YouVersion Logo
Search Icon

EYEMFUDUKO 10

10
Iinkumbi
1*UNdikhoyo wathetha noMosis wathi: “Yiya kwakumkani. Kaloku yena namaphakathi akhe ndibaqaqadekisile, ukuze ndifumane ithuba lokwenza le miqondiso phakathi kwabo, 2nokuze nibe nako ukubalisela abantwana nabazukulwana benu. Niya kubanika ingcombolo yendlela endabonisa ngayo ubungangamsha bam kumaJiputa, nangemiqondiso endiyenzileyo phakathi kwawo, khon' ukuze nani niqonde ukuba ndinguNdikhoyo.”
3UMosis noAron ke baya kwakumkani, bathi kuye: “UNdikhoyo uThixo wamaHebhere uthi: ‘Koda kube nini ungavumi ukuzithoba kum? Khawubakhulule abantu bam, baye kundikhonza. 4Ukuba uyala, ngomso ndiza kuthumela iinkumbi emhlabeni wakho. 5Ziya kuba yinyambalala eya kuwugquma tu umhlaba wakho xa uwonke. Yonke into esinde kwesiya sichotho ziya kuyinqunqutha iphele tu! Nditsho nomthi lo wembala. 6Ziya kunyakazela ezindlwini zakho, kwezamaphakathi, nakuzo zonke izindlu zamaJiputa. Lowo iya kuba ngumbono ongazange walanywa ngooyihlo ngokunjalo nooyihlo-mkhulu ezimbalini zeli lizwe.’ ” Akuba etshilo waphuma, wemka kwakumkani.
7Amaphakathi kakumkani abhekisa kuye athi: “Yaz'ba kode kube nini na lo mfo elukhwembe-khwembe kuthi? Nceda, khulula aba bantu baye kukhonza uNdikhoyo uThixo wabo. Ngaba awukaqondi ukuba iJiputa itshabalele?”
8Babizwa ke ooMosis noAron, babuyela kukumkani, waza wathi kubo: “Hambani niye kukhonza uNdikhoyo uThixo wenu. Kodwa ke ngoobani kanye abaza kuhamba?”
9UMosis wathi: “Kuza kuhamba abadala nabanci, oonyana neentombi, iigusha neenkomo. Kaloku kufuneka senzele uNdikhoyo itheko.”
10Kambe ke ukumkani waphendula wathi: “Ndifung' uNdikhoyo, soze ndinikhulule nihambe neentsapho zenu. Kakade, nithi andiniboni ukuba nindenzela iyelenqe? 11Hayi, makuhambe amadoda odwa aye kukhonza uNdikhoyo, njengoko nanitshilo kakade.” Baza ke bakhutshwa buphuthu-phuthu apho kwakumkani.
12Kwesi sithuba ke uNdikhoyo wayalela uMosis wathi: “Phakamisa ingalo yakho, uwangawangise kulo lonke elaseJiputa, ukuze kuvele iinkumbi eziya kunqunqutha zonke izityalo nayo yonke into eyasinda esichothweni.” 13UMosis ke wayiphakamisa induku yakhe, wawangawangisa ngayo, waza ke uNdikhoyo wathumela umoya wasempuma, wabhudla loo mini yonke nobusuku bayo. Kwathi kusisa kwaye sekunyakazela ziinkumbi kulo lonke elaseJiputa. 14Zafika zilibubu, zanyakazela kulo lonke elaseJiputa neziphaluka zalo. Ezingako zona zazingazange zabonwa ngaphambili, zaye zingasoze zibonwe nanini na! 15Zaba lukhoko olwawambathisa wonke umhlaba; kwatsho kwamnyama nje! Zanqunqutha zonke izityalo nemithi yeziqhamo, nako konke okwasinda mhla ngesiphango, zatsho akwasala nempunde le yegqabi eliluhlaza kulo lonke elaseJiputa.
16Ukumkani ke wababiza ngobungxamo ooMosis noAron, wathi kubo: “Ndimonile uNdikhoyo uThixo wenu, ngokunjalo nani. 17Ndicela uxolo ngesono sam; ndiyanibongoza, okwesi isihlandlo khaninditarhuzisele kuNdikhoyo uThixo wenu, ayisuse le ntshabalalo!” 18Waphuma ke uMosis, waya kuthandaza uNdikhoyo. 19UNdikhoyo ke wathumela umoya wasentshona, wazitshayela zonke iinkumbi, waya kuzeyelisela kuLwandle oluBomvu, akwasala nob' ibe nye inkumbi kwelaseJiputa. 20Kambe ke uNdikhoyo wamqaqadekisa ukumkani waseJiputa, akavuma ukuwakhulula amaSirayeli.
Isithokothoko sobumnyama
21Waphinda *uNdikhoyo wayalela uMosis ukuba aphakamisele isandla sakhe esibhakabhakeni, ukuze kubekho isithokothoko sobumnyama kulo lonke elaseJiputa, esatsho baziimpumputela abantu. 22Wasiphakamisa ke uMosis isandla sakhe, kwaza kwakho isithokothoko sobumnyama esabetha kwathi thsu iintsuku ezintathu kulo lonke elaseJiputa. 23Obo bumnyama ke batsho amaJiputa akabi nako nokubonana oku, engenako nokuphuma endlwini ezo ntsuku zontathu. Kanti ke kwisiphaluka samaSirayeli kwakukhanya.
24Waza ke ukumkani wabiza uMosis, wathi kuye: “Ngoku ningahamba niye kukhonza uNdikhoyo kunye nabafazi nabantwana benu, nishiye imfuyo yenu kuphela.”
25UMosis waphendula wathi: “Kofuneka ke usinike izinto esobingelela ngazo, ngokunjalo nezokwenzela uNdikhoyo uThixo wethu amadini atshiswayo. 26Hayi bo! Asinakuyishiya imfuyo yethu; asinakushiya nob' ibe nye! Kaloku kufuneka sizikhethele ngokwethu leyo siza kuyisebenzisa xa sinqula uNdikhoyo uThixo wethu, ibe ke asinakuyazi esiza kubingelela ngayo side sifike apho siya khona.”
27Kambe ke uNdikhoyo wamqaqadekisa ukumkani, akavuma ukubakhulula. 28Ukumkani wamgxotha uMosis, wathi: “Phuma! Zichithe! Mandingaze ndiphinde ndikubone! Mhla ndakubona ndokucim' igama!”
29UMosis waphendula wathi: “Uthethe kakuhle! Soze uphinde undibone!”

Currently Selected:

EYEMFUDUKO 10: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy