YouVersion Logo
Search Icon

EYEMFUDUKO 37

37
Ukwenziwa kwetyesi yomnqophiso
(Mfud 25:10-22)
1UBhezaleli wayenza ityesi yomnqophiso ngomngampunzi. Yayiziisentimitha ezilikhulu elineshumi ubude, zingamashumi amathandathu nantandathu ububanzi kwanomphakamo wayo. 2Wayityabeka ngegolide ngaphandle nangaphakathi, waza ke wayiphetha kwangayo jikelele. 3Kumanqina ayo omane wayifakela amakhonkco enziwe ngegolide, amabini kweli cala, amabini kweliya. 4Kwakhona wenza imiqobo yokuphatha, wayityabeka ngegolide, 5wayifaka kulaa makhonkco ngapha nangapha, ukuze ibe nokuthwalwa. 6Wathatha igolide, wenza isivalo setyesi. Sasiziisentimitha ezilikhulu elineshumi ubude, zingamashumi amathandathu anantandathu ububanzi. 7-9Wathatha igolide, wabumba *izithunywa ezimaphiko zambini, wazenza zaba yinto enye nesivalo eso, zamiswa ngapha nangapha phezu kwaso zijongene, athi ke naloo maphiko azo athe naa agubungela isivalo eso.
Ukwenziwa kwetafile
(Mfud 25:23-30)
10Wathatha umngampunzi, wenza itafile. Yona yayingamashumi asibhozo anesibhozo eesentimitha ubude, zingamashumi amane anane ububanzi; kanti ke ukuphakama zazingamashumi amathandathu anesithandathu. 11Wayeyityabeka ngegolide ecwengileyo, futhi wayiphetha kwangayo jikelele. 12Ngokunjalo wayenzela ungqameko oluyijikelezileyo, lungangesandla ububanzi, waza waluphetha ngegolide jikelele. 13Wayifakela amakhonkco amane, enziwe ngegolide, wawanxibelela ezikoneni zone apho imilenze yayifakelwe khona. 14La makhonkco okungena imiqobo yokuphatha wawenza alungelelana nongqameko olo. 15Ke yona imiqobo leyo wayenza ngomngampunzi, wayityabeka ngegolide. 16Itafile leyo wayenzela izitya ngegolide: iipleyiti, iikomityi, iindebe, nezitya zokwenza idini lewayini.
Isibane
(Mfud 25:31-40)
17Wathatha igolide ecwengileyo, wenza isibane. Amazantsi kunye nesiqu saso wasibumba ngegolide naso. Wasenzela izihombiso ngeentyatyambo, imidumba, namagqabi eentyatyambo; zonke ke zaba yinto enye nesibane eso.
18Kwalapho kuso wanxibelela amasebe aso: amathathu ngapha nangapha. 19La masebe mathandathu aphuma esiqwini sesibane wawahombisa ngeentyatyambo zealmondi, nangemidumba, nangamagqabi eentyatyambo. 20Nesiqu sesibane wasihombisa ngeentyatyambo ezine zealmondi, wasivathisa ngemidumba namagqabi eentyatyambo. 21Onke amasebe lawo wawasekela ngomdumba. 22Imidumba namasebe lawo, ngokunjalo nesibane siphela, zazenzwe ngegolide ecwengileyo, kuyinto enye nje. 23Esi sibane ke uBhezaleli wasenza ngohlobo lokuba sibe zizibane ezisixhenxe. Umcephe wokusicima ngokunjalo nezithetyana zaso wazenza ngegolide. 24Ekwenzeni esi sibane ngokunjalo nobuxhaka-xhaka baso wasebenzisa igolide eziikhilogram ezingamashumi amathathu nantlanu ubunzima.
Ukwenziwa kweqonga lesiqhumiso
(Mfud 30:1-5)
25UBhezaleli wathatha umngampunzi, wenza iqonga lesiqhumiso. Amacala alo wawenza alingana, aziisentimitha ezingamashumi mane nantlanu, zangamashumi alithoba ukuphakama. Iimpondo zalo zazintwinye nalo. 26Eli qonga lonke walityabeka ngegolide: umphezulu, amacala, neempondo; futhi waliphetha kwangegolide jikelele. 27Walenzela amakhonkco amabini ngegolide. Wawanxibelela apha phantsi komphetho macala, khon' ukuze apho kuwo kungene imiqobo yokuphatha. 28Wathatha umngampunzi, wenza imiqobo, waza wayityabeka ngegolide.
Ukwenziwa kwamafutha nesiqhumiso
(Mfud 30:22-38)
29Kananjalo wenza amafutha awodwa okuthambisa. Ngokukwanjalo wenza nesiqhumiso esivumba liyolileyo. Xa zizonke ke wazixuba okwechule.

Currently Selected:

EYEMFUDUKO 37: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy