YouVersion Logo
Search Icon

EYEMFUDUKO 11

11
Isibetho sokugqibela
1*UNdikhoyo wabhekisa kuMosis wathi: “Uyabona ke, ukumkani lo ndawonye nabantu bakhe ndiya kumzisela isibetho sokugqibela. Emva kweso ke uya kunikhulula nihambe. Enyanisweni uya kunigxotha niphume niphele. 2Ngoku ke yitsho ibe ngulowo nalowo kumaSirayeli acele isiliva negolide kummelwane wakhe.” 3UNdikhoyo ke wawenza axatyiswa amaSirayeli ngamaJiputa. Ngenene uMosis wayehlonitshwe gqitha ngamaphakathi kakumkani ndawonye nawo onke amaJiputa.
4UMosis waxelela ukumkani wathi: “UNdikhoyo uthi: ‘Ndiya kuphuma ezinzulwini zobusuku, ndilijikeleze lonke elaseJiputa. 5Ndiya kuwathi qwaka afe onke amazibulo, kuqalela kwelokumkani ongqendeve ebhotwe, kuye kwelekhoboka elisebenzayo, kuye kuthi xhaxhe kwizibulo lemfuyo. 6ElaseJiputa liya kuhlahlamba ngesijwilikazi esingazange seviwa ngaphambili, esingayi kuze siviwe nanini na. 7Kanti ke wona amaSirayeli nemfuyo yawo sobe abe nawo nowempumlo umkrwelo.’ Ngaloo ndlela ke niya kutsho niqonde ukuba uNdikhoyo uyahlula phakathi kwamaJiputa namaSirayeli.”
8UMosis waqukumbela ngelithi: “Ke wona la maphakathi akho aya kuza kum akhahlele endibongoza esithi: ‘Thatha abantu bakho, niphume niphele kweli.’ Kwakuba njalo ke ndiya kunduluka.” Akukhov' ukutsho ke, uMosis waphuma efuthekile.
9Ke kaloku uNdikhoyo wayethethe noMosis wenjenje: “Ukumkani waseJiputa akayi kukuphulaphula, khon' ukuze ndiyandise imimangaliso yam phakathi kwamaJiputa.” 10Le mimangaliso ke uMosis noAron bayenza phambi kokumkani. Kambe ke uNdikhoyo wamqaqadekisa ukumkani waseJiputa, akavuma ukuwakhulula amaSirayeli emke eJiputa.

Currently Selected:

EYEMFUDUKO 11: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy