YouVersion Logo
Search Icon

EYEMFUDUKO 17

17
Amanzi ampompoza eliweni
(Ntlango 20:1-13)
1Ekuphumeni kwintlango iSin onke amaSirayeli ahamba amabanga ngamabanga ngokuyalelwa *nguNdikhoyo, ada aya kufika eRefidim, akhe aphumla khona. Kule ndawo ke ayengekho amanzi. 2AmaSirayeli asuka ke alwa noMosis, athi: “Sinxaniwe; siphe amanzi!”
UMosis wathi kuwo: “Kutheni nisilwa nam nje? Nimlingelani uNdikhoyo?”
3Kambe ke amaSirayeli akayekanga ukumkhalazela uMosis, kuba ayenxaniwe. Athi: “Kodwa kodwa, ungathini ukusikhupha eJiputa, ukuze uze kusichana ngonxano, thina nentsapho nemfuyo yethu?”
4UMosis wazibika kuNdikhoyo, wathi: “Kodwa ndiza kubathini aba bantu? Bangasuka bandixulube ngamatye.”
5UNdikhoyo wayalela uMosis, wathi: “Thatha amadoda amakhulu, uhambe nawo, uwashiye amaSirayeli; ungayishiyi induku yakho owabetha ngayo umlambo iNayile. 6Ke mna uya kufika ndikulinde eliweni eHorebhe. Libethe iliwa elo. Kuya kumpompoza amanzi, amaSirayeli abe nokusela.” Yonke ke le nto uMosis wayenza ekunye namadoda amakhulu. 7Le ndawo ke yathiywa igama kwathiwa yiMasa neMeribha, kuba kaloku apha amaSirayeli alwa noMosis, amvavanya uNdikhoyo, esithi: “Ukho na phakathi kwethu uNdikhoyo, nokuba hayi?”
Idabi nama-Amaleki
8Apha eRefidim ke ama-Amaleki eza ahlasela amaSirayeli. 9UMosis ke wayalela uYoshuwa wathi: “Khetha amadoda athile, niphume niye kulwa nama-Amaleki. Ngomso mna ndiya kuma phezu kwentaba ndiphethe laa nduku ndiyinikwe nguThixo.” 10UYoshuwa wenza ngokomyalelo kaMosis, baphuma baya kulwa nama-Amaleki. Ke yena uMosis, enoAron noYuri, benyukela phezu kwentaba. 11Ngalo lonke ixesha uMosis eziphakamisile izandla zakhe, amaSirayeli ayewagxotha ama-Amaleki; kodwa athi akuzithoba izandla, oyiswe amaSirayeli. 12Wathi akudinwa uMosis, uAron noYuri bamhlalisa elityeni, bamxhaka, baphakamisa iingalo zakhe lada latshona ilanga. 13Ngale ndlela ke uYoshuwa wawaswantsulisa ama-Amaleki.
14*UNdikhoyo ke wathetha noMosis, wathi: “Yibhale ingcombolo yale mfazwe, khon' ukuze ingaze ilibaleke. Xelela uYoshuwa ukuba ndizimisele ukuwacim' igama ama-Amaleki kwelimiweyo.” 15UMosis wenza iqonga lamadini, wathi igama lalo nguNdikhoyo intshinga yam, 16esithi: “Yiphakamiseni intshinga kaNdikhoyo. UNdikhoyo uya kulwa naye uAmaleki kude kube ngunaphakade.”

Currently Selected:

EYEMFUDUKO 17: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy