YouVersion Logo
Search Icon

EYEMFUDUKO 4

4
UThixo uthwesa uMosis amandla
1UMosis waphendula wathi: “Ndiya kuthini ke ukuba abakholwa yile nto ndiyithethayo? Xa besithi: ‘Hayi, *uNdikhoyo khange abonakale kuwe.’ ”
2UNdikhoyo wabuza wathi: “Yintoni na le isesandleni sakho?”
UMosis waphendula wathi: “Yintonga.”
3Waza ke uNdikhoyo wathi: “Yiphose phantsi.”
Eyiphosile ke uMosis, yajika yaba yinyoka. UMosis wee jaju phaya, 4uNdikhoyo wathi: “Yibambe ngomsila.” Ngenene ke wayibamba, yaza yajika yayintonga kwakhona. 5Ke uNdikhoyo wathi: “Uya kwenjenjalo ke ukuze amaSirayeli aqonde ukuba ubonene noNdikhoyo uThixo wookhokho bawo: uThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi.”
6Waphinda wathetha naye uNdikhoyo wathi: “Qhusheka isandla sakho ngaphantsi kwesambatho sakho.” Wasifaka ke, wabuya wasikhupha, suka saphuma simhlophe qhwa liqhenqa.
7Waza wathi uNdikhoyo kuye: “Phinda usiqhusheke.” Akuba ephindile, wabuya wasikhupha, sabuya siphilile sifana nenxalenye yomzimba wakhe. 8Waqhuba wathi uNdikhoyo kuye: “Ukuba abakholwanga ngumqondiso wokuqala, noko baya kwanela ngulo wesibini. 9Xa ke benganeliseki yile miqondiso mibini, bengafuni nokukuphulaphula, uze ukhe amanzi emlanjeni iNayile, uwagalele emhlabeni; uya kubona ke aya kujika abe ligazi.”
10Kambe ke uMosis waphendula uNdikhoyo wathi: “Hayi, Mhlekazi, kaloku andizange ndibe liciko ekuthetheni; ibe ke nangoku okoko wathethayo nam, andikwazi ukuthetha; ndilithintitha.”
11UNdikhoyo ke wathi kuye: “Kanti ngubani owenza umntu akwazi ukuthetha; ingubani omenza angakwazi, okanye abe sisithulu? Ngubani omenza abone, okanye abe yimfama? Asindim na, mna Ndikhoyo? 12Hayi bo! Hamba, kaloku ndiya kukunceda ukwazi ukuthetha, ndiya kukufundisa oko ufanele ukukuthetha.”
13UMosis uphinde wathi: “Hayi, Mhlekazi, ndiyakubongoza, thuma mntu wumbi.”
14Kwesi sithuba ke uNdikhoyo wacaphuka nguMosis, wathi: “Andithi kanene unomkhuluwa onguAron umLevi? Ndiyazi ukuba yena uyakwazi ukuthetha; nangoku nanko esiza kukuhlangabeza; futhi uya kuvuya gqitha akukubona. 15Wena ke uya kubhekisa kuye, abe ngumlomo wakho. Mna ndiya kuninceda nobabini ekuthetheni, ndinazise emanikwenze. 16Ke yena uya kuba ngumlomo wakho ebantwini, wena ke ube nguthixo kuye, athethe egameni lakho. 17Kambe ke sukuyishiya le ntonga; kaloku uya kuyenza ngayo imimangaliso.”
UMosis uphindela eJiputa
18Ke kaloku uMosis wagoduka waya kwaJetro uyise womkakhe, wafika wathi: “Ndikhulule ndiye eJiputa kumawethu, khon' ukuze ndive impilo yawo.”
Wathi uJetro: “Hamba. Ndlela-ntle!”
19*UNdikhoyo ke wathetha noMosis kwalapho eMidiyan, wathi: “Hamba uphindele eJiputa, kuba abantu ababezungula ubomi bakho abasekho.” 20UMosis ke wakhwelisa umkakhe nabantwana edonkini, waphindela kwelaseJiputa, ephethe intonga awayeyiyalezwe nguThixo.
21UNdikhoyo wamyaleza uMosis, wathi: “Wakufika eJiputa uzuyenze phambi kokumkani yonke imimangaliso endikunike amandla okuyenza. Kodwa ke ndiya kuyiqaqadekisa intliziyo yakhe, angavumi ukuwakhulula amaSirayeli.” 22Waqhuba wathi: “Uze uthi apho kukumkani: ‘UNdikhoyo uthi: USirayeli ngunyana wam wamazibulo; 23ngoko ke mkhulule aye kundikhonza; kuba ukuba ngaba uyala, ndiya kubulala unyana wakho wamazibulo. ’ ”
24Kwathi apho babelalise khona uNdikhoyo wamvunukela uMosis, efuna ukumbulala, 25-26koko wesuka uZipora wathatha intshengeca yelitye lenyengane, wolusa unyana wakhe, waza ngokunjalo wachukumisa iinyawo zikaMosis, esithi: “Ngenene kum ungumyeni wegazi.” Wayesitsho exela ulwaluko. Ngoko ke uNdikhoyo wamyeka uMosis.
27Wathi ke uNdikhoyo kuAron: “Yiya entlango, uhlangabeze uMosis.” Wanduluka ke uAron, baza bahlangana entabeni kaThixo, wamanga. 28UMosis ke wabalisela uAron onke amazwi awawathethayo kuye uNdikhoyo, ngokunjalo nemiqondiso awamnika yona. 29Bahamba bobabini ke, bafika bawaqokelela amadoda amakhulu akwaSirayeli. 30Ke uAron wawaphalaza kuwo onke amazwi awayethethwe nguNdikhoyo kuMosis, ngokunjalo nemiqondiso leyo wayeyinikiwe wayenza phambi kwabo. 31Bathi ke abantu, bakuba bevile, bebonile nokubona, baneliseka, baqonda ukuba uthe kanti uNdikhoyo usivile isimbonono samaSirayeli, wayiqonda nembandezelo akuyo. Ngoko ke besuka bee guqaqa banqula.

Currently Selected:

EYEMFUDUKO 4: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy