YouVersion Logo
Search Icon

EYEMFUDUKO 30

30
Iqonga lesiqhumiso
(Mfud 37:25-28)
1“Thatha umngampunzi, wenze iqonga lesiqhumiso. 2Amacala alo makalingane, abe ziisentimitha ezingamashumi amane nantlanu ubude, ngokunjalo nobubanzi; umphakamo ke wona zibe ngamashumi asithoba. Izibonda zeekona mazilabalabe zenze iimpondo. 3Eli qonga ke lityabeke lonke ngegolide: umphezulu, amacala, neempondo; futhi ke uliphethe ngegolide jikelele. 4Lenzele amakhonkco amabini ngegolide, uwanxibelele apha phantsi komphetho macala, khon' ukuze apho kuwo kungene imiqobo yokuliphatha. 5Nayo le miqobo yenze ngomngampunzi, uyityabeke ngegolide. 6Eli qonga malibe nganeno komkhusane ophambi kwetyesi enobungqina bomnqophiso evalwe ngesivalo sokungxengxezela, apho ndiya kuhlangana nawe khona. 7Miso le xa uAron eze kulungisa izibane, uya kufaka isiqhumiso esivumba limnandi kweli qonga. 8Nasemalanga ke, xa eze kulumeka izibane, makenze kwangolo hlobo. Lo mnikelo ke wesiqhumiso mawungatyeshelwa kude kube zizizukulwana ngezizukulwana. 9Kweli qonga ke ungaze uqhumise ngasiqhumiso simbi, okanye idini elitshiswayo, kungenjalo idini lokutya; phezu kwalo ungenzi mnikelo uthululwayo. 10Kanye ngonyaka uAron makalihlambulule eli qonga ngokwenza idini lokucamagusha. Uya kuthatha igazi lelo dini lesono, aqabe iimpondo zalo. Lo mmiselo ke mawenziwe minyaka le, ungaze uyekwe. Ngokwenjenjalo ke eli qonga liya kuba nyulu ngokugqibeleleyo kuNdikhoyo.”
Umrhumo wesibingelelo
11*UNdikhoyo ke wathi kuMosis: 12“Ngexesha lobalo lwamaSirayeli umntu ngamnye aze akhuphe umrhumo wokucamagushela ubomi bakhe, khon' ukuze kungabikho shwangusha elubalweni apho. 13Wonke umntu obalwayo makakhuphe iqhekeza lesiliva liqulunqwe ngokomlinganiselo ovunyiweyo. Ewe wonke ubani makahlawule le mali, ibe ngumnikelo wakhe kum. 14Lilonke ke, mntu wonke ubalwayo ukuqalela kominyaka ingamashumi amabini ukunyuka, makawukhuphe loo mrhumo. 15Uyabona ke, kuloo mrhumo wobomi babo akukho sityebi nahlwempu, koko bonke baya kukhupha ngokulinganayo umlinganiselo lowo umisiweyo. 16Le mali ke yiqokelele kuwo onke amaSirayeli, ize isetyenziswe ekuxhaseni *isibingelelo. Lo mrhumo ke sisicamgushelo sobomi babo, khon' ukuze ndihlale ndibakhumbula ndibakhusele.”
Isitya sobhedu
17*UNdikhoyo wathetha noMosis wathi: 18“Yenza isitya sokuhlambela ngobhedu, usihlalise phezu kwesiseko sobhedu. Masime phakathi kwegumbi elingcwele neqonga lamadini, usigalele amanzi. 19UAron noonyana bakhe baya kuhlamba izandla neenyawo kuloo manzi 20xa bangenayo egumbini elingcwele okanye besiya kwenza idini elitshiswayo kwiqonga lamadini, ukuze bangafi. 21Ewe, mabahlambe izandla neenyawo ukuze bangafi. Lo ke ngummiselo amabawuthobele bona nezizukulwana zabo.”
Amafutha okuthambisa
22*UNdikhoyo wayalela uMosis wathi: 23“Thatha obona bulawu bodidi: iikhilogram ezintandathu zemore engamanzi, iikhilogram ezintathu zesinamon evumba limnandi, iikhilogram ezintathu zezele elivumba limnandi, neekhilogram ezintandathu 24zekasiya; zonke mazilinganiswe ngokomlinganiselo ovunyiweyo. Xa zizonke ke zidibanise neelitha ezine zamafutha omnquma, 25wenze isiqholo esingamafutha anyulu avumba limnandi, axutywe lichule. 26Ngawo ke thambisa intente *yesibingelelo, ityesi enobungqina bomnqophiso, 27itafile namasolotya ayo, isibane nobuxhaka-xhaka baso, iqonga lesiqhumiso, 28iqonga lamadini nokwalo, kunye nesitya sokuhlambela nesiseko saso. 29Wakuba uzihlambulule ngolu hlobo ke ezi zinto ziya kuba nyulu ngokupheleleyo, ngokunjalo ke nantoni na ezichukumisayo iya kuba nyulu. 30Thambisa uAron noonyana bakhe, ubamisele babe ngababingeleli bam. 31Waxelele amaSirayeli ukuba la mafutha ngawam kuphela kude kube zizizukulwana ngezizukulwana. 32Umntu nje ongomnye angàze athanjiswe ngawo. Kwaye futhi ungàze uthathe le migqalisela axutywe ngayo wenze amafutha nje. Kaloku anyulu; ngoko ke wahloniphe. 33Nabani na owenza amafutha afana nawo, okanye osebenzisa la mafutha mntwini wumbi ungengombingeleli, uya kusikwa phakathi kwabantu bam.”
Isiqhumiso
34*UNdikhoyo wayalela uMosis wathi: “Thatha umlinganiselo ofanayo wezi ntlobo zobulawu: isitakate, ionirha, igalbhano, nentlaka yokuqhumisa yoqobo. 35Yenza ngazo umxube wesiqhumiso esivumba liyolileyo. Sithi saa ityiwa, sihlambuluke sibe nyulu. 36Thatha inxalenye yaso, uyicole ibe ngumgubo, ungene nayo *esibingelelweni, uyibeke phambi kwetyesi yomnqophiso apho ndiya kuhlangana khona nawe. Esi siqhumiso masihlonipheke; sinyulu. 37Ningaze nithathe imigqaliselo yalo mxube waso nizenzele esenu. Siphatheni ngentlonipho, sibe sesam ndedwa. 38Nabani na ozenzele isiqhumiso esifana naso, okanye osebenzisa esi njengesiqholo, uya kusikwa phakathi kwabantu bam.”

Currently Selected:

EYEMFUDUKO 30: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy