqumba ngenxa yoko ukwenzileyo. Akongezanga amanyala na phezu kwamanyundululu owenzileyo?
44“Wonke umntu othanda ukuzekelisa ngamaqhalo uya kuzekelisa ngeli qhalo xa athetha ngawe: ‘Ufuzo luyegqithisa.’ 45Kaloku umfuzile unyoko, kuba yena wamdela umyeni wakhe kunye nabantwana bakhe; ukwangumgubo wengxowa enye noodade wenu abâthi bona babadela abayeni babo nabantwana babo. Unyoko wayengumHiti, uyihlo engumAmori. 46Udade wenu omkhulu wayenguSamariya owayehlala ngentla kwakho neentombi zakhe; udade wenu omncinci, owayehlala ngezantsi kwakho neentombi zakhe, wayenguSodom. 47Akwanelanga kukuhamba ekhondweni labo nokulinganisa amanyundululu abo, koko ubethe wegqitha kubo ngokwenza ububi. 48Ndiyafunga, itsho iNkosi uNdikhoyo, udade wenu uSodom akazenzanga izinto ozenzileyo wena neentombi zakho.
49“Nali ityala lodade wenu uSodom: Yena neentombi zakhe bebeziphakamisile bengaswele nto, bengakhathalele mntu; babengeloncedo kwabangamahlwempu nakwabasweleyo. 50Babezitsho, besenza amanyundululu phambi kwam. Ngoko ndabatshabalalisa njengoko nawe wabonayo. 51Izono zikaSamariya azisiso nesiqingatha sezakho; amanyundululu owenzileyo angaphezu kwawabo, into etsho oodade wenu babe ngamalungisa xa bethelekiswa nawe ngezinto ezimbi ozenzileyo. 52Lithwale ihlazo lakho, kuba kaloku utsho baxoleleka oodade wenu. Ngenxa yokokuba izono zakho bezizibi ngaphezu kwezabo, baba ngathi banobulungisa obungaphezu kobakho. Ngoko ke yiba neentloni, ulithwale ihlazo lakho, kuba kaloku utsho oodade wenu banjengamalungisa.
53“Kodwa ke noko ndiya kumbuyisela endaweni yakhe uSodom neentombi zakhe, ngokunjalo noSamariya neentombi zakhe, ngokunjalo nawe, 54ukuze ulithwale ihlazo lakho lokwenza izinto ezitsho bazibona bengamalungisa. 55Oodade wenu uSodom neentombi zakhe, noSamariya neentombi zakhe, baza kubuyela kwimbo yabo; nawe neentombi zakho uza kubuyela kwimbo yenu. 56Xeshikweni useneqhayiya ubucekisa nokuthetha oku ngoSodom, 57kuba kaloku ubugwenxa bakho babusafihlakele. Kodwa ngoku iintombi zase-Edom nabo bonke abamelwane bazo zikujongele phantsi, ngokunjalo iintombi zamaFilistiya nabo bonke abakungqongileyo. 58Uthi uNdikhoyo: Úza kulithwala ityala lamanyala namanyundululu akho.
59“Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Ndiza kukuphatha ngendlela ofanele ukuphathwa ngayo, kuba kaloku uzibizele isiqalekiso ngokuwutyeshela umnqophiso. 60Kodwa ke noko ndiza kuwukhumbula umnqopiso endawenza nawe xa wawusemtsha, ndize ndenze umnqophiso nawe oya kuhlala uhleli. 61Uya kuthi ke uzikhumbule izenzo zakho, ube neentloni xa usamkela oodade wenu abakhulu kunawe nabancinane kunawe. Ndobanikela kuwe njengeentombi, naxa ndingayi kubabandakanya kumnqophiso wethu sobabini. 62Ndiza kuwuzinzisa umnqophiso wam nawe, ukuze wazi ukuba ndinguNdikhoyo. 63Xa ndikuxolela ngako konke okwenzileyo uya kukhumbula, zikuphathe iintloni, uze ungabuye uwuvule nokuwuvula oku umlomo ngenxa yokuthobeka kwakho, itsho iNgangalala uNdikhoyo.”

Currently Selected:

UHEZEKILE 16: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy