YouVersion Logo
Search Icon

EYEMFUDUKO 25

25
Iminikelo yesibingelelo
(Mfud 35:4-9)
1*UNdikhoyo wathetha noMosis, wathi: 2“Xelela amaSirayeli ukuba bonke abaziva beqhutywa yintliziyo mabakhuphe umnikelo, bawuzise kum. 3Lo mnikelo ke mawube kwezi ndidi: igolide, isiliva, ubhedu, 4nelaphu elizuba, nelimsobo, nelibomvu, nelaphu elicikizekileyo, neloboya bebhokhwe, 5nofele olubomvu lwenkunzi yegusha, nofele olusukiweyo, nomngampunzi, 6neoyile yesibane, nobulawu bokuqhola, ioyile yesiqhumiso, 7namatye ekarneli, namanye amatye okuhombisa *isidanga sombingeleli omkhulu ngokunjalo nesikhuselo-sifuba sakhe. 8Mabandakhele indawo eyeyam ndodwa, ukuze nam ndihlale phakathi kwabo. 9Ke yona nempahla engaphakathi mayakhiwe ibe matwa nomzekelo endokubonisa wona.
Ityesi yomnqophiso
(Mfud 37:1-9)
10“Thatha umngampunzi, wenze ityesi ngawo. Mayibe ziisentimitha ezilikhulu elineshumi ubude bayo, ibe ngamashumi mathandathu nantandathu ububanzi, ngokunjalo nokuphakama. 11Yityabeke ngegolide ngaphandle nangaphakathi, futhi uyiphethe kwangegolide jikelele. 12Thatha igolide wenze amakhonkco abe mane, uwanxibelele emanqineni etyesi abe mabini cala-nye. 13Yenza imiqobo ngomngampunzi, uyityabeke ngegolide; 14yona ke yongena kuloo makhonkco, iphathwe ngazo ityesi. 15Mayingakhutshwa, koko mayihlale ngolo hlobo lonke ixesha. 16Ngaphakathi ke faka amacwecwe abubungqina bomnqophiso endiza kukunika wona.
17“Kwakhona ke thatha igolide, wenze isivalo sibe ziisentimitha ezilikhulu elineshumi ubude, ububanzi zibe ngamashumi amathandathu anesithandathu. 18Thatha igolide ubumbe imifanekiso *yezithunywa ezimaphiko ibe mibini; yenze ibe nto-nye nesivalo eso, 19-20imiswe ngapha nangapha phezu kwaso, ijongene; athi ke loo maphiko athe naa asigubungele isivalo eso. 21Faka loo macwecwe mabini abubungqina bomnqophiso, uvale. 22Kulapho ndiya kuhlangana nawe ke, apho phezu kwesivalo setyesi yomnqophiso, phakathi kwemifanekiso yezithunywa ezimaphiko, ndikunike yonke imiyalelo yamaSirayeli.”
Itafile
(Mfud 37:10-16)
23“Thatha umngampunzi, wenze itafile ngawo. Mayibe ngamashumi asibhozo anesibhozo eesentimitha ubude; ibe ngamashumi mane anane ububanzi, kanti ke ukuphakama ibe ngamashumi amathandathu anesithandathu. 24Yityabeke ngegolide, futhi uyiphethe kwangayo jikelele. 25Mayijikelezwe lungqameko olububanzi bungangesandla, oluphethwe ngegolide jikelele. 26Yenza amakhonkco egolide abe mane, abe sezikoneni phezu kwemilenze. 27Amakhonkco okubamba imiqobo yokuthwala itafile makasondele kungqameko. 28Yenza imiqobo leyo ngomngampunzi, uyityabeke ngegolide. 29Yenza iipleyiti, iikomityi, iindebe, nezitya zokusetyenziswa xa kusenziwa idini lewayini. Kambe ke zonke ezi zinto mazenziwe ngegolide. 30Kule tafile makusoloko kukho isonka esinikelwa kuThixo.”
Isibane
(Mfud 37:17-24)
31“Thatha igolide engangxengwanga, wenze isibane ngayo. Amazantsi kunye nesiqu sesibane masibunjwe ngegolide. Izihombiso ezifana neentyatyambo, nemidumba, namagqabi eentyatyambo, mazibe nto-nye nesibane. 32Kwalapho kuso isiqu sesibane nxibelela amasebe aso abe mathandathu, oko kukuthi abe mathathu ngapha nangapha. 33La masebe mathandathu makahonjiswe ngomhombiso ofana neentyatyambo zealmondi, ibe nemidumba namagqabi eentyatyambo. 34Sona isiqu saso naso masihonjiswe ngomhombiso ofana neentyatyambo zealmondi enemidumbu namagqabi eentyatyambo. 35Onke amasebe ngambini makasekelwe ngumdumba. 36Imidumba namasebe makabe nto-nye nesiqu sesibane esenziwe ngegolide engangxengwanga. 37Kwesi siqu sesibane ke kofakwa izibane ezisixhenxe ngohlobo lokuba ziphose ilitha ngaphambili. 38Umcephe wokucima isibane nezithetyana zaso mazenziwe ngegolide. 39Iyonke igolide yokwenza esi sibane nobuxhaka-xhaka baso mayibe ngamashumi amathathu nantlanu eekhilogram ubunzima. 40Xa iyonke le nto uzuyenze ngokomzekelo endakubonisa wona entabeni. ”

Currently Selected:

EYEMFUDUKO 25: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy