YouVersion Logo
Search Icon

EYEMFUDUKO 31

31
Amagcisa okwakha isibingelelo
(Mfud 35:30 – 36:1)
1*UNdikhoyo waxelela uMosis wathi: 2“Uyabona ke, uBhezaleli unyana kaUri umzukulwana kaYuri wendlu kaJuda, ndimnyule. 3Ndimzalise ngoMoya wam, ndamthi jize ngokuqonda, ubuchule, nabo bonke ubugcisa; 4ukucwangcisa nokuyila esebenza ngegolide, isiliva, nobhedu; 5ukukrola nokuqingqa amatye, nokuchwela, nawo wonke umsebenzi wobugcisa. 6Kanti ke noHoliyabhi, unyana ka-Ahisamaki wendlu kaDan, ndimtyumbile ukuba ancedisane noBhezaleli. Naye ke ngokunjalo bonke ubuchule nobugcisa ndimphile, khon' ukuze babe nako ukuyenza yonke into endiyalela ukuba yenziwe: 7*isibingelelo, ityesi yomnqophiso nesivalo sayo, nezixhobo nako konke okuhamba nesibingelelo; 8itafile namasolotya ayo, isibane esenziwe ngegolide yoqobo nokwaso, iqonga lesiqhumiso, 9iqonga lamadini atshiswayo nezixhobo zalo, isitya sokuhlambela nesiseko saso; 10ezo zivatho zingayiwayo zobubingeleli zika-Aron noonyana bakhe, abaya kuzisebenzisa xa befezekisa umsebenzi endibanike wona; 11amafutha okuthambisa, neso siqhumiso sivumba limnandi segumbi elingcwele. Zonke ke ezi zinto mabazenze matwa nendlela endikuyalele ngayo.”
UMhla wokuPhumla
12*UNdikhoyo wathi uMosis 13makayalele amaSirayeli athi: “Wuhloneleni *uMhla wokuPhumla, uyimini yam; ewe, ungumqondiso phakathi kwam nani kwizizukulwana ngezizukulwana, uxela ukuba mna Ndikhoyo ndanenza naba ngabam ncakasana. 14Ngoko ke wuhloneleni uMhla wokuPhumla, kuba kuni ungumhla owodwa. Umntu ongawuhloneliyo, koko osebenzayo ngawo, makabulawe. 15Kaloku zikho iintsuku ezintandathu ukuba nenze wonke umsebenzi wenu, kodwa ke wona umhla wesixhenxe ngumhla onendili wokuphumla olibango lam. Nabani na ke owenza umsebenzi wakhe ngawo makabulawe. 16AmaSirayeli makaluhlonele olu suku, lube ngumqondiso ngokomnqophiso kwizizukulwana ngezizukulwana. 17Lona lungumqondiso ongasoze ujike phakathi kwam namaSirayeli. Kaloku mna Ndikhoyo ndênza izulu nehlabathi liphela ngeentsuku ezintandathu, ndaza ke ndaphumla ngomhla wesixhenxe.”
18Akukhov' ukuthetha uThixo noMosis entabeni yeSinayi, wamnikezela amacwecwe amatye amabini, apho uThixo ngenkqu wayeyibhale khona imimiselo.

Currently Selected:

EYEMFUDUKO 31: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy