YouVersion Logo
Search Icon

EYEMFUDUKO 3

3
Ukubizwa kukaMosis nguThixo
1Ngoku ke uMosis wayesalusa imihlambi kaJetro umbingeleli waseMidiyan, uyise womkakhe. Wayikhokela ke imihlambi leyo, wanqumla entlango, wada waya kufika eHorebhe intaba kaThixo. 2Apha kulapho sabonakalayo kuye isithunywa *sikaNdikhoyo etyholweni elidangazela umlilo. Uthe ke akuqwalasela uMosis wabona ukuba okunene ityholo liyavutha, kodwa alide litshe. 3Wathetha yedwa wathi: “Makhe ndisondele ndibone lo mhlola! Ngani ukuba ityholo lingatshi?”
4*UNdikhoyo wathi akubona ukuba uMosis uyasondela efuna ukuqonda lo mbono, wamkhwaza esetyholweni apho, wathi: “Mosis! Mosis!”
Wasabela ke yena wathi: “Ewe, ndim lo.”
5UThixo wathi kuye: “Sukusondela; khulula iimbadada ezo, kuba le ndawo umi kuyo yindawo eyodwa.” Wandula wathi uThixo kuye: 6“Mna ndinguThixo wookhokho bakho; uThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi.” UMosis ke wabugquma ubuso bakhe, kuba esoyika ukujonga uThixo.
7Waqhuba ke *uNdikhoyo wathi: “Ngenene ndiyibonile imbandezelo yabantu bam eJiputa. Ndisivile nesimbonono sabo ngenxa yâbo babatshutshisayo. Ewe, ndiyayiqonda intlungu yabo; 8ngoku ke ndihlile ukuze ndibahlangule esandleni samaJiputa, ndibakhulule baphume kwelo lizwe, baye kwilizwe elihle eliphangaleleyo, eliphuphuma ubisi nobusi. Elo ke lelamaKanana, amaHiti, ama-Amori, amaPerezi, amaHivi, namaJebhusi. 9Kaloku isikhalo samaSirayeli side saza kufikelela kum, ibe ke ndiyibonile nengcinezelo aphantsi kwayo esandleni samaJiputa. 10Hamba ke; ndikuthuma kukumkani waseJiputa, ukuze ubakhokele baphume eJiputa abantu bam amaSirayeli.”
11UMosis wathi kuThixo: “Kuxa ndingubani mna ukuba ndingade ndiye kukumkani ukuze ndikhuphe amaSirayeli eJiputa?”
12UThixo waphendula wathi: “Ndiya kuba nawe. Nanku umqondiso wokuba uthunywa ndim: mhla wabakhupha abo bantu eJiputa noza kundinqula mna Thixo apha kule ntaba.”
13UMosis wabuza wathi: “Ukuba ndiyile ke kumaSirayeli, ndawaxelela ukuba ndithunywe kuwo nguThixo wookhokho bawo, aza wona andibuza ukuba ngubani igama lakhe, ze ndithini?”
14UThixo waphendula wathi: “Ndinguye uNdikhoyo. Uze uwaxelele amaSirayeli ukuba uthunywa nguNdikhoyo.” 15UThixo waqhuba wathi: “Uze uthi kumaSirayeli: ‘Ndithunywa *nguNdikhoyo, uThixo wookhokho benu: uThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi.’ Kaloku eli ligama lam nanini nanini; ndaye ke ndiya kubizwa ngalo nazizizukulwana ezizayo. 16Ngoko ke hamba uwaqokelele amadoda amakhulu amaSirayeli, uthi kuwo: ‘Ndimbonile uNdikhoyo, uThixo wookhokho benu, uThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi; uthe: “Ndinijongile ndayibona imeko enikuyo apha eJiputa; 17ngoku ke ndizimisele ukunikhulula kule mbandezelo yaseJiputa, ndinise kwilizwe lamaKanana, amaHiti, ama-Amori, amaPerezi, amaHivi, namaJebhusi; nditsho ilizwe elivuza ubisi nobusi.” ’
18“Ukuba ke utshilo kubo baya kukuphulaphula. Wena ke uya kuthatha amadoda amakhulu amaSirayeli, niye kukumkani waseJiputa, nithi kuye: ‘Sibonene noNdikhoyo uThixo wamaHebhere; ngoku ke siyakubongoza ukuba ukhe usikhulule, sithathe uhambo lweentsuku ezintathu, siye entlango, sibingelele simenzele idini uNdikhoyo Thixo wethu.’ 19Kambe ke ndiyazi ukuba ukumkani waseJiputa akayi kunivumela ngaphandle kokuba ndide ndimnyanzele. 20Ngoko ke mna ndiya kuwaqwakanisa amaJiputa, ndenze imimangaliso eya kuwarhwaqelisa; emva koko ke uya kunikhulula.
21“Ngaphezu koko ke amaSirayeli ndiya kuwenza axatyiswe ngamaJiputa, khon' ukuze ningahambi ningaphathanga nto. 22Kaloku wonke umfazi uya kucela kummelwane nakundwendwe olusendlwini yakhe, bamnike izinto zexabiso zesiliva negolide kwakunye nempahla yokunxiba. Ezo zinto ke ziya kuthwalwa ngoonyana neentombi zamaSirayeli. Ngalinye ke amaSirayeli aya kuyiphanga impahla yamaJiputa.”

Currently Selected:

EYEMFUDUKO 3: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy