YouVersion Logo
Search Icon

EYEMFUDUKO 36

36
1“Ngoko ke uBhezaleli noHoliyabhi, nawo onke amagcisa anikwe ezi ziphiwo nokuqonda, anabo ubuchule bokuzenza zonke ezi zinto zifunekayo ekwakhiweni *kwesibingelelo, makazenze zonke zibe matwa nomyalelo kaNdikhoyo.”
AmaSirayeli ayanikela
2Ke kaloku uMosis wathetha noBhezaleli noHoliyabhi, nabo bonke abaphiwe ubugcisa nababelangazelela ukunceda, wathi mabaqalise ukusebenza. 3UMosis wazigqithisela kubo zonke izinto zokusebenza ezazingumnikelo ovela kumaSirayeli ngeenjongo zokwakha *isibingelelo. Baza abantu bathi rhoqo ukuzisa iminikelo yabo ngeentsasa zonke. 4Amagcisa lawo ayesebenza awuyeka umsebenzi, 5aya kuMosis, athi: “Lo mnikelo bawuzisayo aba bantu ngoku mninzi ngaphezu kwemfuneko yomsebenzi esiwuyalelwe *nguNdikhoyo.”
6Ngoku ke uMosis wakhupha umyalelo, kwaza kwavakaliswa kumzi wonke kwathiwa: “Makungabikho bani, nokuba yindoda okanye obhinqileyo, ozisa omnye umnikelo esibingelelweni.” Ngoko ke abantu banqumama ekunikeleni. 7Lo mnikelo wawuselugqithisiwe wawungaphezu kwemfuneko.
Ukwakhiwa kwesibingelelo
(Mfud 26:1-37)
8Awona madoda angamagcisa kulawo ayesebenza, enza *isibingelelo ngemikhusane elishumi yelaphu elihle kunene, linombala ozuba, omsobo, nobomvu; lihonjiswe laqhoqhonywa ngemifanekiso *yezithunywa ezimaphiko, ezenziwe ngobugcisa nobunono. 9Le mikhusane yayilingana, iziimitha ezilishumi elinambini ubude, nesibini seemitha ububanzi. 10Imikhusane leyo ke bayithunga bayidibanisa ngamihlanu ngamihlanu. 11Benza amarhintyela ngelaphu elizuba phaya emphethweni ngapha nangapha. 12Bafaka amarhintyela angamashumi amahlanu kuloo macala omabini, bawenza alungelelana. 13Benza namashumi amahlanu amahaki ngegolide, khon' ukuze la macala mabini emikhusane ahlanganiswe abe yinto enye.
14Baza ke benza intente yangaphandle ngemiqulu elishumi elinanye eyenziwe ngoboya bebhokhwe. 15Bayenza yalingana yaziimitha ezilishumi elinantathu ubude, zambini ke ububanzi. 16Isihlanu sayo ke basithunga basidibanisa sayinto enye; ngokunjalo nesithandathu eso basithunga basidibanisa sayinto enye naso. 17Bafakela amarhintyela angamashumi amahlanu emphethweni wecala ngalinye. 18Bathatha ubhedu, benza ngalo amahaki angamashumi amahlanu, khon' ukuze la macala mabini adityaniswe.
19Baza intente bayenzela izigqubuthelo ezibini, esangaphantsi senziwe ngofele olubomvu lwenkunzi yegusha, esangaphezulu ngesikhumba esisukiweyo.
20Benza izakhelo zokuxhasa intente leyo ngomngampunzi. 21Isakhelo ngasinye sasiziimitha ezine ubude neesentimitha ezingamashumi amathandathu nesithandathu ububanzi. 22Bazenza ke zalabalaba ngapha nangapha, ukuze zibe nokuhlanganiswa. Zonke ke izakhelo zenziwa ngale ndlela. 23Izakhelo ezo zaba ngamashumi amabini ezangezantsi. 24Ngokunjalo bazenzela iziseko ngesiliva zamashumi mane, zazibini esakhelweni, ukuze zibambe nale ndawo ilabalabayo. 25Amantla bawenzela izakhelo ezingamashumi amabini, 26ngokunjalo neziseko zesiliva ezingamashumi amane, zazibini esakhelweni. 27Kwicala langasemva entshona benza izakhelo zazithandathu, 28baza benza izakhelo zazibini ezikoneni. 29Ezi zakhelo zeekona zaziqhagamshelwe emazantsi, zaya kuqhina phezulu. Kunjalo ke okwezi zakhelo zibini zeekona. 30Ngoko ke zazisibhozo izakhelo, zixhaswe ngeziseko ezilishumi elinesithandathu – zizibini esakhelweni.
31Kwakhona benza imiqadi yezakhelo ngomngampunzi. Yayimihlanu ngapha 32nangapha, ngokunjalo nakwicala langasentshona ngasemva. 33Lo uphakathi bawubeka esizikithini, wasuka ngapha waya kuthi ngqu ngaphaya. 34Izakhelo ezo bazityabeka ngegolide, bazinxibelela amakhonkco enziwe ngegolide apho kwakungena khona imiqadi – miqadi leyo eyayityatyekwe ngegolide nayo.
35Baza ke bathatha imiqulu yelaphu elisontwe kakuhle, benza umkhusane. Wawuyile mibala: ozuba, omsobo, nobomvu. Futhi ke wawuhonjiswe ngemifanekiso *yezithunywa ezimaphiko, eyenziwe ngobugcisa nobunono. 36Lo mkhusane ke wawuxhonywe kwiintsika zomngampunzi, bezityabeke ngegolide, bazenzela amahaki; zona ke zazixhaswe ngeziseko ezine zesiliva. 37Esangweni lesibingelelo bafaka umkhusane owenziwe ngelaphu lisontwe kakuhle, linale mibala: ozuba, omsobo, nobomvu; baza ke baliqhoqhonya balihombisa ngobugcisa nobunono. 38Lo mkhusane ke bawenzela iintsika ezintlanu, bazifakela amahaki. Iintloko zeentsika, ngokunjalo nemiqadi, bayityabeka ngegolide, baza bazenzela iziseko ezihlanu ngobhedu.

Currently Selected:

EYEMFUDUKO 36: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy