YouVersion Logo
Search Icon

EYEMFUDUKO 16

16
Imana kunye nezagwityi
1Ke kaloku amaSirayeli anduluka e-Elim, aza athi ngenyanga yesibini kusuku lweshumi elinesihlanu andulukayo eJiputa, agaleleka kwintlango iSin. Yona ke iphakathi kwe-Elim neSinayi. 2Kanye ke apho kuloo ntlango amaSirayeli abakhalazela ooMosis noAron, 3athi kubo: “Akwaba *uNdikhoyo wayesibulalele eJiputa. Kaloku noko khona sasisitya inyama; kanti ke nokunye ukutya sasikutya side sikushiye. Kuba kucacile nisizise kule ntlango ukuze eli bandla xa lilonke nilichane ngendlala life.”
4UNdikhoyo wathetha noMosis wathi: “Uyabona ke ndiza kuthoba ukutya kune njengemvula, ukuze nonke nitye. AmaSirayeli makaphume aye kuzicholela ukutya okulingene imini mihla le. Ndizimisele ukukhe ndiwavavanye ndiwaqonde ukuba azimisele na ukuwuthobela umyalelo wam. 5Kodwa ke ngomhla wesithandathu makaqokelele azilungiselele ukutya kwemihla emibini.”
6Ngoko ke uMosis noAron bathetha nawo amaSirayeli, bathi: “Ngokuhlwanje niza kuqonda ukuba nguNdikhoyo owanikhupha eJiputa, 7kuba ngomso kusasa niya kukubona ukuqaqamba kobukho bukaNdikhoyo. Kaloku yena uzivile izikhalazo zenu; gxebe besingoobani ukuba ningade nisikhalazele thina?” 8UMosis waqhuba wathi: “UNdikhoyo uza kunipha inyama, nitye ngokuhlwa, kanti nakusasa uza kunipha isonka, nitye nihluthe, kuba uzivile izikrokro zenu enimkhalazela ngazo. Kakade ke besingoobani thina? Hayi bo! Anikrokreli thina, nikrokrela uNdikhoyo!”
9UMosis wayalela uAron ukuba axelele amaSirayeli aphume aye kubonana noNdikhoyo njengoko ezivile izikhalazo zawo. 10Esathetha nje uAron, athe amaSirayeli akukhangela ngasentlango abubona ubuqaqawuli bukaNdikhoyo bubengezela efini. 11Wathi ke uNdikhoyo kuMosis: 12“Xelela amaSirayeli ukuba ndizivile izikhalazo zawo; ngoko ke ngokuhlwa ndiya kuwanika inyama atye, ndize ngentsasa elandelayo ndiwaphe intaphane yesonka, khon' ukuze andiqonde ukuba ndinguNdikhoyo uThixo wawo.”
13Kwathi ke ngongcwalazi kwagaleleka igquba lwezagwityi, lwathi khakhalala kuyo yonke loo ndawo ayemise kuyo amaSirayeli. Kanti ke ngengomso kwasa kulele umbethe. 14Kuthe ke wakuvuthuluka umbethe lowo kwasala uqweqwe olungathi yiqabaka, lwawambathisa umhlaba. 15AmaSirayeli athe akuyibona le nto angayaziyo, abuzana athi: “Yintoni le?”
UMosis ke wathi kuwo: “Oku kukutya enikuphiwa nguNdikhoyo. 16Uthe umntu ngamnye kuni makathathe kangangesisu sakhe. Lowo uthathela umzi wonke wolinganisela ukuba umntu ngamnye afumane iilitha ezimbini.”
17Ke kaloku amaSirayeli enza ngokomyalelo lowo, abanye bathatha kakhulu, baza bambi bathatha kancinci. 18Kodwa ke athe akukufaka emlinganisweni ukutya oko afumanisa ukuba othathe kakhulu akagqithisanga, kanti ke nothathe kancinci akalambathi. Umntu ngamnye wathatha ngokwentswelo yakhe. 19UMosis wayalela ukuba kungabikho mntu ushiya mbeko. 20Kambe ke abanye abamphulaphulanga bakubeka. Ngengomso ke kwasa kubolile kuneempethu, waza ke uMosis wakhathazeka. 21Ngazo zonke iintsasa babethatha kangangezisu zabo. Kwakusithi ke lakuba shushu ilanga kunyibilike kuphele oko kutya kwabo.
22Ngomhla wesithandathu ke ukutya bakuthatha ngokuphindwe kabini, umntu ngamnye waneelitha ezine. Ke iinkokheli le nto zayixela kuMosis 23owathi yena kuzo: “UNdikhoyo usiyale wathi ngomso ngumhla owodwa wokuphumla, lusuku oluphawulelwe yena. Ngoko ke bhakani namhlanje xa nifuna, futhi nipheke kwanamhlanje, okuseleyo ke nikugcinele ingomso.” 24Okuseleyo ke bakugcinela ingomso ngokokutsho kukaMosis. Kona ke zange konakale. 25UMosis ke wathi kubo: “Yityani namhlanje, kuba olu lusuku lokuphumla oluphawulelwe uNdikhoyo; ngalo aniyi kukufumana ukutya phandle phaya. 26Oku kutya ningakuqokelela iintsuku zibe ntandathu, kodwa ke ngolwesixhenxe *nguMhla wokuPhumla; ngawo ke akukho.”
27Kambe ke nangoMhla wokuPhumla bambi abantu baphuma baya kufuna ukutya, nto nje abakufumananga. 28UNdikhoyo wabhekisa kuMosis wathi: “Koda kube nini ningandithobeli, bantundini? 29Kaloku ndaninika uMhla wokuPhumla; kungenxa yaloo nto ke ndininika ukutya kweentsuku ezimbini nje ngomhla owandulela owokuphumla. NgoMhla wokuPhumla wonke umntu makangenzi nto, angaphumi ekhaya.” 30Ngenene ke abantu baphumla ngoMhla wokuPhumla.
31Oku kutya ke amaSirayeli akuthiya igama athi yimana. Yona ke yayifana nembewu yekoriyanda imhlophe, emlonyeni ingathi ngamaqebengwana enziwe ngobusi.
32UMosis wabaxelela umyalelo kaNdikhoyo, wathi: “UNdikhoyo uthe: ‘Thathani iilitha zibe mbini zemana, nizigcinele izizukulwana ezizayo, ukuze nazo zikubone ukutya endanondla ngako entlango ukunikhupha kwam eJiputa.’ ” 33UMosis wayalela uAron wathi makathathe iilitha zibe mbini zemana, azifake engqayini, azibeke *esibingelelweni phambi koNdikhoyo, ibe nokubonwa nazizizukulwana ezizayo. 34Ngokomyalelo kaNdikhoyo ke uAron wayithatha, wayibeka kwityesi yomnqophiso, ukuze igcinakale. 35Ke kaloku yaba yiminyaka emashumi mane amaSirayeli esitya imana leyo, ada afika eKanana, apho ema khona. 36(Umlinganiselo ovunyiweyo ke waloo maxesha wawuyiefa, engangamashumi amabini eelitha. Isishumi sayo yayiyioma, engangeelitha ezimbini.)

Currently Selected:

EYEMFUDUKO 16: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy