YouVersion Logo
Search Icon

EYEMFUDUKO 15

15
Ingoma kaMosis
1Kwesi sithuba ke uMosis namaSirayeli bahlabela le ngoma, bedumisa *uNdikhoyo:
“Ndosuka ndintyiloze ndiculele uNdikhoyo;
kaloku yena woyise wada watshatshela.
Ihashe ngokunjalo nophezu kwalo
ulintywilisele phakath' elwandle.
2UNdikhoyo yinqaba negwijo lam;
ndinje-nje-nje ndisindiswe nguye.
Nanko ke uThixo wam, ndiyamdumisa;
nguThixo woobawo, ndotshila ngaye.
3“*UMhlekazi yena ulijoni;
igama lakhe *nguNdikhoyo.
4Umkhosi wamaJiputa neenqwelo zawo
wasuka waziphos' elwandle;
iingqwayi-ngqwayi zomkhosi ezinamagama
uzigubungele ngoLwandl' oluBomvu.
5Ngoku zambathiswe yinzonzobila;
suka zazika ngathi lilitye.
6“Hayi kamb' isandla sakho, Ndikhoyo,
yingwanyalal' etshatsheleyo!
Ewe, isandla sakho, wena Ndikhoyo,
siyaluvikiva utshaba lwakho.
7Ngangamsh' engatshonelwa langa,
ezikhahlela phants' izibhoja;
umavulel' umsindo ozayo,
uzithi lenye ngathi kutsh' ingca!
8Ngokuphefumla kwakho nje qha
suka ulwandle lwaba ziingqimba,
amanzi asuka aba ludonga,
inzonzobila yolwandle yakhenkceza.
9Utshaba lwathi:
‘Mandisukele ndibabambe.
Ndiya kuxhaphaz' amaxhoba, ndizanelise.
Ndiya kuxhoba ndif' amacala,
nditshayele nditshabalalise ngekrele.’
10Suka ke uNdikhoyo wafutha,
kwaba kanye antywiliseleka amaJiputa.
Ewe, azika nywam emanzini,
kwanga kukweyela kwesinyithi.
11“Kodw' angavela ph' onjengawe, Ndikhoyo,
obalasele kangaka ngobunyulu,
omiqondiso ikhamnqisa kangaka,
ozenzo zimangalisa ngokuncamisayo?
12Wathi wakusolula esakho isandla,
umhlaba wazithi bimbilili iintshaba zethu.
13Thembekil' othando lungatshitshiyo,
uyabakhokel' abant' obahlawuleleyo;
ngobungangamsha bakho ubathundezile,
bagaleleka kwikhaya lakho elingcwele.
14Izizwe zithe zingeva zaphithizela liphaphu,
atshw' amaFilistiy' arhwaqela luvalo.
15Iinkosi zakwaEdom zibamb' ongezantsi;
izinxiba-mxhaka zakwaMowabhi ziyatyhwatyhwa.
Asisathethi ke ngezima-mhlaba zaseKanana,
kuba zona ziya kunyibilika.
16Suka zazibhija-bhija zinkwantya;
ngobungangamsha bakho zaw' isiduli.
Baz' abakaNdikhoyo bagqitha bengcambaza;
nditsho abakhululwa awabathengayo.
17Wabathatha wabemisa entabeni yakho,
ndawo leyo ilikhaya lakho, Ndikhoyo;
ewe, endlwini yakho, Ndikhoyo,
leyo wazakhela yona.
18Hayi ke bethu, yena uNdikhoyo
uya kulawula ngonaphakade kanaphakade.”
Ingoma kaMiriyam
19Kaloku kwathi esakungena elwandle amahashe okumkani neenqwelo nabaqhubi, *uNdikhoyo wawagubungela ngamanzi, atshona. Kanti ke wona amaSirayeli aluwela ulwandle ehamba emhlabeni owomileyo.
20Ke kaloku umshumayelikazi uMiriyam, udade boAron, waqubula igubu lakhe, baza bonke ababhinqileyo bamlandela namagubu abo, batsho ngentsholo bengqungqa. 21UMiriyam ke wahlabela ingoma wenjenje:
“Hoyina! Memelelani nitsholoze!
UNdikhoyo woyise wada watshatshela!
Ihashe ngokunjalo nophezu kwalo
ulintywilisele phakath' elwandle.”
Amanzi akrakrayo
22UMosis ke wawakhokela amaSirayeli, balushiya uLwandle oluBomvu, baya kungena kwintlango iShure. Baba ntsuku-ntathu behamba kuloo ntlango; bengafumani manzi. 23Ngelikade baya kufika kwindawo ekuthiwa yiMara. Apha ke bawafumana amanzi, koko ayekrakra engaseleki. Kungenxa yeso sizathu kwakusithiwa nguKrakrayo nje igama layo. 24Ke kaloku amaSirayeli amkhalazela uMosis, athi: “Uthi siza kusela ntoni ke?” 25UMosis wakhala *kuNdikhoyo, waza ke yena wathi makakhe ihlamvu lomthi othile, alifake emanzini apho. Akuba enjenjalo ke, baphela ubukrakra emanzini, aba nokuselwa.
Apha ke kulapho wabanika imimiselo yokuziphatha uNdikhoyo, wabavavanya. 26Wenjenje ukuthetha: “Ukuba nithe nandithobela ngokupheleleyo, nenza okuhle nokufanelekileyo ngokuhamba ngemimiselo yam, soze ndinohlwaye ngezibetho nezifo endaziwisela amaJiputa. Kaloku mna ndinguNdikhoyo, ugqirha wenu.”
27Kamva ke bafika e-Elim, apho kwakukho imithombo elishumi elinambini, nemithi yesundu engamashumi asixhenxe. Bahlala ke bakhe baphumla kufuphi naloo manzi.

Currently Selected:

EYEMFUDUKO 15: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy