YouVersion Logo
Search Icon

UHEZEKILE 15

15
IJerusalem ngumdiliya ongenamsebenzi
1Ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi: 2“Mntundini, ngaba lubhetele ukhuni lomdiliya kunemithi yasehlathini? 3Kukho lutho lwenziwayo na ngokhuni lomdiliya? Ngaba kukhe kwenziwe izikhonkwane zokuxhoma ngalo? 4Ukuba lubasiwe lwavutha macala, lwarhawuka umongo, ngaba kusekho lutho lungenziwa ngalo? 5Xa belingenamsebenzi liselukhuni kubeka phi ke ngoku xa lurhawukile?
6“Ngako oko itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Kwimithi yehlathi ukhuni lwediliya ndilumisele ukuba lubaswe. Kuya kuba njalo nakubemi baseJerusalem. 7Ndiya kubachasa. Naxa sebephuma emlilweni basaya kutsha ngumlilo kwakhona. Xa sendibachasa baya kwazi ukuba ndinguNdikhoyo. 8Ndiya kuwubharhisa umhlaba kuba bengathembekanga, itsho iNkosi uNdikhoyo.”

Currently Selected:

UHEZEKILE 15: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy